1. UNYULO LWAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO NGETHUBA ELISUSELA KWI-1 MEYI KUYE KWI-30 JUNI 2006
1.1 ISebe leMfundo likazwelonke liqulunqe iziKhokelo zikaZwelonke zokulungiselela ukunyulwa kwamaBhunga oLawulo eZikolo ukuqinisekisa ungqinelwano kwinkqubo yokutyumba nokunyula amabhunga olawulo kwizikolo zikarhulumente. Ezi zikhokelo zahlukile kwincwadana yemigaqo yenkqubo esetyenziswayo ngoku yokuSekwa neMisebenzi yamaBhunga oLawulo eZikolo zikaRhulumente eziQhelekileyo ngokumalunga nemibandela echazwe kumhlathi 1.3 wale setyhula.
1.2 Sele ziqhubeka iiseshoni zoqeqesho lwamagosa onyulo ekufuneka ebeke esweni unyulo lwamabhunga olawulo ezikolo ngokwemimiselo ekhoyo ngoku yeSebe leWCED. ImiMiselo yePhondo ekhoyo ngoku ayibanganako ukwenziwa ingqinelane neziKhokelo zikaZwelonke ngenxa yokushiywa lixesha ekubhengezeni ezi zikhokelo zikhankanyiweyo. Ngako oko ke iSebe iWCED lenza izilungiso kwimiMiselo yalo, neya kuqala ukusebenza ukususela kumhla wopapasho lwayo.
1.3

ImiMiselo yePhondo (kwi-Provincial Gazette Extraordinary no 5946 yoLwesihlanu 31 Januwari 2003 kunye no 6001 yoLwesibini 29 Epreli 2003 ) yahluke kwizikhokelo zikaZwelonke njengoko kubonisiwe apha ngezantsi. Ummiselo onikwe kwiKholam C uya kusebenza kunyulo lwamabhunga olawulo ngo-2006.

