1. UMphathiswa weNkonzo kaRhulumente noLawulo (Minister for Public Service and Administration (MPSA)) uthe, ukususela kowoku-1 Januwari 2006, wakhupha isigqibo esingokuqaliswa kwephakheji yokuqhawula inkonzo okuqalwa ngabasebenzi (Employee-Initiated Severance Package (EISP)).

2. UKUSEBENZA KWESI SIGQIBO
2.1 Esi sigqibo sisebenza kubo bonke abaqeshwa abaqeshwe ngokusisigxina ngokoMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994, (Public Service Act, 1994), njengoko ufakelwe umbandela, kodwa asibandakanyi abantu abaqeshwe okwethutyana (appointed temporarily) okanye abaqeshwe ngemvumelwano yexesha eliqingqiweyo (fixed term contract).
2.2 Kusalindelwe isigqibo kuMphathiswa wezeMfundo kuZwelonke sokuba ngaba le Phakheji yokuQhawula iNkonzo okuQalwa ngaBasebenzi (EISP) iza kusebenza na kubaqeshwa abangootitshala.

3. INJONGO YESIGQIBO
3.1 Injongo yesi sigqibo kukuvumela abaqeshwa abachatshazelwe yinguqu nohlenga-hlengiso (transformation and restructuring) nabanqwenela ukushiya inkonzo karhulumente, ukuba benze izicelo zokunikwa iphakheji yokuqhawula inkonzo okuqalwa ngabasebenzi, kuze kuthi ukuba zivunyiwe, kufuneke ukuba umqeshwa azirhoxele ngokwakhe (resign voluntarily) kwinkonzo karhulumente.
3.2 ISebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo (Department of Public Service and Administration (DPSA)) linike le ngcaciso ilandelayo ukucacisa ukuba kuthetha ukuthini na oku “abaqeshwa abachatshazelwe yinguqu nohlenga-hlengiso” (employees affected by transformation and restructuring):

Inguqu (Transformation)

“Iphathelele kwiimeko apho kukho imfuneko yokuba kutshintshwe uhlobo, umsebenzi okanye imeko yokuqhubeka kokuqeshwa komqeshwa ukwenzela ukuphumelelisa imigaqo yokwenziwa kwenkonzo karhulumente kuluntu njengoko iqulethwe kwiSiqendu 195 soMgaqo-siseko, 1996. Eneneni xa kusenziwa oku, iimeko ezinjengezi ziya kuphathelela ngqo koku kulandelayo:

  • Ukuphuculwa kokusetyenziswa ngendlela eyiyo kweemali

  • Ukubonelelwa kweenkonzo zikarhulumente kuluntu ngokufanayo

  • Ukubakho kwabasebenzi abamele zonke iintlanga"

Uhlenga-hlengiso (Restructuring)

“Luphathelele kwiimeko apho ukuqhubeka kokuqeshwa komqeshwa kuba kokungafunekiyo ngenxa yoku kulandelayo:

  • Ukulungiswa ngokutsha kunye/okanye ukususwa kwemisebenzi isiwe kwenye indawo

  • Imfuneko yokususwa kwabaqeshwa basiwe kwezinye iindawo kunye/okanye ukufakwa kweminye imisebenzi kwabaqeshwa abangaphezu kwemfuneko”

4. UKUSEBENZA KWESIGQIBO (APPLICATION OF THE DETERMINATION)

Kuphela ngabaqeshwa abachatshazelwa yinguqu nohlenga-hlengiso abangenza izicelo zokuzirhoxela ngokwabo enkonzweni karhulumente ngokususela kwiphakheji yokuqhawula inkonzo okuqalwa ngabasebenzi, njengoko kuchaziwe kwisiHlomelo EISP esiqhotyoshelweyo.


