1. Ukwenzela ukuphumeza umgaqo-sikhokelo weSigqibo 2 sePSCBC sika-2004, uMphathiswa weNkonzo kaRhulumente noLawulo uvume umyalelo omalunga nokubonelelwa ngezindlu nekufuneka ufundwe kunye neso sigqibo nesacaciswa kule Setyhula 0070/2004.
2. Iskim esikhoyo ngoku sobonelelo ngezindlu sandisiwe ukwenzela ukuba abaqeshwa abasisigxina nabaqeshwe ngokusisigxina okanye ngokwemvumelwano eqingqiweyo, nabanemvumelwano yokurenta okanye abangabanini-ndawo ehlawulwe yagqitywa nabo baxhamle kwizibonelelo zikarhulumente zezindlu ekungasekho mfuneko yokuba ube lilungu lengxowa-mali yomhlala-phantsi ukususela kowoku-1 Januwari 2005.
3. ISIBONELELO SEZINDLU ESENZELWE ABO BANEZINDLU
3.1 Indlu ekuthi ngokumalunga nayo umqeshwa, njengomnini, afake isicelo sesibonelelo sezindlu, mayibe sele ibhaliswe ngegama lomqeshwa lowo okanye ngamagama abo bobabini, elomqeshwa lowo nelendoda/nelomfazi wakhe. Ukulungiselela le njongo, kuya kuvunywa ezi ntlobo zobunini zilandelayo:
3.1.1 Uxwebhu oluyitayitile yobunini (Title deed) olungeniswe kwi-Ofisi yoBhaliso lweMihlaba (Deeds Office) ligqwetha lobhaliso lwemihlaba (conveyancer) noluthi luqinisekise ubhaliso lokutshintshela kobunini bepropathi egameni lomthengi.
3.1.2 Isatifikethi semvume yokuma kumhlaba lowo – Imvume evela kwigunya ngokomthetho wemveli/kurhulumente yokuba akhe indlu kwisiza asinikiweyo. Amalungiselelo aya kwahluka ngokwephondo nephondo.
3.1.3 IMvumelwano yoBunini obusaHlawulelwa iZavenge (Instalment Sale Agreement) – Imvumelwano yobunini obuhlehliselwe elinye ithuba (deferred ownership) eyenza ukuba umthengi abe ngumnini wepropathi xa kuhlawulwe isavenge sokugqibela.
3.2 Umqeshwa othi, njengomninindlu omtsha ukususela nge-29 Septemba 2004, anqwenele ukuba afumane esona sibonelelo sezindlu sikhulu (maximum housing allowance benefit) makabe nebhondi/nemali-mboleko yendlu ayifumane kwelinye lala maziko:
3.2.1 iziko lemali elibhalisiweyo/ibhanki ebhalisiweyo
3.2.2 imbumba exhasa ngemali abanezindlu kuzwelonke (national housing finance corporation)
3.2.3 inkampani enika iimali-mboleko zezindlu
3.3 Umqeshwa onqwenela ukuxhamla kwiskim sezibonelelo sezindlu makangenise amaxwebhu amiselweyo njengobungqina kunye nefom yesicelo sakhe sokucela isibonelelo sezindlu. Ukungakwenzi oku okanye ukungenisa amaxwebhu angaphelelanga/angafanelekanga ngokwasemthethweni (invalid documentation) kungakhokelela ekulibazisekeni okanye ekukhatyweni kwesicelo.
3.4 Elona xabiso liphezulu lesibonelelo sezindlu lisusela kwibhondi eyona iphezulu eyi- R70 000.00, yaye limana kuhlaziywa qho ngekota nguMphathiswa weNkonzo kaRhulumente noLawulo, ngokususela kumndilili wenzala ebizwa ngamaziko emali amahlanu nangawona makhulu, ekuqaleni kwekota nganye.
4. ISIBONELELO SENDLU NGOKUMALUNGA NERENTI
4.1 Umqeshwa ofaka isicelo sesibonelelo sezindlu njengomntu ohlawula irenti, makabe nemvumelwano yokurenta esemthethweni ebhalwe ngegama lakhe yaloo ndlu ahlala kuyo. Ukulungiselela le njongo, kuya kuvunywa ezi ntlobo zemvumelwano yokurenta zilandelayo:
4.1.1 Irenti yokuhlala njengenxaleye yokuthenga indlu
4.1.2 Ukurenta kumninindlu wabucala
4.1.3 Ukurenta koomasipala
4.1.4 Ukurenta kubantu bosapho/abangabahlobo
4.1.5 Ukuhlala kwindlu kaRhulumente ngokunyanzelekileyo ngokweSigqibo 3 se-PSCBC sango-1999
4.1.6 Ukuzihlalela ngokuzithandela kolunye uhlobo lwendlu njengoko kubonelelwe kumgaqo-nkqubo wesebe weSigqibo 3 se-PSCBC sango-1999.
4.2 Akukho mvumelwano yokurenta eyenziwe ngumqeshwa nomfazi/nendoda yakhe, apho omnye wabo ikuphela kwakhe obhalisileyo njengomnini wetayitile okanye bobabini ikuphela kwabo ababhalisileyo njengabanini betayitile yaloo ndlu bahlala kuyo, iya kwamkeleka ukulungiselela iinjongo zesiskim sesibonelelo sezindlu.