IKHOLAM A
(ImiMiselo ye-WCED)
IKHOLAM B
(Izikhokelo zikaZwelonke)
IKHOLAM C
UmMiselo 3(a)
3. Ukungafaneleki kwamaLungu eBhunga loLawulo
Umntu akayi kufaneleka ukuba anyulwe okanye atyunjwe njengelungu lebhunga lolawulo ukuba (a) wakhe nanini na wafunyanwa enetyala lolwaphulo-mthetho waze wagwetywa ukuba avalelwe entolongweni ingenakukhetha ukuhlawula imali, ngaphandle kokuba ufumene ukuxolelwa okanye ithuba lakhe lokuba sentolongweni liphele ubuncinane kwiminyaka emithathu phambi kwaloo mhla wonyulo lwakhe njengelungu lelo bhunga.
Umhlathi 6.2
Ukungafaneleki kwamaLungu eBhunga loLawulo
Umntu akayi kufaneleka ukuba abe lilungu lebhunga lolawulo ukuba wakhe nanini na wafunyanwa enetyala lolwaphulo-mthetho waze wagwetywa ukuba avalelwe entolongweni engenakukhetha ukuhlawula imali, okwethuba elingaphezu kweenyanga ezintandathu okanye akakasenzi ngokupheleleyo isigwebo sakhe sokuba sentolongweni ithuba elipheleleyo.
UmMiselo 3(a)
UmMiselo 9(1)
9. Isaziso seNtlanganiso yokuTyumba nokuNyula aMalungu angaBazali
(1) Igosa lonyulo liya kulungisa isaziso kwifom yesiHlomelo A sentlanganiso yokutyumba nokunyula ekhankanywe kummiselo 8, ekuya kuthi kuso kuchazwe ixesha, umhla nendawo yaloo ntlanganiso, ubuncinane kwiintsuku ezingama-20 phambi komhla wentlanganiso yokutyumba nokunyula, linike inqununu iikopi ezaneleyo zeso saziso ukwenzela ukuba okubonelelwe kummiselwana (2) kube nokwenziwa.
Umhlathi 9.1
Isaziso seNtlanganiso yokuTyumba nokuNyula aMalungu angaBazali
(i) Igosa lonyulo liya kulungisa izaziso zenkqubo yokutyumba, nentlanganiso edityanisiweyo yokutyumba nokunyula, ekuya kuthi kuzo kuchazwe ixesha, umhla nendawo yaloo ntlanganiso, yokutyumba nokunyula.
(ii) Ezi zaziso kufuneka zihanjiswe kwaye zixhonywe endaweni ebonakalayo ubuncinane iintsuku ezingama-30 phambi komhla wentlanganiso yokutyumba nokunyula.
UmMiselo 9(1)
noMhlathi 9.1(ii)
UmMiselo 11 (5)(a)
Ukutyunjwa kwaMalungu angaBazali (5)(a)
Ukuba inani elipheleleyo labagqatswa abamagama abo avunyiweyo njengabatyunjiweyo njengoko bekuyiloo njongo ngokommiselwana (4), lingaphantsi kwenani lamalungu elimiselweyo ngokommiselo 2(1)(a) ngokumalunga nelo bhunga lolawulo lichaphazelekayo, makubizwe intlanganiso entsha ngokungqinelana nemigaqo yale mimiselo ekufuneka kuyo kutyunjwe abazali abangabagqatswa abatsha.
Umhlathi 9.2
UkuTyunjwa kwaMalungu angaBazali
(i) Ukuba inani elipheleleyo labagqatswa abamagama abo avunyiweyo njengabatyunjiweyo lingaphantsi kwenani lamalungu eSGB yesikolo njengoko kumiselwe kwiMithetho yePhondo yesikolo, kuya kubizwa intlanganiso entsha ekufuneka kuyo kutyunjwe abazali abangabagqatswa abatsha lingekapheli ithuba leentsuku ezingama-21;
(ii) apho kungafuneki khoram.
UmMiselo11(5)(a)
noMhlathi 9.2(ii)
UmMiselo12(2)
12. Ukuvota
(2) Ikhoram yokuvota ekhankanywe kummiselwana (1) iya kulingana ne-10% yenani lilonke labafundi ababhalisiweyo esikolweni kwaye imiselwa ngolu hlobo lulandelayo:
Inani labafundi ababhalisileyo lilonke=800 Ikhoram = 800x 10% = 80 abazali.
PUmhlathi 9.3
Ukuvota
(i) Ukulungiselela intlanganiso yokutyumba nokunyula, kufuneka ikhoram eyi-15% esusela kwinani labazali abakuluhlu lwabavoti ukuze intlanganiso iqhubeke. Oku kuthetha ukuba, xa isikolo sinabafundi abangama-500, ngoko ke ubuncinane ngabazali abangama-75 amabeze entlanganisweni yonyulo.
(ii) Ukuba ayanelanga kuloo ntlanganiso ikhoram, intlanganiso mayirhoxiselwe olunye usuku kwaye le nkqubo inye ichazwe apha ngentla mayiphindwe. Isaziso sentlanganiso yesibini yonyulo masicacise kakuhle ukuba akukho khoram ifunekayo kule ntlanganiso.
UmMiselo 12(2)
noMhlathi 9.1(ii)
UmMiselo 13(1)
13. Ukutyunjwa nokuNyulwa kwamalungu angooTitshala
(1) Igosa lonyulo liya kumisela umhla, usuku nendawo yentlanganiso yonyulo lwamalungu angootitshala oluya kuqhutywa zingekapheli iintsuku ezi-5 ukususela kwintlanganiso yonyulo.
Umhlathi 10
UkuTyunjwa nokuNyulwa kwamalungu angooTitshala
Igosa lonyulo liya kwenza isigqibo ngomhla, usuku nendawo yentlanganiso yokutyunjwa nokunyulwa kwamalungu angootitshala. Intlanganiso iya kubanjwa ubuncinane kwiintsuku ezisixhenxe phambi konyulo lwamalungu angabazali.
UmMiselo13(1)
UmMiselo 17(2)
17. Isigqibo seGosa loNyulo
(2) Nabani na onqwenela ukuvakalisa inkcaso (objection) ngale mibandela ekhankanywe kummiselwana (1), makayenze loo nkcaso ngokuyibhala phantsi lingekapheli ithuba leentsuku ezili-14 emva konyulo lwamalungu ehlelo elithile ayinike igosa lonyulo, neliya kuthi lenze isigqibo ngalo mbandela.
Umhlathi 9.5
Isigqibo seGosa loNyulo-
Igosa lonyulo liya kwenza isigqibo ngayo yonke imibandela enxulumene nokutyunjwa kwabagqatswa kunye nokuvota. Zonke iimbambano mazixelwe kwigosa elongamele unyulo ngexesha lenkqubo yonyulo. Igosa lonyulo linikwe amagunya okusombulula zonke iimbambano ukuze unyulo lubhengezwe njengolungenayo impixano.
UmMiselo 17(2)
1.4 ISebe iWCED liqaphele ukuba kukho ukubhideka okukhulu nokungaqiniseki kwiinqununu ngokubhekiselele kunyulo lwamabhunga olawulo ezikolo nomaluqhutywe ngoMeyi nangoJuni 2006. Esi sigqibo sathathwa yiKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo awahlukeneyo (HEDCOM) kwaye akunakushenxwa kuso.
1.5 ISebe iWCED liyayiqonda kakuhle into yokuba ithuba lokuba sesikhundleni kwamabhunga olawulo athile liphela kuphela emva kwethuba lonyulo olucetywayo. Nokuba ngaba ithuba lokubasesikhundleni kwebhunga lolawulo liphela kuphela emva kwe-30 Juni 2006, makunyulwe ibhunga lolawulo elitsha.
1.6 Ingcebiso yezomthetho efunyenweyo ibonisa ukuba uMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84/1996), njengoko ufakelwe izilungiso, umisela elona thuba lide lokuba sesikhundleni kwelungu lebhunga lolawulo lesikolo kodwa awunalo elona thuba lifutshane lokuba sesikhundleni. Ngako oko ke oku kuthetha ngokwasemthethweni ukuba unyulo lwamalungu ebhunga elitsha lolawulo lesikolo lungenziwa nokuba ngaba alikapheli ithuba elipheleleyo leminyaka emithathu lokuba sesikhundleni kwebhunga lolawulo elikhoyo ngoku.
1.7 Ziyabongozwa kakhulu iinqununu zezikolo zikarhulumente ukuba zazise le ofisi, ngokuyidlulisa kuqala ingcaciso kwii-EMDC, ngemihla ekuya kuqhutywa ngayo unyulo lwebhunga lolawulo kwizikolo zazo.

