Kuvunyiwe ukwandiswa kwenkxaso-mali ekhutshwa qho ngekota ethunyelwa kwiipriprayimari ezihlelelekileyo/kumaziko okufunda aneeklasi (IBakala R) ahlelelekileyo, neya kubalwa kuqalelwa emva (backdated increases) ukususela kwi-1 Apreli 2005 (Ikota yesibini) neyandiswe ukusuka kwi-R3 ukuya kwi-R6 okanye i-R7 ngomfundi. Ukuze kube nokuphuculwa ukungena nokukhutshwa kwemali ngamaziko okufunda aziipriprayimari, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ligqibe ekubeni litshintshe indlela esetyenziswayo ngoku yokuhlawula iintlawulo zenkxaso-mali ezine (4) ezenziwa qho ngekota.

1. UKWANDISWA KWENKXASO-MALI

Ngenxa yokunganeli kwemali, akunako ukuba zonke izikolo/onke amaziko azuze kule nkxaso yandisiweyo. Ngenxa yoku kwaye kwasetyenziswa imigaqo yeMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali kaZwelonke yenkxaso-mali enikwa izikolo, ukuchonga ezona zikolo zihlelelekileyo. Izikolo ezinoluvo lokuba inqanaba lazo lentlupheko lahlelwa ngokungachanekanga, zingabhala ileta enezizathu ezivokothekileyo ezixhasa oko ziyithumele kuMlawuli we-EMDC yazo yeSebe iWCED ukwenzelwa ukuba xa kunokwenzeka kuphinde kuqwalaselwa kwakhona ukuhlelwa kwazo. Izikolo eziye zazuza koku kwandiswa kwenkxaso-mali zafumana iileta zazo isikolo ngasinye.


2. UTSHINTSHO KWINDLELA YOKUHLAWULA

Inkqubo ekhoyo njengangoku yokwenza iintlawulo zeekota ezine ezikolweni iyatshintsha ukususela ngoku ukwenzela ukuba kulungiselelwe iintlawulo ezimbini zeenyanga ezintandathu. Intlawulo yokuqala iya kuqala yonke iminyaka ngoJulayi kwaye iya kuba yeyekota yesibini kunye nentlawulo eyenziwa ngaphambi kwexesha yekota yesithathu ebalwa ngokususela kwinani elibhalisiweyo labafundi kwikota yesibini. Intlawulo yesibini iya kwenziwa yonke iminyaka ngo-Oktobha kwaye iya kuba yeyekota yesine nentlawulo eyenziwa ngaphambi kwexesha yekota yokuqala kunyaka omtsha wokufunda. Inkqubo emalunga nokungeniswa kweefom zezicelo zenkxaso-mali iya kuhlala injalo, o.k.t. ekupheleni kwekota nganye. Ukutshekishwa kwee-akhawunti zenziwe zingqinelane kuya kwenziwa qho okokoko zize iintlawulo ezigqithisileyo zitsalwe kwintlawulo elandelayo. Makusetyenziswe imiqathango engqongqo yezimali ukuqinisekisa ukuba utitshala weBakala R uyawufumana umvuzo wakhe wenyanga nokuba zikho iimali ezilungiselelwe ukujongana nemicimbi yemihla ngemihla yeziko lokufunda/yeklasi.


3. INJONGO YENKXASO-MALI

Ngenxa yokungaqiniseki ngokubhekiselele ekusetyenzisweni kwenkxaso-mali, kuza kusetyenziswa ukususela ngoku ezi zikhokelo zilandelayo ukuqinisekisa usetyenziso ngendlela eyiyo kwenkxaso-mali:

3.1 Isahlulo sokuqala senkxaso-mali siya kuba yi-70% nesiya kuba ngumvuzo katitshala ize i-30% ilungiselele ukwenziwa kwezinto zemihla ngemihla ngamaziko okufunda/ziiklasi, o.k.t ukuthengwa kwezibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa zepriprayimari (iBakala R), izinto zokubhala nezixhobo. Olu luhlu lulandelayo lwezinto lungathathwa njengezinto eziyimfuneko:
  • Umvuzo katitshala

  • Izibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa neenkonzo, umz. iglu, ipeyinti, intlama njl. njl.

