1. Kuvunyiwe ukwandiswa kwezi bhasari zilandelayo ukuqalela emva kwi-1 Apreli 2005.
1.1 Esona sixa-mali sikhulu seebhasari zokubhoda kubafundi abasweleyo abakwiihostele ezikwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo sandisiwe ukusuka kwi-R3 850-00 ukuya kwi-R4 000-00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
1.2 Esona sixa-mali sikhulu seebhasari zezothutho nezokubhoda bucala ezihlawulwa abafundi abasweleyo kwezi zithili: West Coast & Winelands, South Cape & Karoo neBreede River & Overberg, sandisiwe ukusuka kwi-R880-00 ukuya kwi-R933-00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.

QAPHELA: Ezi bhasari zibalwa ngokovavanyo lokujonga ubungakanani bentswelo (means test) nangokweenqobo zokugweba (criteria) ezichazwe kule Setyhula 0143/1998 yowe-6 Novemba 1998 nakule 0029/2001 yowe-13 Matshi 2001.

2. Kukwavunywe nokwandiswa kwenkxaso-mali yokuhlawula abasebenzi ukuqalela emva kwi-1 Apreli 2005.
2.1 Inkxaso-mali yokuhlawula abasebenzi ehlawulwa kwizikolo zikarhulumente ezinamanani obhaliso angaphantsi kwama-201 abafundi ukuze kuqeshwe oomabhalane/nabeenkonzo zokucoca yande ukusuka kwi-R253-00 ukuya kwi-R268-00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
2.2 Inkxaso-mali yokuhlawula abasebenzi ehlawulwa kwiihostele zezikolo zikarhulumente ezinamani obhaliso angaphantsi kwama-50 abafundi abahlala ehostele ukuze kuthengwe ukutya/kuqeshwe nabeenkonzo zokucoca, yandile ukusuka kwi-R3 500-00 ukuya kwi-R3 710-00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
3. Iimali ezingazanga zahlawulwa ngokunxulumene nezo sele zivunyiwe zokubhoda, zezothutho nezebhasari zokubhoda zabucala nezokuqeshwa kwabasebenzi ukususela kwi-1 Apreli 2005, ziya kuhlawulwa ngokufanelekileyo.
4. Nceda wazise okukule setyhula onke amalungu ebhunga lolawulo lesikolo kunye nabo bonke abachaphazelekayo ukuze bonke bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:24