1. Okuqhotyoshelwe kolu xwebhu sisicwangciso samaxesha okubhala iiMviwo zokuGqibezela iMatriki sika-2006.
2. Umviwa ngamnye ofanelekileyo ukuba abhale ezi mviwo uya kwaziswa malunga noku kwiPhetshana leZiphumo zakhe (Advice of Results) zikaNovemba 2005. Uya kuthunyelelwa ifom yokubhalisela uviwo kwakuloo dilesi lalithunyelwe kuyo iPhetshana leZiphumo. Ukuba ayikafiki ifom de kube nguLwesihlanu we-06 Januwari 2006, umviwa ochaphazelekayo makaxelele uMnu. C Louw weCandelo leeMviwo kule nombolo yefoni (021) 467-2917 okanye kule nombolo yefeksi (021) 461-5637.
3. Umhla wokuvalwa ukubhalisela ezi mviwo nguLwesihlanu we-20 Januwari 2006. Ziyacelwa iinqununu nabaviwa ukuba kulandelwe ngqo lo mhla njengoko ifom zobhaliso ezifike kade zingayi kwamkelwa.
4. Nceda uqaphele ukuba imihla ekubhalwa ngayo ezi zifundo zithandathu zivavanywa liSebe leMfundo likazwelonke (Department of Education (DoE), o. k. t., i-Accounting HG ne SG, i-Biology HG neSG, i-English Second [First Additional] Language HG neSG, iHistory HG neSG, i- Mathematics HG neSG ne-Physical Science HG ne-SG, imiselwa liSebe leMfundo kwaye ayinakutshintshwa, njengoko kunjalo nakwimihla ekubhalwa ngayo ezinye izifundo ezihlanu nezithandwa kakhulu ngabaviwa, o.k.t. i-Geography HG neSG, i-Business Economics HG neSG, i-Economics HG neSG, i-Agricultural Science HG neSG ne- Afrikaans Second Language HG neSG.
5. uza kusekwa amaziko okubhalela iimviwo zokuxabangela kwizikolo ezizisekondari nakwezinye iindawo njengoko linokumisela eli Sebe. Ukuba asifumaneki isikolo njengendawo yokubhalela uviwo lokuxabangela, inqununu mayixelele umphathi wesekethe ungadlulanga umhla wama-20 Januwari 2006 ukwenzela ukuba kube nokulungiswa enye indawo yokubhalela.
6. Umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba abaviwa bangena kwindawo yokubhalela uviwo kwimizuzu engama-25 phambi kwexesha elisemthethweni lokuqala kwaloo seshoni yoviwo. Eli xesha malisetyenziswe ngolu hlobo:
6.1 Imizuzu yokuqala eli-15 mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa ezindaweni zabo, ukubanika amaphepha emibuzo, njl. njl.
6.2 Imizuzu eli-10 esaleleyo abaviwa mabafundisise iphepha lemibuzo balicokise.
7. Akuvunyelwanga ukuba babhale okanye babhale amanqakwana ngalo naliphi na ixesha ngeli thuba lale mizuzu engama-25. Ukwaphulwa kwalo mthetho kuya kuba sisitenxo (an irregularity).
8. Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwisicwangciso samaxesha okubhala.
9. Kucelwa wazise bonke abafundi ababhale uViwo lweMatriki ngoNovemba 2005 okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:12:22

Final timetable: 2006 Senior Certificate Supplementary Examinations  (ubukhulu: 30 KB)