1. UMthetho weNgqesho yooTitshala (EEA) (The Employment of Educators Act) (EEA), ka-1998, uye wafakelwa isilungiso ngokufakelwa kweSiqendu 6B (Section 6B) esibonelela ngokutshintshelwa kwengqesho yethutyana kwingqesho esisigxina.
  2.

Utitshala wethutyana ngutitshala oqeshwe ngoku kwisithuba senqanaba 1 esingenamntu nesivunywe ngokusemthethweni okwethutyana elimiselweyo. Le nkcazo ayisebenzi kootitshala abaye baqeshwa kwizithuba zonyuselo-sikhundleni ezingenamntu ezivunywe ngokusemthethweni njengamabambela (acting capacity), okanye abangene kwizithuba zabanye (substitutes), abaqeshwe kwindawo yootitshala (abaqeshwe isigxina) abangekhoyo emsebenzini ngenxa yaso nasiphina isizathu.

Ootitshala abaqeshwe ithutyana abasele bethathe umhlala-phantsi kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni kunye nabo bathatha iPhakheji yokuYeka ngokuZithandela (VSP) (Voluntary Severance Package (VSP)) abafakwanga bona kwesi sibonelelo sikule setyhula.

  3. Ukutshintshwa kwengqesho yethutyana ukuba ibe yingqesho esisigxina kwenziwa ngokwengqiqo yeNtloko yelo sebe lemfundo lephondo.
  4. Ngenxa yoku, kubaluleke gqitha ukuqaphela ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni liyahambelana nomgaqo (principle) wokhuphiswano oluvulelekileyo xa kuziwa kumba wokuzaliswa kwezithuba ezabelwe lona ngokusemthethweni nezabelwe amaziko aphantsi kolawulo lwalo. Ngenxa yoku, izithuba zipapashwa qho kumaphephandaba kazwelonke (kwimeko yezithuba ezisezi-ofisini) zize zipapashwe kwizintlu zezithuba (kwimeko yezithuba ezikumaziko emfundo kwanezo zisezi-ofisini).
  5. Ngokubonisana nemibutho yootitshala emelweyo kwiBhunga lezeMfundo lePhondo lezoBudlelwane eMisebenzini (Provincial Education Labour Relations Council) (PELRC), iSebe leMfundo leNtshona Koloni lifikelele esigqibeni ngezi khrayitheriya zilandelayo ngokumalunga nokutshintshwa kwemeko yengqesho yootitshala bethutyana ibe yesisigxina ngokweSiqendu 6B soMthetho weNgqesho yooTitshala ka-1998 ukususela nge-1 Julayi 2006:
  5.1 Ukuqeshwa isigxina makwenziwe kwisithuba esingenamntu senqanaba 1 esivunywe ngokusemthethweni (vacant substantive post).
  5.2 Utitshala makabe ngoku uqeshwe okwethutyana liSebe leMfundo leNtshona Koloni.
  5.3 Utitshala makabe unike inkonzo okwethuba elingunyaka omnye ukususela kumhla wokuphunyezwa kwesilungiso njengoko kuchaziweyo kwiSiqendu 6B. Ithuba lonyaka liqalela kwi-26 Januwari 2005 ukuya kutsho kwi-26 Januwari 2006 kwaye lingadibanisa ingqesho emana iqhawulwa kodwa kungabi ngaphezu kwenyanga kwithuba ngalinye.
  5.4 Utitshala kufuneka
  • abe uwuqeqeshelwe ngokufanelekileyo umsebenzi wokufundisa;
  • azifezekise iimfuno ezingundoqo zesithuba utshintsho lwengqesho yakhe oluza kwenzelwa sona
  • makabe ubhalisile kwi-SACE
  5.5 Umhla wokugqibela wokufakwa kwezi zicelo ngowama-31 Julayi 2006..