5. IZINTO EZIZA KUJONGWA XA KUQWALASELWA IZICELO
5.1 Xa lowo unegunya lokwenza oku (okanye umthunywa wakhe (delegate)) efumana isicelo, kufuneka enze isigqibo sokuba ngaba uyasixhasa na okanye akasixhasi isicelo eso.
5.2 Ekuqwalaseleni isicelo, kuya kuthathelwa ingqalelo ezi zinto zilandelayo, njengezona mfuno zisezantsi:
5.2.1 Indima edlalwa kukushiya inkonzo yesebe komqeshwa malunga nokwazi ukwenza kwalo inkonzo
5.2.2 Ulwazi lomqeshwa nokufaneleka kwakhe ukuqhubeka nokuqeshwa
5.2.3 Uhlobo ekuthi ngalo ukushiya inkonzo komqeshwa kuxhase inguqu nohlenga-hlengiso lwesebe
5.2.4 Izizathu ezithile ezibangela ukuba umqeshwa enze isicelo
5.2.5 Ukubanako kwesebe ukuxhasa ngemali iindleko eziphathelele kwintlawulo yephakheji yokuqhawula inkonzo (umz. ukubuyisa imali yeNgxowa-mali yoMhlala-phantsi (Pension Fund), intlawulo yokuqhawula inkonzo, intlawulo yekhefu njl. njl.)
5.2.6 Indima edlalwa kukunikwa iphakheji yokuqhawula inkonzo ekuchaphazeleni umoya wokuqhubeka nomsebenzi (morale) kwabanye abaqeshwa
5.2.7 Ngaba umqeshwa lowo ukwisithuba esabelwe isebe ngokusemthethweni (department’s establishment) okanye ngaba umqeshwa ngumntu owongezelelweyo kwizithuba zesebe

6. ISAZISO SOKUPHELISA INKONZO

Akufumana incwadi evuma isicelo sakhe, kufuneka umqeshwa abhale incwadi yokwazisa ngokurhoxa kwakhe kwinkonzo ngokungqinelana nemiMiselo yeNkonzo kaRhulumente 2001 (ISahluko 1, ICandelo VII G 2.3) (Public Service Regulations, 2001 (Chapter 1, Part VII G 2.3). Ukuphuma komqeshwa enkonzweni makwenzeke lingekapheli ithuba eliziinyanga ezimbini ususukela kumhla wesaziso sesigqibo sokuvuma isicelo sakhe.


7. IMIBA NGOKUBANZI (GENERAL ASPECTS)
7.1 Nakuphi na ukuziphatha kakubi okanye ukungakwazi kwenza umsebenzi komqeshwa makuqalwe kusingathwe kugqitywe phambi kokuba kube nokuqwalaselwa isicelo sakhe.
7.2 Ukuba saliwe isicelo, akukho mfuneko yakusithumela isicelo eso kwiSebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo (Department of Public Service and Administration (DPSA))
7.3 Ukuba saliwe isicelo, makunikwe izizathu ezibhaliweyo zokwaliwa kwaso
7.4 Abaqeshwa mabaxelelwe ngelungelo labo lokufikelela esigqibeni sokuba siphinde sihlalelwe kwakhona isicelo eso (review). Ngokumalunga noku makungqinelwane noMthetho wokuKhuthaza uLawulo ngoBulungisa, 2000 (Promotion of Administrative Justice Act (PAJA)), 2000.

8. UKUJONGWA BANZI KWEZINTO EZIQWALASELWAYO XA KUSENZIWA ISIGQIBO

Ukujongwa banzi kwezinto eziqwalaselwayo xa kusenziwa isigqibo ngesicelo ezichazwe kumhlathi 5.2 apha ngasentla kwenzelwa ukufumana uthelekiso oluvokothekileyo (sound balance) phakathi kokwenziwa kwenkonzo nezinto ekunyanzelekileyo ukwenziwa ukuze kubekho inguqu (ubulungisa kwezengqesho (employment equity) ngenjongo yokuba nabasebenzi abamele zonke iintlanga ngakumbi).


