1. Ngokwemigaqo yekhefu lokugula esebenzayo njengangoku malunga nabeNkonzo kaRhulumente (Public Service), ekuMyalelo ongeKhefu loKugula labakwiNkonzo kaRhulumente (Directive on Leave of Absence for the Public Service) (emva koku obizwa ngokuba nguMyalelo (Directive), umqeshwa (oku kukwathetha utitshala ukulungiselela iinjongo zale setyhula) unelungelo lokufumana iintsuku zomsebenzi eziyi-36 zekhefu lokugula eliqhelekileyo efumana umvuzo opheleleyo ngomjikelo oyiminyaka emithathu (three-year cycle). Kungakhathaliseki nokuba zingaphi iintsuku ezisetyenzisiweyo, kufuneka angenise incwadi kagqirha yokugula (medical certificate) ngethuba ngalinye leentsuku ezintathu okanye ezingaphezu koko ezilandelelanayo zethuba lokugula, nekufuneka kubhalwe apho kuyo ubude bethuba elo lokungabikho kwakhe, ekhutshwa ngugqirha obhalisiweyo novunyiweyo (registered and recognised practitioner). Nakuba kunjalo, kwiimeko apho kuqatshelwe umkhwa othile wokusetyenziswa kwekhefu lokugula (pattern in the utilisation of sick leave), unokucelwa umqeshwa ochaphazelekayo, nokuba ngaba uthathe iintsuku ezingaphantsi kweentsuku ezintathu zomsebenzi, ukuba angenise incwadi kagqirha yokugula.

2.

Kwenziwe isibonelelo kwiSahluko 3, isiqendu 23 (1) soMthetho weeMeko zeNgqesho eziSisiseko, 1997 (Basic Conditions of Employment Act, 1997) somgaqo weeveki esisi-8. Esi siqendu sicacisa ukuba akukho mfuneko yokuba umqeshi amhlawule umqeshwa ukuba

  1. umqeshwa uye akabikho emsebenzini ithuba elingaphezu kweentsuku ezimbini zilandelelana, okanye

  2. ngaphezu kwamatyeli amabini (more than two occasions) ngethuba leeveki ezisibhozo yaye,

umqeshi akwenza isicelo, angezi nencwadi kagqirha yokugula ecacisa ukuba umqeshwa lowo ubengenako ukuza emsebenzini ngelo thuba lokungabikho kwakhe ngenxa yokuba ubegula okanye ubenzakele.

3.

UMphathiswa weNkonzo kaRhulumente noLawulo (Minister for Public Service and Administration) wenze isigqibo sokuba lo myalelo ongekhefu lokugula okhoyo njengangoku mawunatyiswe ukuze ubandakanye nomgaqo weeveki ezisi-8. Kuya kufuneka kwakhona kusetyenziswe lo myalelo ulandelayo:

  1. Umqeshwa othe ngethuba lekhefu lokugula eliqhelekileyo eliziintsuku eziyi-36 akabikho emsebenzini ngaphezu kwamatyeli amabini ngethuba leeveki ezisibhozo, kungakhathaliseki bude bethuba lokugula okanye lokwenzakala kwakhe, makangenise incwadi kagqirha yokugula ecacisa ukuba umqeshwa lowo ubengenako ukuza emsebenzini ngelo thuba lokungabikho kwakhe ngenxa yokuba ubegula okanye ubenzakele, ekuya kuthi ke ukuba akaphumeleli ukukwenza oku, elo thuba lokungabikho kwakhe lixhuzulwe kwikhefu lakhe leholide lesiqhelo (normal vacation leave) (oku kwenziwe ngemvume yomqeshwa) okanye anikwe ikhefu elingahlawulelwayo.

  2. Ithuba leeveki ezisi-8 liya kuba lithuba lekhalenda neliya kuqala ukusebenza ngokusu lokuqala lokungabikho komqeshwa emsebenzini ngenxa yokugula okanye yokwenzakala. Naluphi na usuku olulandelayo lokungabikho emsebenzini (naziphi na iintsuku ezilandelayo zokungabikho emsebenzini) ngenxa yokugula okanye yokwenzakala emva kwethuba elikhankanywe apha ngasentla, luza kuthathwa ke ngoko ngokuba lusuku lokuqala lwethuba leeveki ezisi-8 ezilandelayo.

4. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-JH HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:08