1. Ngokwalo Mthetho ofakela ilungiso okhankanywe apha ngasentla, iziqendu ezithile zoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84/1996), (South African Schools Act, 1996 (Act 84/1996), kunye neminye iMithetho ifakelwe izilungiso. Ukukwenzela lula kuqhotyoshelwe apha ikopi yeGazethi kaRhulumente 28426 yowe- 26 Januwari 2006 (Government Gazette 28426 of 26 January 2006).
2. Ezi zilungiso zikhankanywe apha ngasentla zaqala ukusebenza ngomhla wopapasho lwazo (26 Januwari 2006) kwiGazethi kaRhulumente.
3. Esinye isaziso esimalunga nokuphunyezwa kwale mithetho ngokuphathelele kwimiba ethile yayo uya kusithunyelelwa ngamacandelo achaphazelekayo eSebe leMfundo leNtshona Koloni.
4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo kunye namalungu ebhunga lolawulo ukuze bonke bakuthathe ingqalelo
5. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:10

yeGazethi kaRhulumente 28426 yowe- 26 Januwari 2006  (ubukhulu: 207 KB)