1. Le setyhula ilandela ezi Setyhula 001/20060019/2006  no-0024/2006 ezingonyulo lwamabhunga olawulo kwizikolo zikarhulumente ngo-2006.
2. Kufikelelwe kwimvumelwano liSebe leMfundo likaZwelonke neKhomishoni yoNyulo eziMeleyo (Independent Electoral Commission (IEC)), yokuba i-IEC iza kuncedisa izikolo kumaphondo ngexesha lonyulo lwamabhunga olawulo.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ne-IEC eNtshona Koloni zivumelene ukuba i-IEC iya kunceda izikolo kwinkqubo yokunyulwa kwamabhunga olawulo ezikolo. I-IEC ayisayi kuthatha uxanduva lwegosa lonyulo elinyulwe sisikolo (iinqununu ezinyulelwe oko), yaye ingenakuthatha uxanduva lomphathi wesekethe okanye lomlawuli we-EMDC.
4. ISebe leMfundo likaZwelonke licele ukuba lithunyelelwe amagama neenkcukacha zamalungu amabhunga olawulo asanda kunyulwa ngoko nangoko emva konyulo. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zenze oku kulandelayo:
(a) Zingenise imihla yeentlanganiso zokuqhutywa konyulo kuMnu IJ Morkel kwakunye nakwi-EMDC yazo;
(b) Zinike amagama neenkcukacha zabantu abanyuliweyo kwifom eyayiqhotyoshelwe kwiSetyhula 0019/2006 yowe-20 Apreli 2006 kwigosa le-IEC, kwi-EMDC nakuMnu IJ Morkel okwaNdlunkulu;
(c) Zinike amagama neenkcukacha zabantu abasezikhundleni kwi-EMDC nakuMnu IJ Morkel okwaNdlunkulu emva kwentlanganiso yokuqala yebhunga lolawulo elisanda kunyulwa. Ingcaciso enikwa uMnu Morkel mayithunyelwe kule dilesi ilandelayo:
Head: Education
Western Cape Education Department
For attention: Mr I Morkel
Private Bag X 9114
CAPE TOWN
8000
5. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba xa ikhoram yokuba kuqhutywe unyulo ingakhange ibekho kwintlanganiso yokuqala yokutyumba amalungu neyonyulo lwawo, intlanganiso yonyulo yesibini mayicwangciswe ngokwenkqubo echazwe kumMiselo 12 (2) wemiMiselo, kodwa ngeli tyeli akukho khoram ifunekayo ukuze kube nokuqhutywa intlanganiso yokutyumba amalungu nonyulo lwawo. Oku makucaciswe gca kwisaziso esithunyelelwa abazali sokubazisa ngentlanganiso yokutyumba amalungu nonyulo lwawo.
6. ISebe iWCED liyiqonda ncam into yokuba unyulo lwamabhunga olawulo ngumsebenzi omkhulu kwaye lithembele kwintsebenziswano yomntu wonke odlala indima ukuba enze le nkqubo ibe yimpumelelo.
7. Siyabulela ngentsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:08