1. NgokweSiqendu 8 salo Mthetho Debt Collectors Act, 1998 (Act No. 114 of 1998) ["pdf" ubukhulu: 720KB], akukho mntu, ngaphandle kwegqwetha, omakasebenze njengomqokeleli-matyala ngaphandle kokuba ubhalise kwiBhunga labaQokeleli-matyala (Council for Debt Collectors). Ukuba inkampani okanye imbumba okanye umntu othile ongabhaliswanga ngokusemthethweni, uqokelela amatyala egameni lomnye umntu, loo mntu wenza isenzo sokwaphula umthetho.
2. IBhunga labaQokeleli-matyala liqumrhu elisemthethweni kwaye lisekwe ngenjongo yokuba lilawule umsebenzi wabaqokeleli-matyala. Iziko ledatha elibhalisiweyo labaqokeleli-matyala lifumaneka kweli ziko lewebhu (www.debtcol-council.co.za) okanye ngokuqhagamshelana neBhunga eli ngale nombolo yefoni 012 804 9808/3402, nombolo yefeksi 012 804 0744 okanye ngale dilesi ye-imeyili info@debtcol-council.co.za.
3. IBhunga lazise eli sebe ukuba liqaphele into yokuba amaziko emfundo athile asebenzisa abaqokeleli-matyala ukufumana amatyala awo egameni lawo, ngeli xa abaqokeleli–matyala bengabhaliswanga ngokusemthethweni ngokwalo Mthetho Debt Collectors Act, 1998.
4. Iinqununu namabhunga olawulo ezikolo ziyacelwa ukuba ziqinisekise ukuba abaqokeleli-matyala babhaliswe ngokusemthethweni kwiBhunga labaQokeleli-matyala nokuba zigcina efayilini ubungqina bobhaliso (obusebenza ngokusemthethweni unyaka omnye) ukulungiselela injongo yokuba buhlolwe.
5. Nceda wazise okukule setyhula bonke abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:25