1. Njengoko kwakwazisiwe kule setyhula 0057/2005, ezi zifundo zilandelayo ziza kuvavanywa nazo nguzwelonke kwiBakala 12 ngo-2006 nango-2007: Afrikaans Second Language, Agricultural Science, Business Economics, Economics ne-Geography.
2. Amaxwebhu esiNgesi eziKhokelo zoVavanyo zikaZwelonke (National Assessment Guidelines) aposelwa ezikolweni ngo-2005 yaye kungekudala iinguqulelo zesi-Afrikansi zezi zikhokelo ziza kuposelwa kuzo zonke izikolo ezifundisa iBakala 12.
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zenze iikopi zala maxwebhu zize zizinike ootitshala bezi zifundo ukwenzela ukuba abaviwa baqalise kwangoko ukwenza imisebenzi yeCASS echanekileyo nokubalungiselela kakuhle ukuba babhale iimviwo zokugqibela kwezi zifundo.
4. Abacebisi ngezekharityhulam abachaphazelekayo baya kuncedisa kwakhona ootitshala malunga nayo nayiphi na imibuzo engokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-E.E.Z. SIYENGO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:23 :

:
Landbouwetenskap  (ubukhulu: 38 KB)
Bedryfsekonomie  (ubukhulu: 51 KB)
Ekonomie  (ubukhulu: 62 KB)
Aardrykskunde  (ubukhulu: 88 KB)