4.3 Akukho mvumelwano yomlomo/ethethwe nje ayabhalwa ngokusemthethweni iya kuvunywa phantsi kweskim sezibonelelo sezindlu. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linawo umzekelo wemvumelwano yokurenta eshwankathelweyo nenokunikwa abaqeshwa xa benze isicelo soko. Le mvumelwano ingatshintshwa apha naphaya ukulungiselela iimfuno zamaqela ngamaqela achaphazelekayo. Nceda uqaphele ukuba iSebe i-WCED aliyi kwamkela butyala ngenxa yawo nawuphi na umonakalo/ nayiphi na ilahleko neyaluhlobo luni na, ebangelwa okanye esisiphumo sendlela ebhalwe ngayo imvumelwano.
4.4 Kuya kuhlawulwa isibonelelo sezindlu esiyi-R100.00 ngenyanga kumqeshwa orenta indlu ukususela nge-1 Januwari 2005.
5. IIMFUNEKO ZOKUHLALA
5.1 Indlu ekuthi ngokumalunga nayo umqeshwa afumane isibonelelo ngokwesi siskim sitsha sobonelelo lwezindlu makuhlale kuyo yena kunye/okanye nosapho lwakhe olusondeleyo kuye, ngaphandle kwakwiimeko apho yena okanye usapho olusondeleyo kuye bengenako ukuhlala kuloo ndlu ithutyana elifutshana ngenxa yezizathu ezingaphaya kolawulo lwabo.
5.2 Indlu ekuthi ngokumalunga nayo umqeshwa afumane isibonelelo ngokwesiskim sangaphambili mayihlalwe nguye kunye/okanye lusapho lwakhe olusondeleyo kuye nolubandakanya abondliwa (dependants) bomqeshwa lowo abathi ubukhulu becala baxhomekeke kuye ngesondlo nenkxaso ukuze baphile.
5.3 Iimfuneko zokuhlala zinganyinyiswa kuphela kwimeko yomqeshwa
5.3.1 othe watshintshelwa kumazwe aphesheya ngenxa yomsebenzi waseburhulumenteni
5.3.2 owenza umsebenzi ngeeseshoni ezithile.
5.3.3 onyanzelekileyo ukuba ahlale kwindlu kaRhulumente ngoko ke angabinako ukuhlala kwindlu yakhe.
6. IZINDLU EZAHLAWULWE ZAGQITYWA OKANYE EZINGENABHONDI/ EZINGENAMALI-MBOLEKO
6.1 Abaninindlu abathi, phambi kowe-29 Septemba 2004, babe benezindlu ezihlawulwe zagqitywa okanye ezingenabhondi/ezingenamali-mboleko, bafanelekile ukuba bafumane isibonelelo sendlu esiyi-R100.00 ngenyanga ukususela nge-1 Januwari 2005.
6.2 Xa ibhondi/imali-mboleko yomqeshwa yaloo ndlu igqityiwe ukuhlawulwa kwaye yena kunye nosapho lwakhe olusondeleyo behlala kuloo ndlu, iSebe i-WCED liya kuqhubeka lihlawula isibonelelo sendlu okokoko ezinye iimfuneko ezenza afaneleke ukuba asifumane ezizalisekisa.
7. NGOKUBANZI
7.1 Zonke iifom zokufaka izicelo ezichaphazelekayo zezibonelelo zezindlu ezahlukeneyo ziyafumaneka kwiziko lewebhu leli Sebe leMfundo. Abaqeshwa abachaphazelekayo mabazalise ezi fom baze bazibuyisele kwaNdlunkulu weli Sebe leMfundo nobungqina obufunekayo.
7.2 Asitshintshwanga iskim segaranti karhulumente njengoko sichaziwe kumhlathi 3 wale Setyhula 0174/00. Abaqeshwa abasekwanaloo propathi inye ubuncinane ithuba leminyaka emi-5, eyathengwa ngegaranti karhulumente, mabafake izicelo ezibhaliweyo kumaziko abo emali (iibhanki) zokuba ikhutshwe kwigaranti ukuthintela naziphi na iingxaki ezingavela ngethuba umqeshwa lowo eshiya inkonzo yeli Sebe leMfundo.
7.3 Bonke abaqeshwa ababefumana isiboneleo sezindlu ngaphambi kowama-29 Septemba 2004, mabaqaphele ukuba izibonelelo zabo ziguqulwe zaba zizibonelelo zezindlu ekungasekho mfuneko yokuba ube lilungu lengxowa-mali yomhlala-phantsi.
7.4 Abaqeshwa mabaqaphele ukuba baya kuqala ukufumana isibonelelo sezindlu kuphela ukususela ngenyanga abangenise ngayo isicelo sabo, esihamba kunye nawo onke amaxwebhu asixhasayo. Kunikwe umnyinyiva wokuba lo mmiselo ungasetyenziswa kude kube ngowama-31 kweyeSilimela 2006.
8. Nceda wazise okubhalwe kule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:27