1. ISebe leMfundo likazwelonke lipapashe le Migaqo kaZwelonke eza kuLandelwa kuVavanyo lweZikolo kwiCandelo leMfundo noQeqesho ngokuBanzi neleMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (kumaBakala R – 12) (National Protocol on Assessment for Schools in the General and Further Education and Training Bands (Grades R – 12)  [ubukhulu: 301 KB]).
2. Zonke izikolo zifanele ziqalise ukusebenzisa le migaqo ukususela ngo-2006 kuwo onke amabakala.
3. Le migaqo okwangoku ifumaneka ngesiNgesi kuphela. Imizekelo ekhankanywe kumhlathi 4 ayiqhotyoshelwanga, njengoko iSebe leMfundo leNtshona Koloni lingekayifumani.
4. Kuya kwenziwa iisimpoziya zovavanyo (assessment symposia) kuzo zonke ii-EMDC kwikota yokuqala ka-2006 ukwenzela ukuxoxa ngale migaqo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:11:30