1. NgokoMthetho oFakela iziLungiso okhankanywe apha ngasentla, njengangoku kufakelwa izilungiso kwiziqendu ezithile zoMthetho iSASA yaye/okanye ziyongezwa apha naphaya, okuthe ke oku kwabangela ukuba ukudluliswa kwamagunya eNtloko yeSebe leMfundo kufune ukuhlaziywa apha naphaya ukungqinelana noku.
2. Olu xwebhu lokudluliswa kwamagunya luqhotyoshelweyo nolufakelwe izilungiso yaye/okanye longezwa apha naphaya ngokumalunga namagunya athweswe iNtloko yeSebe leMfundo ngokuphathelele kulo Mthetho iSASA malufundwe kunye neSetyhula 0045/2003 yowe-7 Matshi 2003. Oku kudluliswa kwamagunya kuqala ukusebenza ngoko nangoko.
3. Nakuba kunjalo, kucelwa nithathele ingqalelo ngakumbi into yokuba igunya leNtloko yeSebe leMfundo kuxwebhu lodluliso-magunya unombolo 10 (iSiqendu 9(1)(b) seSASA) weSetyhula 0045/2003 yowesi-7 Matshi 2003 alifakwanga kulo Mthetho oFakela iziLungiso okhankanywe apha ngentla yaye ke ngokwenjenje liyatshitshiswa kwakunye nomhlathi 2.1 weSetyhula 0026/2000 yowe-18 Februwari 2000.
4. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abantu abachaphazelekayo.
5. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:28

Delegations i.r.o the South African's Schools Act  (ubukhulu: 13 KB)