1. Ngenxa yesetyhula yomgaqo-nkqubo omalunga nemiqathango yekhefu ehlaziyiweyo ukulungiselela abasebenzi benkonzo karhulumente (ISetyhula 231/2003), kwakhutshwa nge-13 Novemba 2003 liSebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo uMyalelo ocacisa ngakumbi umgaqo-nkqubo omalunga nekhefu. Ngenxa yemfuneko yokwenziwa komsebenzi, eminye yemimiselo ayikhange iphunyezwe ngoko nangoko. Nakuba kunjalo kufuneka ngoku kuphunyezwe imimiselo echaphazelekayo.
2. Ngokomhlathi 3.4 walo myalelo uchazwe apha ngasentla, abasebenzi mabathathe ubuncinane iintsuku ezili-10 zomsebenzi kwikhefu labo lonyaka kunyaka womjikelo wekhefu ochaphazelekayo, o.k.t. phakathi kukaJanuwari noDisemba. Kuphela kuya kuba kwiimeko ezingaqhelekanga kakhulu, kwanangenxa yeemfuneko zenkonzo yeSebe, apho kuya kuvumeleka ukuba kushenxwe kulo mmiselo. Ngaphezu koko, lo mmiselo umisela ukuba ikhefu lonyaka malithathwe, kangangoko oku kunokwenzeka, kwiintsuku ezilandelelanayo.
3. Ukuba umsebenzi akanako ukuzisebenzisa iintsuku ezilishumi (10) zekhefu lakhe phakathi kukaJanuwari noDisemba kunyaka othile, kuya kufuneka kunikwe izizathu ezivakalayo malunga nokusetyenziswa kwekhefu kwiinyanga ezi-6 zokuqala zonyaka olandelayo zokuba kutheni na umsebenzi lowo engabanga nako ukulisebenzisa ikhefu lakhe kumjikelo waloo nyaka.
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga nokuphunyezwa kwalo mgaqo-nkqubo kunye nokwazisa bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho ngawo, nowaqala ukusebenza nge-1 Januwari 2006.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:00:00