1. Kule Setyhula 0065/2005 kwacaciswa ukuba iMigaqo kaZwelonke eza kuLandelwa kuVavanyo lweZikolo kwiCandelo leMfundo noQeqesho ngokuBanzi neleMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (kumaBakala R – 12) (National Protocol on Assessment for Schools in the General and Further Education and Training Bands (Grades R – 12)) yayiza kuqala ukusebenza "ukususela ngoJanuwari 2006 kuwo onke amabakala".  Kodwa oku kuphunyezwa kwale migaqo akuzi kwenziwa kula maBakala 8, 9, 11 okanye 12 ngo-2006 okanye kwiBakala 12 ngo-2007.
2. Njengoko kwakucacisiwe kule Setyhula 0065/2005, zonke izikolo zifanele ziqalise ukusebenzisa le migaqo ukususela ngoJanuwari 2006, kodwa kuphela kula mabakala R – 7 nakwiBakala 10. Ukususela ngoJanuwari 2007 kufuneka iqalise ukusetyenziswa le migaqo kula maBakala 8, 9 no-11, kuze ukususela ngo-Januwari 2008 isetyenziswe kwiBakala 12.
3. Ikopi eprintiweyo ye-National Protocol on Assessment njengangoku iposelwa ezikolweni. Olu xwebhu okwangoku lufumaneka ngesiNgesi kuphela [an electronic copy is attached below]. Imizekelo ekhankanywe kumhlathi 4 ayiqhotyoshelwanga, njengoko iSebe leMfundo leNtshona Koloni lingekayifumani. ISebe leMfundo likazwelonke liza kuzithumela iikopi ze-National Protocol on Assessment ukuze zisiwe ezikolweni ekuyeni ekupheleni kwale kota.
4. Kucelwa unceda uqinisekise ukuba bonke ootitshala bamaBakala R – 7 nabeBakala 10 bayayifumana ikopi yale migaqo.


ISAYINWE: NGU-S.N. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:23

National Protocol on Assessment for Schools in the General and Further Education and Training Bands (Grades R – 12)  (ubukhulu: 448 KB)