1. INKQUBO
1.1 Nakuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni lacacisayo kule Setyhula 0062/2004 yowe-15 Novemba 2004 ukuba izikolo ziya kwaziswa ngolwabiwo-mali ngokweMigaqo neMimiselo yoLwabiwo-mali yeZikolo (Norms and Standards -N&S) lwethuba elisusela ku-1 Apreli kuye kuma-31 Matshi ngo-Agasti wonyaka ngamnye ukwenzela ukuba zikwazi ukucwangcisela ibhajethi yonyaka wesikolo kwangoko kakhulu, oku kwakhona khange kubenako ukwenzeka. Isizathu sokulibaziseka sibangelwe kukuba iSebe leMfundo kuZwelonke belihlaziya umgaqo-nkqubo omalunga neMigaqo neMimiselo yoLwabiwo-mali yeNgxowa-mali yeZikolo (Norms and Standards for School Funding (NSSF) ekufuneka ezo zinto zintsha zifakiweyo ziqale ukusebenza ukususela kunyaka wesikolo 2006.
1.2 Nakuba kunjalo, iSebe leMfundo kuZwelonke lazise ngoku eli sebe ukuba, ngenxa yokungabikho kwexesha elaneleyo, ezona zinto zifuneka kuqala ukuze kuphunyezwe iNSSF ehlaziyiweyo ukususela ngonyaka wesikolo ka-2006 azinako ukwenzeka nokuba amasebe emfundo amaphondo makenze ulwabiwo-mali ngokwe-N&S kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngo-2006 ngokungqinelana neNSSF ekhoyo njengangoku.
1.3 Kodwa ke oku kulibaziseka makungachaphazeli ulwabiwo-mali ngokwe-N&S kwexesha elizayo yaye kusajongwe kwinto yokuba izikolo ziza kuthi ukususela ngoku zaziswe ngolwabiwo-mali lwazo ngo-Agasti wonyaka ngamnye ukwenzela ukuba zikwazi ukucwangcisela iibhajethi zazo zonyaka wesikolo olandelayo kwangoko. Siyaxolisa kakhulu ngoku kulibaziseka ekubhengezweni kolwabiwo-mali ngokwe-N&S.
2. ULWABIWO-MALI

Ziqhotyoshelwe apha iinkcukacha zolwabiwo-mali ngokwe-N&S zesikolo sakho ngalo nyaka-mali oqala ngowoku-1 Apreli 2006 kuye kwi-31 Matshi 2007. Kucelwa ukuba uthathele ingqalelo oku kulandelayo:

2.1 Ulwabiwo-mali ngokwe-N&S ngonyaka-mali 2006/07 lwabalwa ngokususela kwinani labafundi kuPhando lwaMinyaka le lwango-2005. Kwakhona kucelwa uthathele ingqalelo ukuba imali eyabelwe isikolo sakho ngokwe-N&S inokuncitshiswa ukuba inani kanye labafundi lingaphantsi kwelo lisetyenziswe ekubaleni imali eyabelwe isikolo sakho ngokwe-N&S.
2.2 Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ziya kusifumana esazo isabelo-mali ngokwe-N&S ngonyaka-mali 2006/07 ngeentlawulo ezimbini, ezizezi, 60% ngo-Apreli ne-40% ngoNovemba. Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazisebenzise intlawulo yokuqala yazo neya kwenziwa ngo-Apreli 2006, ekuthengeni iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni (LTSM) ukwenzela ukuba zibe nokufumaneka ngaphambi kokuphela kukaSeptemba 2006, kunye nokuhlawula enye inkcitho, njengoko kucacisiwe kumhlathi 3.1 apha ngasezantsi, ukuya kutsho yaye kubandakanywa nowe-31 Oktobha 2006. Enye intlawulo yemali (40%) neya kwenziwa ngoNovemba 2006 mayisetyenziselwe ukuhlawula iindleko zokuya kutsho kowe-31 Matshi 2007. .
2.3 Kufuneka izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ziyahlula-hlule imali yesabelo sazo sonyaka-mali ophela ngowe-31 Matshi 2007 kwifom WCED 032 ibe ngamahlelo amathathu, angala, eye-LTSM, eyeenkonzo zikamasipala neyolondolozo (maintenance) ngaphambi kowe-30 Apreli 2006. Lakufumana ifom WCED 032, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kutshekisha iibhajethi. Izikolo ziya kwaziswa ukuba iifom zazo azenziwanga kakuhle ukwenzela ukuba ziphinde zingenise iifom WCED 032 ezintsha.
2.4 Imali eyabelwe izikolo ngokweSetyhula 0062/2004 mayibe seyisetyenziswe yaphela zizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 nge-31 Matshi 2006 njengoko iya kuphelelwa lixesha ngalo mhla. Imali eyabelwe izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 isagciniwe ngenxa yokuba izikolo ezo zatyeshela ukungenisa izishwankathelo zenkcitho zekota ngefom WCED 43, kodwa nayo iya kuphelelwa lixesha ngowama-31 Matshi 2006 ngaphandle kokuba iifom ezingekangeniswa zifika ngaphambi kwe-15 Matshi 2006.
3. UKUSETYENZISWA KWESABELO-MALI
3.1 Isabelo-mali ngokwe-N&S senzelwa ukuthenga iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni (learning support materials) (LTSM), ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ukubonelela ngezona zinto zibalulekileyo kulondolozo lwemihla ngemihla lwezakhiwo zesikolo, amabala nezixhobo zomsebenzi (ulondolozo olwenziwa sisikolo), kunye nokuhlawula ezinye iindleko ezikhoyo. Injongo ephambili yesabelo-mali ngokwe-N&S kukuhlawula iindleko eziphathelele koku kulapha ngentla. Ingeniso yesikolo ngokwaso, njengoko kuchaziwe kumhlathi 5, mayisetyenziselwe kuqala ukongeza apho kushota khona kwezi zinto zilapha ngentla phambi kokuba isetyenziselwe ukuhlawula izithuba zengqesho zamaBhunga oLawulo.
3.1.1 Iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni (LTSM)
(a) Kucetyiswa ukuba izikolo ziyahlula-hlule imali eziyabelweyo ngolu hlobo lulandelayo ngokweendidi ngeendidi zeendleko
  • I-60% isetyenziswe ngokunxulumene neendleko zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) nezinye ii-odolo zeencwadi zika-2007. Ngamnye umfundi makabe nencwadi yesifundo emiselweyo ngenkalo yesifundo nganye/ngesifundo ngasinye. Khangela kwiSihlomelo A ngokumalunga noluhlu lwezinto ezifakiweyo phantsi kweencwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi.

  • I-20% isetyenziselwe iinkonzo zikamasipala

  • I-4% isetyenziselwe ulondolozo lwesikolo

  • I-16% isetyenziselwe ukuhlawula izinto ezithengwe sisikolo (local purchases)

(b) Izikolo zinokuthi, phantsi kwale miqathango ilandelayo, zikhuphe isabelo esincinane kwiincwadi zezifundo ezimiselweyo nakwezinye iincwadi:
  • Ukuba ngamnye umfundi osesikolweni unencwadi emiselweyo yenkalo yesifundo nganye/yesifundo ngasinye YAYE ukuba ibhunga lolawulo lithathe isigqibo ngokusesikweni ngokumalunga nokutenxa kokumiselweyo.

  • Ukuba isigqibo sebhunga elilawulayo ngokumalunga nebhajethi eselingeniswe kwintlanganiso yabazali sicacisiwe yaye isixa-mali esichithwe kwiincwadi ezimiselweyo nakwezinye iincwadi ngomfundi ngamnye sesikhankanyiwe. Esi sigqibo masingeniswe kwintlanganiso yabazali, nokuba ngaba umphathi wesekethe uyasixhasa okanye akasixhasi.