  • Izinto zokudlala ezifundisayo/izixhobo

QAPHELA. Njengoko kucacile ukuba inkxaso-mali karhulumente ayisayi kwanela ukujongana nazo zonke iindleko, umphathi weziko lokufunda/wesikolo makajonge ezinye iindlela zokunyusa imali yeziko, umz. ukucela inkxaso (sponsorships), ukunyuswa kwengxowa (fundraising), inkxaso eyimali (financial support) evela kubazali njl. njl., nokuqinisekisa ukuba utitshala ufumana ubuncinane umvuzo oyi-R2 000 ngenyanga. Zizikolo zasemaphandleni kuphela ezinamanani asezantsi abafundi ababhalisileyo eziya kuthathelwa ingqalelo ngokumalunga nenkxaso-mali yenyanga ubuncinane eyi-R2 000. Nakuba kunjalo, izikolo mazazi ukuba, ukususela kwikota yesibini ku-2006, bonke abafundi abafanelekileyo baya kuxhaswa ngemali. Kodwa ke inani labafundi elibhalisileyo kwiklasi enye malingagqithi kubafundi abayi-30.

3.2 Kuya kwenziwa imvumelwano minyaka le phakathi kukatitshala nomqeshi wakhe neya kubandakanya ezi zinto zilandelayo:
  • umvuzo wenyanga (basic monthly salary)

  • iimeko zengqesho umz. ikhefu lonyaka, iiyure zomsebenzi njl. njl.

  • Ikharityhulam eza kulandelwa.

4. IMIQATHANGO YOKUHLAWULWA KWENKXASO-MALI
4.1 La maxwebhu alandelayo makahanjiswe nesicelo senkxaso-mali qho ngekota (IziHlomelo A no-B):
  • Ingxelo-mali ebanzi (comprehensive financial statement) (IsiHlomelo C) elungiswe ligosa lezimali lesikolo ibonise ukuba inkxaso-mali yexesha langaphambili eyayabelwe iziko elo yasetyenziswa njani na. Le ngxelo-mali (financial statement) mayisayinwe yinqununu, ngutitshala weBakala R, lingqina nangusihlalo webhunga lolawulo lesikolo, ukuba likho. Ingxelo-mali mayihanjiswe neerisithi zako konke okwathengwayo.

  • Ikopi yerejista yeklasi yokuhamba isikolo yemihla ngemihla nebonisa ngokucacileyo

  • ukuhamba isikolo kwemihla ngemihla nokungabikho komfundi ngamnye.(IsiHlomelo D)

4.2 Isikolo naso masithobele le miqathango ilandelayo:
  • Masibhaliswe ngokusemthethweni kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kwaye masibe nesatifikethi sobhaliso esikhutshwe nguNdlunkulu weSebe leMfundo leNtshona Koloni

  • Masibe singenise iifom ezimbini zophando oluqhuphayo (snap survey forms) kwakunye nefom yophando ye-EMIS yonyaka (annual EMIS survey form).

  • Masibe ne-akhawunti yokubhankisha esemthethweni ebhaliswe egameni lesikolo, ingelilo igama lomntu wabucala (private entity), apho kunokufakwa khona inkxaso-mali.

  • Masithobele ikharityhulam yeSebe leMfundo leNtshona Koloni.

4.3 Ukungaphumeleli ukungqinelana nazo naziphi na iimfuno ezilapha ngasentla, kungakhokelela ekunqunyanyisweni okungamiselwanga xesha kwenkxaso-mali kude kube lelo thuba lokuba kuphunyezwe ezo mfuno.
4.4 Izikolo/amaziko ayakhunjuzwa ngokubhalwe kwiSetyhula 0046/2004 yeWCED, ecacisa ukuba akukho bafundi beBakala eliphambi kweBakala R o.k.t. abafundi angaphantsi kweminyaka emi- 4 neenyanga ezi-6, mabanikwe indawo ngaphakathi kwamasango esikolo sikarhulumente.

5. Makwaziswe okuqulethwe yile setyhula bonke abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo kwimfundo yoPhuhliso lwaBantwana abasaQalayo (Early Childhood Development) (ECD) esikolweni/kwiziko lokufunda nakwi-EMDC.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:12

isiHlomelo A  (ubukhulu: 7 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 12 KB)
isiHlomelo C  (ubukhulu: 6 KB)
isiHlomelo D  (ubukhulu: 33 KB)