9. Isigqibo somphathiswa sijolise okokokuqala ekubeni inkonzo karhulumente eyenzelwa uluntu ihlale iqhubeka kwaye izinze ingaphazanyiswa nto. Ngako oko ke kucace gca ukuba ayizizo zonke izicelo eziya kuphumelela. Kuya kufuneka kulandelwe inkqubo ethathela ingqalelo zonke iinkalo (holistic approach) ukuqinisekisa ukuba iSebe iWCED aliphulukani nabasebenzi abanezakhono nabaziingcali abaxabiseke kakhulu. Ngokumalunga noku kugqitywe ekubeni lo gama abaqeshwa banokungenisa izicelo zabo zokuqhawula inkonzo, izigqibo zokugqibela malunga nezi zicelo ziya kuthathwa kuphela kwakuba kusaziwa isiphumo senkqubo yokuhlelwa ngokutsha kwe-WCED.


10. ABAQESHWA ASELE BECHATSHAZELWE YINGUQU NOHLENGA-HLENGISO LWANGAPHAMBILI

Bonke abaqeshwa esele kuthiwe bangaphezu kwemfuneko bangenza izicelo zokuqhawula inkonzo. Abaqeshwa abasebatsha abanqwenela ukuhlala enkonzweni bangatshintshiselana ngemeko yabo yokuba ngaphezu kwemfuneko (exchange their excess status) nabasebenzi abadala abanqwenela ukushiya inkonzo. Nakuba kunjalo, olo tshintshiselwano luya kuvunywa kuphela xa abaqeshwa abo belingana ngokwesikhundla kwaye/okanye bekwindawo yomsebenzi enye. Ukuba abaqeshwa abanqwenela ukutshintshiselana ngeemeko zabo abekho kwindawo enye, ezo ndawo bakuzo mazibe kumgama okufuphi enye kwenye ukwenzela ukuba kube lula ukuthathwa komqeshwa ongaphezu kwemfuneko kweso sithuba sivelileyo.

10.1 INKQUBO YOKUQWALASELWA KWEZICELO

Izicelo mazingeniswe ngolu hlobo lulandelayo:

10.2 Abaqeshwa mabazalise ifom yokwenza isicelo (isiHlomelo A) eqhotyoshelweyo.
10.3 Ifom yokwenza isicelo (isiHlomelo A) mayingeniswe kumphathi womqeshwa (okwinqanaba loMlawuli/leNtloko yeziko) ngenjongo yokuba anike uluvo lwakhe/ingcebiso yakhe. Umphathi womqeshwa makongeze uluvo lwakhe/ingcebiso yakhe kwiCandelo B lesiHlomelo A. Umphathi womqeshwa makangenise ifom yesicelo kwi-Ofisi yezaBasebenzi (Personnel Office), ekuya kuba yiyo enoxanduva lokusingatha le nkqubo ukuyisa phambili kwaye lidibanise zonke izicelo.

11. INKQUBO YOKWENZA IZIGQIBO

Kucaciswe ezi nkqubo zokwenza izigqibo zilandelayo kwisigqibo soMphathiswa weNkonzo kaRhulumente noLawulo (Minister for Public Service and Administration (MPSA)):

11.1 ILungu leSigqeba soLawulo (Member of the Executive Council (MEC)) elichaphazelekayo (okanye umthunywa walo) malibonise ukuba ngaba liyasixhasa okanye alisixhasi isicelo;
11.2 UMphathiswa weNkonzo kaRhulumente noLawulo (MPSA) (okanye umthunywa wakhe) makanike uluvo lwakhe ngokumalunga nesicelo; yaye
11.3 ILungu leSigqeba soLawulo MEC (okanye umthunywa walo) malenze isigqibo sokugqibela.

12. IMIBUZO EDLA NGOKUBUZWA

Okuqhotyoshelwe apha luluhlu lwemibuzo edla ngokubuzwa ukwenzela ukunceda abaqeshwa nangakumbi ngokumalunga nalo mbandela. (Jonga kwisiHlomelo B esiqhotyoshelweyo.)


13. Umyalelo womphathiswa weMPSA nezinye iziqulatho zakutshwa ngolwimi IwesiNgesi lodwa. Ikopy ngamanye amalwimi amabini ndeliswa kungekudala.

14. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba bonke abasebenzi abaqeshwe phantsi koMthetho weNkonzo kaRhulumente (all Public Service Act staff members) bayaxelelwa ngokubhalwe kule setyhula. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:15


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).