1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) lizama ngokwenene ukupapasha zonke izithuba zengqesho ngokukhawuleza. Oku kukwasebenza nakwizithuba zengqesho zeenqununu kwizikolo ezitsha.
2. Ukuba izithuba zeenqununu kwizikolo ezitsha zipapashwe emva kwexesha, oku kubangela, kwezinye iimeko, impixano embi ngaphakathi nangaphandle kwesikolo.
3. Ngako oko ke, iSebe leMfundo leNtshona Koloni, lenze isigqibo sokuba umphathi wesekethe makenze amalungiselelo afanelekileyo okuba kupapashwe isithuba sengqesho senqununu kwakuba nje kwenziwe isigqibo malunga nomhla esiza kuvulwa ngawo isikolo.
4. Xa kupapashwa isithuba sengqesho (ukusibhala nokusifaka kuluhlu Iwezaziso ezipapashwayo), umphathi wesekethe makaqwalasele oku kulandelayo:
  • Iimfuno zesikolo ezithile nezifanele kanye ezo meko zesikolo nabahlali abaza kufundisa abantwana babo kuso, zizinto eziya kuqinisekisa ubunjani benqununu (iprofayili yayo) eya kuba yefanelekileyo.

  • Isaziso sesithuba masibhalwe kakuhle ngohlobo lokuba iinqobo zokugweba (criteria) eziya kusetyenziswa xa kukhethwa kwaneemfuno eziphambili zesithuba zicaciswe gca.

5. Umhla wokuqeshwa komenzi-sicelo ophumeleleyo uya kuba yiloo mini yokuvulwa kwesikolo eso. Ukutyunjwa kwamagama abo baza kungena kwezo zithuba zeenqununu zixeliweyo kuya kwenziwa libhunga lolawulo lesikolo (lethutyana). Kucelwa niqaphele ukuba apho kuqalwa isikolo esitsha sikarhulumente ngokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996, okanye ngokwawo nawuphi na umthetho wephondo osebenzayo, yaye de kube kusekwe ibhunga lolawulo lesikolo okanye ibhunga leso sikolo elifanelekileyo, ukuqeshwa, ukunyuselwa esikhundleni okanye ukutshintshelwa kuso nasiphi na isithuba okwethutyana okwenziwa kootitshala beso sikolo kuya kwenziwa yiNtloko yeSebe leMfundo.
6. Njengoko izikolo ezitsha ezichaphazelekayo zingekafakwa kwiPesali, le ngcaciso ayisayi kuvela kwiziko lewebhu. Ngako oko ke umphathi wesekethe ochaphazelekayo kuya kufuneka angenise kwiSebe i-WCED ifom efunwayo yopapasho lwesithuba kwakunye nesaziso saseburhulumenteni ngokumalunga nokuvulwa kwesikolo, ukuze abasebenzi abakwi-ofisi ejongene nemicimbi yezabasebenzi babe nako ukusipapasha.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:00:00