1. Imithetho yeemviwo zeMatriki, njengoko ibhalwe kwithayimthebhile yomviwa ngamnye kwakunye nakwiincwadi zeempendulo, icacisa gca ukuba akukho mviwa makaphathe iselula (cellphone) kwindawo yokubhalela iimviwo. Kungakhathaliseki nokuba ngaba iselula leyo icinyiwe okanye ayicinywanga, nokuba ngaba iyasetyenziswa na, isenzo nje sisodwa sokuba neselula kwindawo yokubhalela iimviwo lulwaphulo lomthetho weemviwo.
2. Ziyacelwa iinqununu neentloko zezikolo namaziko asetyenziswa njengeendawo zokubhalela iimviwo ukuba ziqinisekise ukuba lo mthetho ubanjwe nkqi nangokungqongqo. Indawo nganye ekubhalelwa kuyo iimviwo mayenze amalungiselelo ayimfuneko okuqinisekisa ukuba abaviwa abeza neeselula kwiseshoni yoviwo banendawo enqatyisiweyo yokuzishiya nokuba abanini beeselula bafumana iiselula zabo emva koko. Amanye amaziko aqhoboshela inombolo ethile kwiselula nganye xa ingeniswa, aze umfundi anikwe ikhadi ekubhalwe kulo idyuplikethi yenombolo leyo. Emva kweseshoni yoviwo umviwa ufumana iselula yakhe akuba engenise ikhadi elo.
3. Ithekhinoloji yeeselula ephucuke mpela ngoku yenza kube nokukhutshelwa ngeselula (download) ingcaciso ethile ekwikhompyutha. Ubungqina boku bufunyenwe ngethuba lokubhalwa kweemviwo zeMatriki, kwaza oku kwakhokelela ekubeni iziphumo zaloo mviwa kwesi sifundo sichaphazelekayo zibhengezwe njengezililize (null and void).
4. Baza kunikwa imiyalelo bonke abagadi babaviwa ukuba bavule amehlo bagade oku kwiimviwo ezizayo, yaye ziyacelwa iintloko zamaziko ukuba zenze konke okusemandleni azo ukuqinisekisa ukuba akukho baviwa kumaziko abo abazibeka esichengeni sokuphandwa liSebe leMfundo ngolwaphulo lomthetho weemviwo.
5. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba bancede baxelele bonke abaviwa babo le ngcaciso phambi kokuba ziqale iimviwo.


ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:28