2. IINKCUKACHA ZEBHUNGA ELISANDA KUNYULWA
2.1 Ixesha lokuba sesikhundleni kwebhunga lolawulo liqala ukususela kumhla wentlanganiso yokuqala emva konyulo.
2.2 Ziyacelwa iinqununu zezikolo zikarhulumente ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo zibhale iinkcukacha zamalungu ebhunga lolawulo elisanda kunyulwa zize ziyithumele ngokukhawuleza emva kwentlanganiso yokuqala yebhunga lolawulo kwaNdlunkulu kule dilesi ilandelayo
:
The Head: Education
Western Cape Education Department
For Attention: Mr I Morkel or A Brierley (Rm 6-14)
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
2.3 Iinkcukacha zeBhunga eliMele abaFundi (Representative Council of Learners) (RCL) mazigqithiselwe kule ofisi qho ngonyaka, emva kokuqhutywa kolo yulo lwalo.

3. UMGAQO-SISEKO WEBHUNGA LOLAWULO
3.1 ISiqendu 18(3) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika ka-1996, (uMthetho 84 ka-1996), njengoko sifakekwe izilungiso, simisela ukuba onke amabhunga olawulo makenze umgaqo-siseko aze angenise ikopi kwiNtloko yeSebe leMfundo zingekapheli iintsuku ezingama-90 emva kwentlanganiso yokuqala.
3.2 Oku kuthetha ukuba ibhunga lolawulo elitsha alinako ukuqhubeka lisebenzise umgaqo-siseko webhunga lolawulo elidala.
3.3 Umgaqo-siseko mawungeniswe kwi-EMDC ukwenzela ukuba uphicothisiswe uze ungqinwe njengofanelekileyo. Ukuba kufumaniseke ukuba umgaqo-siseko ngofanelekileyo, mawubuyiselwe esikolweni ukuze ikopi yawo ithunyelwe kwaNdlunkulu.
3.4 Sinethemba lokuba le setyhula iya kucacisa nayiphi na imibandela ekungaqinisekwanga ngayo nethe yakho ngokumalunga nonyulo lwamabhunga olawulo ngo-2006.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:20

School Governing Body Database form  (ubukhulu: 35 KB)