1. |
Ukwenzelwa ukuqinisekisa ukulawulwa ngempumelelo kwezicelo zekhefu, ziyakhunjuzwa iinqununu zamaziko emfundo neesuphavayiza zamacandelo ukuba iifom zekhefu mazingeniswe kwiSebe lemfundo leNtsona koloni ziziidyuplikeyithi. Oku kuya kwenza iSebe leMfundo libe nako ukubuyisela idyuplikethi/ikopi yefom yekhefu ebonisa isigqibo esiye sathathwa ngokumalunga nekhefu elo licetywayo kwinqununu/kwisupavayiza ngeejongo zokuba lifakwe kwirekhodi sakuba nje sigqityiwe ukuphunyezwa eso sicelo sekhefu. |
2. |
Izicelo zekhefu mazifakwe kwangethuba. Nakuba kunjalo, ukuba oku akunako ukwenzeka, iinqununu neesupavayiza maziqinisekise ukuba iifom zekhefu neengcebiso ezibhalwe kuzo zifika kule ofisi zingandlulanga iintsuku ezili-14 ukususela kumhla ekwathi ngawo loo mntu uchaphazelekayo wenza isicelo sekhefu.
|
3. |
Nceda wazise okubhalwe kule setyula bonke abasebenzi abaphantsi kolwawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:07
|