1. Intshayelelo
1.1 ISetyhula 0011/2006 yanika iimfuno ngokubanzi ngokumalunga nabafundi abenza iiprogram zoMculo ezibonelelwa ngala maqumrhu oMculo angaphandle achaphazelekayo:
  • Associated Board of Royal Schools of Music Practical Music Examination

  • Trinity College of London Practical Music Examination

  • UNISA Practical Music Examination

1.2 Abafundi abenza iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (amaBakala 10 – 12, iZifundo eziQhelekileyo) benenjongo yokuphumelela iMatriki mabagqibe iprogram yokufunda yeminyaka emithathu kuzo zonke izifundo abhalisele zona, oko ke kukuthi, ezo zifundo zisixhenxe zifunekayo, kwakunye naziphi na ezinye izifundo ezongezelelweyo.
1.3 Aba bafundi mabalugqibe uvavanyo lwangaphakathi oluyimfuneko, olubizwa ngokuba luvavanyo olwenziwa sisikolo, noluba yi-25% yovavanyo lokugqibela lwamaBakala 10 - 12.
2. Uvavanyo olwenziwa sisikolo (School-Based Assessment) (SBA)

ISebe leMfundo likaZwelonke lazise amaphondo ngale Setyhula S1 ka-2006 le mimiselo nezi nkqubo zilandelelayo ngokumalunga novavanyo olwenziwa sisikolo lwezi program zomculo:

2.1 Bonke abafundi, kwakunye nabo benza iiprogram zoMculo kumaqumrhu oMculo angaphandle enza uvavanyo, mabazalisekise iimfuno zovavanyo olwenziwa sisikolo lwamaBakala 10 – 12.
2.2 Icandelo leSBA loMculo ofundiswa ngala maqurhu angaphandle enza uvavanyo mathathu liya kuba nemisebenzi EMINE eya kuvavanywa ngutitshala ofundisa loo program.
2.2.1 Umsebenzi ngamnye uya kumakishwa kwitotali engu-25 kuze ke ngaloo ndlela imisebenzi emine inike itotali engu-100. Amanqaku afunyenwe ngumfundi kuloo totali engu-100 aya kuba ngamanqaku ovavanyo olwenziwa sisikolo (SBA) omfundi.
2.2.2 Le misebenzi mine yile ilapha ngezantsi:
1.Rudiments of music and harmonyUmfundi uya kwenza icandelo lethiyori okanye i-harmony workbook okanye uviwo.25 amanqaku
2.Technical developmentUmfundi uya kwenza i-scales, arpeggios okanye i-technical studies25 amanqaku
3.Practical performanceMakurekhodwe enye okanye ngaphezu koko yeengoma zomfundi(learner’s pieces)
ezilungiselelwa uviwo lwe-practical.
25 amanqaku
4.Practical performanceUmfundi uya kwenza umsebenzi obhalwayo ngawo nawuphi na umba onxulumene
neengoma aza kuzicula (practical performance), umz. uphando ngomqambi
okanye ukuphonononga nokuchaza iingoma aziculileyo (performed pieces)

Kunyanzelekile ukuba enze umsebenzi owahlukileyo qho ngonyaka.
25 amanqaku
2.3 Iphothifoliyo enomsebenzi wovavanyo olwenziwa sisikolo (SBA) yomfundi ngamnye mayingeniswe ngutitshala woMculo kwinqununu yesikolo apho umfundi abhalisele khona iprogram yeMatriki (NSC) ngethuba elisusela kwi-10 - 20 Septemba kunyaka ngamnye.
3. Uvavanyo lwabafundi abanqwenela ukubhala uviwo loMculo phantsi kwelinye lala maqurhu angaphandle enza uvavanyo avunyiweyo malube nezi zinto zilandelayo:
3.1 Uviwo olwenziwayo (Practical examination)
3.2 Uviwo lwethiyori (Theory examination)
3.3 Uvavanyo olwenziwa sisikolo njengoko kuchaziwe apha ngasentla
4. Luxanduva lwamaqumrhu angaphandle enza uvavanyo afundisa ezi program zoMculo ukuqinisekisa ukuba onke amanqaku afunyenwe ngumfundi kula macandelo oMculo amathathu alapha ngasentla athunyelwa kwangethuba kwelo ziko (kweso sikolo) umfundi abhaliswe kulo (kuso) kwiprogram epheleleyo yeMatriki (NSC).
5. Inqununu yesikolo ihlala inoxanduva lokunika ingxelo ngamanqaku afunyenwe ngumfundi kumacandelo oMculo amathathu kwi-WCED, nenoxanduva lokuqhuba iimviwo zokugqibela zeemviwo zangaphandle.
6. Kucelwa uqaphele ukuba nakuba bekutshiwo kwiSetyhula 0011/2006 (3.4) ukuba abafundi abayi kuvunyelwa ukuba bagqibe icandelo lethiyori elifunekayo kuqala (prerequisite theory component) leprogram ekhethiweyo yoMculo phambi kokuba babhalisele iBakala 10 leMatriki (NSC), le mfuneko ayizi kusetyenziswa kubafundi beBakala 10 ku-2006 abasele beliqalile icandelo lethiyori phambi kokubhalisela kwabo iBakala 10. Ukususela ku-2007, abafundi abayi kuvunyelwa ukuba bagqibe icandelo lethiyori elifunekayo kuqala (prerequisite theory component) leprogram ekhethiweyo yoMculo phambi kokuba babhalisele iBakala 10 leMatriki.
7. Nceda wazise okubhalwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:02