1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lihlawula izixa ezikhulu zemali karhulumente ngohlobo lweentlawulo ezithunyelwa ezikolweni ngekhompyutha (transfer payments) kwizikolo ezikwiphondo leNtshona Koloni, ngokweMimiselo neMigangatho yoBonelelo ngeMali lweZikolo (Norms and Standards for the Funding of Schools).
2. NgokoMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente (Public Finance Management Act (PFMA), ka-1999 (uMthetho 1/1999), njengoko ufakelwe izilungiso, kufuneka izikolo zilawule imali ngendlela eyiyo ngokuthi zisebenzise inkqubo eyiyo, eyimpumelelo nesekuhleni yolawulo lwemali. INtloko yeSebe leMfundo, njengeGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso lweMali yeSebe leMfundo leNtshona Koloni, ngoko ke iyanyanzeleka ngokwePFMA ukuba ibe nemiqathango yolawulo emiselweyo ukuqinisekisa ukuba zonke iimali zikarhulumente ezabelwe izikolo zisetyenziselwa iinjongo ezazabelwe zona kunye nokutshekisha ukuba ezi mali kunikwa iingxelo ngazo zokuchaza ukuba zisetyenziswe njani na.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lihlala likhumbuza izikolo kwiisetyhula nakwiileta zolwabiwo-mali ngokweMimiselo neMigangatho yokwabelwa kwezikolo, ukuba zingqinelane neemfuno zePFMA nokuba iimali zisetyenziswa ngokuchanekileyo. Ziyaxelelwa kwakhona izikolo ukuba kufuneka zingenise iingxelo zemali ezicacisiweyo (WCED 043) nobungqina bezinto ezithengiweyo kunye/okanye beentlawulo kwaNdlunkulu okanye kwii-EMDC.
4. ISebe leMfundo, ngoko ke, linqwenela ukucacisa gca ukuba xa amaxwebhu aceliweyo engangeniswanga, iintlawulo ezilandelayo ebeziza kuthunyelwa esikolweni ziya kubanjwa zingayi kweso sikolo sichaphazelekayo.
5. Ayakhunjuzwa kwakhona amabhunga olawulo neenqununu zezikolo ngoxanduva lwabo lokugcina iirekhodi ngokufanelekileyo zengeniso yesikolo, amatyala, inkcitho neebhalansi kunye nokuqinisekisa ukuba isikolo neSebe leMfundo leNtshona Koloni azibekwa mgciphekweni. Ziyacelwa kwakhona ukuba ziqinisekise ukuba zonke izinto zisebenza ngendlela efanelekileyo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba

  • ziyafika ii-akhawunti ezihlawulwa qho ngenyanga (iinkonzo zikamasipala) yaye zihlawulwa kwangethuba;

  • iintlawulo ezithunyelwa ezikolweni ngekhompyutha zisetyenziselwa iinjongo ezicaciswe kwiisetyhula neeleta zeSebe leMfundo;

  • yonke ingeniso nenkcitho irekhodwe ngokufanelekileyo;

  • iingxelo zemali zingeniswa kwaNdlunkulu okanye kwii-EMDC njengoko kuye kucelwe ngolo hlobo kumaxesha ngamaxesha;

  • izinto ezibubungqina bezinto ezithengiweyo/beentlawulo zingeniswa kwangethuba kungalityaziswanga; kwaye

  • nee-akhawunti ziyahlawulwa.

6. Kufuneka kufundwe iileta zolwabiwo lwemali ngokweMimiselo neMigangatho (Norms and Standards allocation letters) ukufumana ukucaciselwa gca ngosetyenziso lwemali ngendlela eyiyo.
7. Kuqeshwe abacebisi be-EMDC ukunika isikhokelo ezikolweni nokubonelela ngophuhliso lwezakhono ezifanelekileyo. Izikolo ezifuna uncedo malunga nolawulo lweengxowa-mali zazo maziqhagamshelane nala magosa.
8. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:14