1. Kucelwa nithathele ingqalelo okubhalwe kule Setyhula 0019/2006 yowe-20 Apreli 2006 ngokumalunga noku kulapha ngasentla.
2. Kumhlathi 1.7 wale setyhula sele ikhankanyiwe, zacelwa iinqununu zezikolo ukuba zazise le ofisi, kodwa zikwenze oko ngokudlula kuqala kwii-EMDC zazo, ngemihla ekuya kuqhutywa ngayo unyulo lwebhunga lolawulo kwizikolo zazo ngoMeyi noJuni 2006. Ayikafunyanwa nangoku le ngcaciso engemihla yokuqhutywa konyulo kuzo zonke izikolo. iya kusivuyisa kakhulu into yokuba iinqununu ezichaphazelekayo zingayingenisa ingcaciso engekafumaneki ngee-EMDC zazo phambi koLwesithathu we-31 Meyi 2006.
3. Iyagxininiswa kwakhona into yokuba lonke unyulo lwamabhunga olawulo ezikolo (kungakhathaliseki xesha lokuphela kwethuba lokuba sesikhundleni kwamabhunga olawulo), maluqhutywe kwixesha elisusela nge-1 Meyi 2006 kuye kwi-30 Juni 2006.
4. Ngokumalunga nomhlathi 1.5 wale setyhula sele ikhankanyiwe ngaphambili, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lifumene ingcebiso yasemthethweni ebonisa ukuba kungaqhutyekwa nokunyulwa kwebhunga lolawulo elitsha nokuba ngaba ithuba leminyaka emithathu lokuba sesikhundleni kwebhunga lolawulo elikhoyo ngoku alikapheli. Ngako oko ke iSebe i-WCED liselungelweni lalo ukuba licele zonke izikolo ukuba ziqhubeke nonyulo lwamabhunga olawulo ezikolo azo ngaphambi kowe-30 Juni 2006.
5. Sizinqwenela impumelelo izikolo kunyulo lwazo lwamabhunga olawulo ezikolo amatsha.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:29