1. Kwisetyhula 0030/2006 kwanikwa izintlu zeencwadi izikolo ezinokukhetha kuzo iincwadi zezifundo zamaBakala 8, 9 no-11 zokuzisebenzisa ukuphumeza iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke ukususela ngo-2007.
2. Ngelishwa kubekho iimpazamo nezinto ezishiyelelweyo kwisiHlomelo A ebesihamba neSetyhula 0030/2006. Ziyacelwa iinqununu ukuba zenze izilungiso nezongezelelo kwisiHlomelo A, njengoko kubonisiwe kwiitheyibhile ezilapha ngezantsi.
3. Niyinikiwe ifom yerikhwizishini entsha, isiHlomelo C, ukulungiselela ii-odolo.
4. Kubalulekile ukuba kuzaliswe ngokupheleleyo isiHlomelo D seSetyhula 0030/2006, esicela inkcazo ngokubanzi yesicwangciso sesikolo sokubuyiswa kweencwadi zezifundo ezinikwa abafundi (outline of school’s plan to retrieve textbooks), size sibuyiswe sihamba kunye nerikhwizishini yesikolo. Akukho zi-odolo ziya kwenzelwa izikolo ngaphandle kokuba sibuyisiwe isiHlomelo D esihamba kunye nerikhwizishini.
5. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba makuxoxwe ngokukhethwa kweencwadi zezifundo nootitshala abachaphazelekayo kunye neentloko zezifundo (subject heads) kwangexesha ukuze kube nokukhethwa ezona ncwadi zezifundo zibhetele.
6. Iinqununu ziyakhunjuzwa kwakhona ukuba izikolo mazingagcini iincwadi ezathengwa ngokusebenzisa iiprojekthi ezizodwa (special projects) zipakishwe esitoreni, nokuba makusetyenziswe idatha yeCEMIS ukutshekisha amaYnani. Nangona kunjalo, iinqununu maziqinisekise ukuba ku-odolwa iincwadi ezaneleyo ukulungiselela amanani alindelekileyo kwibakala kunyaka ngamnye weminyaka emi-3 elandelayo.
7. IziHlomelo C no-D mazibuyiswe ingagqithanga i-8 Agasti 2006. Kucelwa uqaphele ukuba akukho zi-odolo zifike kade ziya kuhlawulelwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:18

isiHlomelo A  (ubukhulu: 14 KB)
isiHlomelo C  (ubukhulu: 59 KB)