  6. Ukuqeshwa isigxina makuxhaswe libhunga lolawulo lesikolo.
  7. Njengoko la ingengomalungiselelo aqhelekileyo kwabo titshala sebezikwithuba ezingenamntu ezivunywe ngokusemthethweni (vacant substantive posts), imiyalelo yoBulungisa kwezeNgqesho (Employment Equity) ayisayi kusebenza kwezi zithuba.
  8. Ootitshala abaqeshwe okwethutyana abafuna ukwenza izicelo zokutshintshwa kwengqesho yabo ibe yesisigxina ngokweSiqendu 6B se-EEA, ka-1998, mabangenise ifom i-DPE 1 (ifom yesicelo sengqesho) ezaliswe ngokupheleleyo kunye neleta enezizathu ezixhasayo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni. Ezi zicelo mazithunyelwe ngeposi kulo: The Head: Education, Western Cape Education Department, Sub-directorate: Personnel Provisioning (Educators), for attention: Mr NJ Bailey, Private Bag X 9114, Cape Town, 8000.
  9. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kubhala litsho ukuba lisifumene isicelo lize emva koko lisithumele isicelo eso kwikomiti ephetheyo (governance structure) ukuba inike ikhomenti kunye/okanye ingcebiso.
10. Kucelwa amaqela achaphazelekayo ayithathele ingqalelo into yokuba esi sibonelelo sokutshintsha ingqesho yethutyana yootitshala abaqeshwe ngoku okwethutyana, ukuba ibe yingqesho esisigxina lithuba elifika kube kanye qwaba nokuba izicelo ezifike emva kokuba udlule umhla omiselweyo azisayi kunikwa ngqwalaselo.
11. Ngenxa yokuba ootitshala abangene ezindaweni zabanye (substitute educators) abaqeshwanga kwizithuba ezingenamntu nezivunywe ngokusemthethweni (koko baqeshwe kwizithuba zootitshala abasisigxina abangekhoyo emsebenzini (absent) okanye abasekondiweyo), abasayi kuthathelwa ngqwalaselo yokuba babe sisigxina ngokwemigaqo echazwe kule setyhula.  Nakuba kunjalo, ukuba uthi utitshala ongene endaweni yomnye (substitute educator), aqeshwe ithutyana kwisithuba esingenamntu esithi kamva sivunywe ngokusemthethweni (vacant substantive post), loo titshala usenganikwa ingqwalaselo yokuqeshwa isigxina ukuba uye wazifezekisa iikhrayitheriya ezimiselwe kumhlathi 5 wale setyhula.
12. Kwimeko yootitshala abangene ezindaweni zabanye (substitute teachers), lo mgaqo uya kuhlala usebenza kude kube lelo xesha apho loo titshala ungene endaweni yomnye abe nokufumana isithuba esingenamntu esivunywe ngokusemthethweni, ekufuneka ke kuloo meko isicelo sokutshintshwa kwengqesho yethutyana ukuba ibe yesisigxina singeniswe lingaphelanga ithuba eliziinyanga ezintathu ukusuka kumhla eqala ngawo ingqesho yethutyana.
13. Kucelwa niqaphele ukuba ngabo titshala ababengene endaweni yabanye (substitute educators) njengoko kuchaziwe kwimihlathi 11 no-12 apha ngasentla abafanelekileyo ukuba kutshintshwe ingqesho yabo yokwethutyana ibe yingqesho esisigxina, kufuneka babe baqeshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni ngexesha lokukhutshwa kwale setyhula yaye mabazifezekise iikhrayitheriya ezichazwe kumhlathi 5 apha ngasentla.
14. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba le setyhula yaziswa bonke ootitshala abaphantsi kwazo, ngokukodwa abo baqeshwe okwethutyana kwanabo bangene ezindaweni zabanye.
15. Le setyhula isebenza kuphela kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa nakumaziko e-FET.
16. Intsebenziswano yabantu bonke abachaphazelekayo iya kuqinisekisa ukulawulwa ngempumelelo kwale nkqubo kwaye iya kuthakazelelwa kakhulu.


ISAYINWE: NGU- RB SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:16