1. Xa isikolo siza kuvalwa okanye siza kusiwa kwenye indawo, umlawuli we-EMDC makaqinisekise ukuba ezi nkqubo zilandelayo ziyalandelwa:
1.1 Umlawuli we-EMDC makazise abeCandelo loMlawuli wezoCwangciso lwaMancedo aziZakhiwo (Directorate: Physical Resource Planning (DPR) ngencwadi ebhaliweyo ukuba ipropathi (iziko, isakhiwo sesikolo, ihostele) ethile ayisafunwa sisithili se-EMDC yakhe ukuba isetyenziselwe iinjongo zemfundo. Isaziso esilolu hlobo masikhutshwe ubuncinane kwiinyanga zekhalenda ezine phambi kokuba ishiywe ipropathi.
1.2 I-EMDC mayinyule umlawuli (administrator) ukuba abale istokhwe, enze isigqibo ngokuba iimali kwakunye nee-asethi ezishenxisekayo (moveable assets) zichithwe (dispose of) njani aze alungiselele ukuhlawulwa kwee-akhawunti, njl.njl.
1.3 I-EMDC mayiqinisekise ukuba iintlawulo zeenkonzo zikamasipala (zamanzi, okanye umbane, ukuthuthwa kwenkunkuma, njl.njl.) zihlawulwe ngokupheleleyo phambi kokuba ipropathi inikezelwe.
1.4 Ukuba i-EMDC ayinako ukuyenza iyigqibe le nkqubo ilapha ngentla phambi kokuba kuphunywe kwipropathi, makukhutshwe ke ngoko imali yokuqesha nokuhlawula oonogada ukuqinisekisa ukuba ipropathi echaphazelekayo igcinwe ikhuselekile de kube ziintsuku ezintlanu zomsebenzi emva kokuba ipropathi ibuyiselwe ngokusemthethweni kwi-DPR.
2. Xa kunikezelwa izakhiwo zesikolo namaziko angasetyenziswayo kunye/okanye angasetyenziswa ngokupheleleyo yi-EMDC, makulandelwe ezi nkqubo zilandelayo:
2.1 Ipropathi iya kuqala inikezelwe apha ngaphakathi kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kumacandelo amathathu o.k.t. eloLawulo lweMisebenzi eYenziwayo (Operational Management), eloCwangciso noPhuhliso lweMfundo (Education Planning and Development), nelezoLawulo lweSebe liphela (Corporate Management).
2.2 Izicelo zokufumana ipropathi ziya kwamkelwa ngabeCandelo loMlawuli wezoCwangciso lwaMancedo aziZakhiwo (DPR) neliya kuthi ke lona lilungise ingxelo eya kungeniswa kwiNtloko yeSebe leMfundo, neengcebiso zokuba ngaba ipropathi leyo mayigcinwe ukuze isetyenziswe kwixa elizayo liSebe leWCED okanye ibuyiselwe kwiSebe lezoThutho neMisebenzi kaRhulumente (Department of Transport and Public Works (DTPW)) (kwabeCandelo loMlawuli oyiNtloko wezoLawulo lwePropathi).
2.3 Ukuba ipropathi inikezelwe kwi-DTPW, i-DPR iya kwazisa iDTPW ngokubuyiselwa kwepropathi, ubuncinane kwithuba leenyanga ezi-3 phambi kokuba kuphunywe kuyo.
2.4 Ukuba iWCED ayinako ukuzenza izigqibe ezi nkqubo zilapha ngentla phambi kokuba kuphunywe kwipropathi, ngoko ke imali yokuqesha nokuhlawula oonogada mayikhutshwe ngumphathi weProgram 2 (Programme 2), kwaye naziphi na izakhiwo ezichaphazelekayo mazigcinwe zikhuselekile de kube ziintsuku ezintlanu zokusebenza emva kokuba ipropathi ibuyiselwe ngokusemthethweni kwi-DTPW.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:09