1. |
Ngokusebenzisana neQela eliJongene neMpilo yoLutsha nolo luFikisayo (Reference Group on Youth and Adolescent Health) nelikhokelwe liSebe lezeMpilo (Icandelwana leMpilo yaBafazi: (Maternal Child and Womens’ Health)), iseti yokuqala yezikhokelo eziliqela zolawulo lwezigulo ezithandathu ezixhaphakileyo nezosulelayo ibhalelwe izikolo. Ezi zikhokelo ziqhotyoshelwe apha.
|
2. |
Makuqatshelwe ezi ngongoma zilandelayo nezibalulekile gqitha:
Xa kuyimeko ye-meningitis, umfundi makangayi esikolweni ngoko nangoko aze abuyele esikolweni kuphela xa kukho imvume kagqirha womfundi kwakuba nje kuqaliswe ngonyango. Uhlobo lwale ntsholongwane ye-meningitis (meningococcal meningitis) sisifo emasixelwe yaye ke ngoko, amaSebe ezeMpilo engingqi nawephondo makaziswe ngaso ngoko nangoko.
Xa kuyimeko yerhashalala (chicken pox (varicella virus)), abafundi mabangezi esikolweni lo gama kusaqhutywa unyango, baze babuyele esikolweni ngemvume kagqirha.
Xa kuyimeko yokuhlaselwa ziintwala zentloko, abafundi mabangezi esikolweni kude kuqaliswe unyango ngeshampu yohlobo olulodwa efumaneka ekhemesti. Emva koko, bangabuyela esikolweni, nokuba ngaba oonomoyi basekhona. Unyango ngeeshampu eziqhelekileyo aluyi kubanceda. Ukuba liqela labafundi elineentwala, kucetyiswa ukuba isikolo sazise bonke abazali babantwana abasesikolweni baze bacetyiswe ukuba babatshekishe qho abantwana ukuba abanaziintwala na. (Umzekelo weleta efanele oku uqhotyoshelwe apha).
Xa kuyimeko yemasisi abafundi mabangezi esikolweni iintsuku ezisi-7 ezilandela ukuvela kwamaqhakuvana abomvu athe tshitshilili emzimbeni wonke.
Xa kuyimeko yokhwekhwe, abafundi mabangezi esikolweni de kube ziiyure ezingama-24 emva kokuqalisa konyango. Awukwazi ukuzibona ngokwakho ukuba unokhwekhwe, ungenakho nokuzinyanga ngokwakho, ngako oko ke xa isikolo sirhanela ukuba kukho isifo sokhwekhwe, abafundi mabathunyelwe kwiklinikhi ekufutshane, kugqirha okanye kumongikazi okufutshane.
Xa kuyimeko kaqwilikana umfundi makangezi esikolweni iintsuku ezisi-7 ukuya kwezisi-9 emva kokuvela kokudumba kwamadlala amathe, kwaye makabuyele esikolweni ngeleta kagqirha emvumelayo.
|
3. |
Kucetyiswa zonke izikolo ukuba zikhuthaze abo benze izicelo zokwamkelwa kwabantwana babo ezikolweni, ukuba babagonye abantwana babo ngokupheleleyo phambi kokuba baqalise isikolo ukunciphisa ingozi yokusuleleka zizifo ezisulelayo ezifana nemasisi, irhashalala noqwilikana. Ayizizo zonke iiklinikhi zikawonke-wonke ezibonelela ngale nkonzo, kodwa uninzi lweekhemesti kwakunye neeklinikhi zabucala zifanele ukuba zibe nazo ezi zinto zokugonya. Ukongeza, kucetyiswa ukuba amakhadi eenkulisa (pre-school cards) okanye amakhadi e-Road to Health makabe nokufumaneka, nokuba izikolo mazizidibanise zonke ezi zinto njengeerekhodi zomfundi.
|
ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:13
|