2. |
Incwadana enika isikhokelo ngokusekwa nemisebenzi yeekomiti zokunika inkxaso ilungiselelwa ukusiwa kuzo zonke izikolo ngokusetyenziswa kwee-EMDC. Ii-EMDC ziya kunika inkxaso kwizikolo ekusekeni ezi komiti zokunika inkxaso nasekuqeqesheni abasebenzi. Kulindeleke ukuba isikolo ngasinye seSebe leMfundo leNtshona Koloni liseke ikomiti enika inkxaso kwezemfundo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyavuyisana kakhulu nezikolo ezininzi esele zizisekile ezi komiti zokunika inkxaso (ebezibizwa ngaphambili ngokuba ziikomiti zokunika inkxaso kootitshala (TSTs)) sikwayivuyela nenkqubela encomeka ngokugqithisileyo eseyenziwe ngokusekwa kwezi komiti. |
3. |
NgokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (84/1996), ngalinye ibhunga lolawulo lesikolo “malikhethe umntu okanye abantu abaziingcali zolwazi ngokumalunga nabafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo” (iph.18, iSiqendu 23.5). Kucetyiswa ukuba umququzeleli weekomiti zokunika inkxaso akhethwe abe ngomnye webhunga lolawulo lesikolo ukulungiselela le njongo. |
4. |
Nayiphi na imibuzo emalunga nokusekwa kunye nemisebenzi yeekomiti zokunika inkxaso zamaziko emfundo mayibhekiswe kwiNtloko: yoKunika iNkxaso kuBafundi nooTitshala beMfundo eneeMfuno eziZodwa kwi-EMDC yakho. Nazi iinkcukacha zoqhagamshelwano zee-EMDC:
EMDC: Metropole South Mrs B Daniels Ifoni 021 370 2000
EMDC: Metropole Central Mr E Hassen Ifoni 021 659 4300
EMDC: Metropole East Dr M Bunding Ifoni 021 900 7028
EMDC: Metropole North Dr J Pretorius Ifoni 021 659 4300
EMDC: West Coast /Winelands Dr L de Jager Ifoni 021 860 1204
EMDC: South Cape/Karoo Mr F Tallie Ifoni 044 873 8310
EMDC: Breederivier/Overberg Dr G Barkhuizen Ifoni 023 348 4656
|
5. |
Iya kuthakazelelwa kakhulu into yokuba iinqununu zamaziko emfundo zingakwazisa okubhalwe kule setyhula nakwincwadana leyo bonke ootitshala bezikolo zabo namabhunga olawulo ezikolo zabo ngenjongo yokuba bakuthathele ingqalelo baze benze oko kufuneka kwenziwe. |
6. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni lilindele ukuba ukusekwa kwezi komiti zokunika inkxaso zamaziko emfundo kuya kuba negalelo elikhulu ekunikeni inkxaso kubafundi abanezithintelo ekufundeni ezikolweni. |
ISAYINWE: NGU-DR F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2004:12:13
|