1. Ithuba lokuba sezikhundleni lawo onke amabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente onyulwa okanye asekwa ngo-2003 ngokweMigqaliselo ePhathelele kumaBhunga oLawulo eZikolo zikaRhulumente neyapapashwa ngokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 ( uMthetho 84 wowe-1996 ), njengoko ufakelwe izilungiso, liya kuphela ngethuba lokuqhubeka konyaka ka-2006.
2. Ithuba lokuba sesikhundleni kwebhunga lolawulo lesikolo lithatha iminyaka emithathu, ukususela kumhla wentlanganiso yokuqala yebhunga lolawulo emva konyulo lwalo. Izikolo ezaye zabamba unyulo ngo-2003 nezixesha lokuba sesikhundleni kwababambe izihlalo liphela ngo-2006, mazenze amalungiselelo okunyula ibhunga lolawulo elitsha ngo-2006. Unyulo malubanjwe phakathi kukaMeyi 2006 noJuni 2006, ngokwezigqibo zeSebe leMfundo.
3. Ukuqinisekisa ukuba kulandelwa inkqubo enocwangco yezonyulo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni, kwakhona, liya kuqeqesha iinqununu njengamagosa onyulo. Iiseshoni zoqeqesho ziya kuqhutywa kumaziko ahlukeneyo yaye kubalulekile ukuba zonke iinqununu ziye kwezi seshoni. Iprogram engoqeqesho iya kufumaneka kungekudala.
4. Ngako oko ke, iinqununu ukuba zize kwiiseshoni zoqeqesho nale Ncwadana yeMigaqo (Manual) kwakunye nolu xwebhu lweMigqaliselo (Measures) lukhankanywe apha ngasentla olwaluthunyelwe ezikolweni ngo-2003 luhanjiswa kunye neSetyhula 24/2003.
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni leNtshona Koloni livakalisa umbulelo kumalungu amabhunga olawulo akhoyo ngoku ngenkonzo yawo yokuzinikela ayenzileyo ngenjongo yokuba kuphumelele imfundo.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:24

Ishlomelo: "UKWAKHIWA NEMISEBENZI YAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO ZIKARHULUMENTE "  (ubukhulu: 47 KB)