1. Kuqatshelwe ukwanda kokusetyenziswa kwezibonelelo ezikhoyo ezi-ofisini zokulungisa ukutya kunye nokutyela ezi-ofisini. Ukuba ezi zibonelelo zisetyenziswa phambi kokuqala kosuku lomsebenzi ngokusemthethweni okanye ngamathuba okuthatha ikhefu lesidlo sasemini (lunch breaks), kuvumelekile oko, ngokuxhomekeka ekubeni le nkqubo yokulungisa ukutya nokutya iphela ngala mathuba, amakhitshi ashiywa ecocekile zize izitya nezixhobo zokutya zihlanjwe kuqoqoshwe yonke into kakuhle. Inye kuphela imeko apho zingashiywa izitya nezixhobo zokutya zingahlanjwanga ekhitshini xa kwenziwe amalungiselelo kwangaphambili noMncedisi weeNkonzo zoKutya (owenza iti) ukuba ahlambe izitya aze aziqoqoshe.
2. Ayamkelekanga konke konke into yokuba kulungiswe ukutya okanye kutyiwe ngexesha leyure zomsebenzi, yaye lo mkhwa awusazi kuphinde uvunyelwe. Ukulungiswa kokutya ngamaxesha eti nako akuvumelekanga njengoko kukhokelela ekubeni kusetyenziswe ngaphezu kwemizuzu eli-15 elixesha elivumelekileyo lokufumana iti.
3. Ngeesetyhula ezithunyelwa liCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo, ukulungiswa kokutya ezi-ofisini kusetyenziswa iithowusta okanye ii-onti zemayikroweyivi (microwave ovens) sele kuthintelwe ngokucace gca. Lo mkhwa mawuphele ngoko nangoko. Ukongeza kwingozi yokubangela umlilo okanye kumngcipheko wokongeza umthwala omkhulu embaneni (electrical overloading), oku kukwanika umfanekiso ombi kakhulu kwabo benzelwa iinkonzo basuka ngaphandle bezele imicimbi yabo yaye nee-ofisi zinuka phu ivumba lokutya.
4. Kulindelwe intsebenziswano yomsebenzi ngamnye ngokumalunga noku.


ISAYINWE: G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:00