1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liqalise iprojekthi eyodwa yokubonelela umfundi ngamnye ngencwadi yesifundo (textbook) kuso ngasinye sezi zifundo zilandelayo:
IiLwimi: ULwimi loKuqala iBakala 11
IiLwimi: Isi-Afrikansi uLwimi loKuqala oLongezelelweyo
amaBakala 8, 9 no-11
IiLwimi: IsiNgesi uLwimi loKuqala oLongezelelweyo
amaBakala 8, 9 no-11
IMathematika amaBakala 8 no-9
IMathematika okanye Isifundo soLwazi ngeMathematika
iBakala 11
IFizikhali Sayensi iBakala 11
ISayensi yezeNdalo amaBakala 8 no-9
|
2. |
Le projekthi ixhasa ukuphunyezwa kweNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS) kumaBakala 8, 9 no-11 ngo-2007, yaye ngakumbi ekuxhaseni ukufundwa nokufundiswa ngendlela eyiyo kweeLwimi, iMathematika neSayensi. Izikolo zazazisiwe ngale projekthi kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo lezeKharityhulam 0039/2006 baza bakhuthazwa ootitshala kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo lezeKharityhulam 0057/2006 ukuba bazikhangelisise kakuhle ezi ncwadi zezifundo ngethuba leekhosi ze-NCS ezingethuba leeholide zikaJuni/Julayi.
|
3. |
Okuqhotyoshelwe apha zezi zinto zilandelayo ozithunyelelwayo:
IsiHlomelo A - Uluhlu lweencwadi zezifundo ezithile ezicacisiweyo
zamaBakala 8, 9 no-11
IsiHlomelo B - Iikhrayitheriya ezisetyenziswe ekukhetheni iincwadi
zamaBakala 8, 9 no-11
IsiHlomelo C - Ifom yeRikhwizishini
IsiHlomelo D - Ifom yokuBuyiswa kweeNcwadi zeZifundo ngaBafundi
(Textbook Retrieval Form)
|
4. |
Ikomiti yokukhetha iincwadi eyenziwe ngamagosa esebe nootitshala iziphengulule iincwadi isebenzisa iqela leekhrayitheriya zokukhetha iincwadi, kubandakanywa nokuba zihambelane ne-NCS. Iincwadi mazikhethwe kwezi zintlu ziqhotyoshelweyo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni aliyi kuzihlawulela iincwadi ezingakhethwanga kwezi zintlu.
|
5. |
Kufuneka izikolo zizikhethe iincwadi zazo zesifundo ngasinye zize zazise ezifundo iSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokuthi zizalise ifom yerikhwizishini (IsiHlomelo C). Le fom yerikhwizishini ifuna ukuba izikolo zenze oku kulandelayo:
Zikhethe izihloko ezi-2 ngolandelelwano lokukhetha kwazo (ekhethwa kuqala (1st choice) nelandelayo eyesibini (2nd choice)) kwisifundo ngasinye
Zinike inani labafundi elilindelekileyo kwisifundo ngasinye ngo-2007
Zinike inani leeklasi elilindelekileyo kwisifundo ngasinye ngo-2007. Qaphela ukuba i-odolo yeBakala 11 ngo-2007 mayingabi ngaphezu kwabafundi ababhalisele iBakala 11 ngo-2006 nge-8% ngaphandle kokuba kuthunyelwa izizathu ezivakalayo ezixhasayo kuMlawuli weCandelo loPhuhliso lweKharityhulam kwaye oko kuyavunywa ngaphambi kwe- 8 Agasti 2006.
Zityumbe umthengisi-zincwadi ovunyiweyo omnye noya kuthi ke ngoko athathwe ngemvumelwano liSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba azise iincwadi esikolweni eso. Uluhlu oluhlaziywe kutsha nje lwabathengisi-zincwadi abavunyiweyo (updated list of approved book suppliers) lwanikwa izikolo ngale Ngcaciso eMfutshane yeCandelo loKwenziwa kwaMalungiselelo eeNkonzo 0014/2006 (Logistical Services Minute 0014/2006) yomhla we-19 Apreli 2006.
|
6. |
Ifom yerikhwizishini (IsiHlomelo C) nesicwangciso sokubuyiswa kweencwadi zezifundo (IsiHlomelo D) (textbook retrieval plan) mazisayinwe yinqununu nangusihlalo wekomitana zize zibuyiselwe ingadlulanga imin’ emaqanda ngoLwesibini we-8 Agasti 2006 kule dilesi ilandelayo:
For attention: Mr A Engel
Special Project Grade 8, 9 and 11 Textbooks
Education Multi Centre
Private Bag X14
KUILS RIVER
7579
Kucelwa nincede niqaphele ukuba eli Sebe leMfundo (WCED) aliyi kuzihlawulela ii-odolo ezifike emva kwexesha.
|
7. |
Zakuba nje iincwadi zisiwe esikolweni, mazifakwe kwi-inventri yesikolo zibe sele zinikwa abafundi ngosuku lokuqala lokuvulwa kwezikolo ngo-2007. Mabanikwe imiyalelo abafundi yokuba bazinyamekele njani na iincwadi kwaye makwenziwe isicwangciso sokubuyiswa kweencwadi ngabafundi ekupheleni konyaka. Kuya kufuneka amagosa eli Sebe leMfundo akubeke esweni ukuphunyenzwa kwale miqathango xa etyelela izikolo.
|
8. |
Eli Sebe leMfundo liziva linovuyo ngokubonelela ngezi ncwadi zezifundo ezikolweni kwaye linethemba lokuba ziya kusetyenziselwa ukuphucula ngakumbi umgangatho wokufundwa nokufundiswa kwezi zifundo zibaluleke kangaka.
|
ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:03
|