2. |
Le ncwadana yemigaqo ibonelela ngezikhokelo zemigaqo-nkqubo, nezona mfuno zisezantsi ukulungiselela ukusingatha iimeko zabafundi abasemngciphekweni kunye nemigaqo yokuqinisekiswa kwemigangatho. Ii-EMDC ziya kunika izikolo inkxaso malunga nokuphunyezwa kwayo yonke le miba, kwakunye nokuphuculwa okuyimfuneko kwezakhono zabasebenzi abangootitshala. Imibuzo mayibhekiswe kwiNtloko yeCandelo lokuNika iNkxaso kuBafundi nakooTitshala beMfundo eneeMfuno eziZodwa Head: Specialised Learner and Educator Support kwi-EMDC yakho. Iinkcukacha zoqhagamshelwano ngefoni zee-EMDC ezichaphazelekayo, zezi zilandelayo:
EMDC: Metropole South | Ms B Daniels | 021 370 2090 |
EMDC: Metropole Central | Mr E Hassen | 021 659 4300 |
EMDC: Metropole East | Mr P Saunders | 021 900 7187 |
EMDC: Metropole North | Dr J Pretorius | 021 938 3061 |
EMDC: Metropole West Coast/Winelands | Dr L de Jager | 021 860 1200 |
EMDC: Metropole South Cape/Karoo | Mr F Tallie | 044 803 8310 |
EMDC: Metropole Breede River/Overberg | Dr G Barkhuizen | 023 348 4600 |
|
3. |
ISebe i-WCED lilindele ukuba le migangatho yezona mfuno zisezantsi iya kwenza igalelo elibonakalayo ukuxhasa ootitshala ukuba babenako ukuhlangabezana neemfuno zemfundo zabafundi abasemngciphekweni.
|
4. |
Iya kuthakazelelwa kakhulu into yokuba iinqununu zazo zonke izikolo zikarhulumente zingakwazisa okukule setyhula kwakunye nencwadana yemigaqo bonke abasebenzi abangootitshala namabhunga olawulo lwezikolo ukuze babenolwazi, baze kananjalo bakuphumeze okukuloo maxwebhu.
|
ISAYINWE: NGU-DR F. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:19
|