(c) Zonke izikolo mazilandele ngqo uMgaqo-nkqubo woKuthengwa kweeMpahla/kweeNkonzo ngokuKhetha aBathile kuQala (Preferential Procurement Policy) weli phondo xa zisebenzisa isabelo-mali sazo ngokwe-N&S ekuthengeni iincwadi zezifundo nezinye iincwadi. Ukulungiselela le njongo, zimbini izintlu zabathengisi-zincwadi (suppliers). Uluhlu lokuqala (luluhlu lwabakhethwa kuqala) lumele abo bathengisi amabakhethwe kuqala. Babizwa ngokuba ngabasuka kwii-Historically Disadvantaged Individuals (HDIs) kunye ne-Small, Medium and Micro Enterprises (SMMEs). Izikolo mazithenge iincwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi ngexabiso ubuncinane eliya kutsho kuma-70% esabelo seN&S kubathengisi abakolu luhlu lokuqala. Iincwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi zingathengwa kubathengisi abakuluhlu lwesibini ngebhalansi (eyi-30% yesabelo seencwadi ezimiselweyo kunye nezinye iincwadi). Ezi zintlu zigqitywa kukhankanywa zathunyelwa ezikolweni ngeesetyhula ezahlukeneyo.
(d) Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba luxanduva lwazo ukwenza iinzame mpela zokuthetha-thethana nabathengisi-zincwadi ngezaphulelo ezikhulu kumaxabiso eencwadi.
(e) Zifunyanwa njani iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundeni
  • Izikolo njengangoku ezingafakwanga kuluhlu lwamaziko aphantsi kweSiqendu 21 mazilandele iinkqubo ezimiselweyo kwiSihlomelo A.

  • Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazizithengele i-LTSM yazo zizenzele nenye inkcitho ngokwazo.

  • Ukuba izikolo zifuna uncedo ngokumalunga nokukhetha i-LTSM kunye nokuthetha-thethana nabathengisi-zincwadi ngawona maxabiso abhetele zinako ukunxibelelana nee-EMDC zazo.

3.1.2 Iinkonzo zikamasipala
(a) Injongo yesabelo esinikwa izikolo ngokwe-N&S, phakathi kwezinye izinto, kukuhlawula ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, o.k.t. umbane, amanzi, ugutyulo lomphutha (sewerage removal), ukuthuthwa kwenkunkuma, njl. njl. yaye asibandakanyi ukuhlawulwa kwerhafu yepropathi. Njengoko kwakunjalo nakwixesha elidlulileyo, uRhulumente uya kuhlawula irhafu yepropathi ebhaliswe ngegama leRiphablikhi yoMzantsi Afrika.
(b) Izikolo ezimbalwa zivakalise ukuba azifuni kulawula ii-akhawunti zazo zeenkonzo zikamasipala yaye ezi akhawunti ziya kuqhubeka zihlawulwe yi-EMDC echaphazelekayo. I-EMDC iya kunika isikolo ngasinye ikopi ye-akhawunti yaso qho ngenyanga ngenjongo yokuba siyitshekishe size singqine ukuba ii-akhawunti ezo zichanekile.
(c) Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibale imali ebekelwe iinkonzo zikamasipala ngokweendlela zesiqhelo zenkcitho yezi nkonzo zize ziyibonise kwifom WCED 032. Esi sixa-mali kunye nemali yolondolozo ziya kuhlawulwa ngaxeshanye kwizikolo ezavumayo ukwenza lo msebenzi.
(d) Kwezinye zezinto emazenziwe zizikolo, kukuphumeza amanyathelo okonga imali aboniswe kwiSihlomelo B.
(e) U-ESKOM noninzi loomasipala bavakalise ukuba bangazenza iimitha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa (pre-paid electricity meters) ezikolweni. Oku kuya kwenza izikolo zibe nolawulo olubhetele losetyenziso lombane nenkcitho ngombane. Kumaxa amaninzi umbane ohlawulelwa ungekasetyenziswa ubiza kancinane kunalowo uhlawulwa sowusetyenzisiwe.
3.1.3 Ulondolozo lwemihla ngemihla
(a) Ulondolozo lwemihla ngemihla lubandakanya ukucocwa, ukuhlaziywa, ukulungiswa kunye/okanye ukukhutshwa kwezinto ezonakeleyo kufakwe ezinye kwizakhiwo nakumabala esikolo. Ukuba alulwenziwa ulondolozo lwemihla ngemihla kwangoko, izakhiwo ziya kugxagxiseka kangangokuba zifune ulungiso olungxamisekileyo lomonakalo omkhulu nobiza imali enkulu.
(b) Izikolo mazizenzele ibhajethi yolondolozo lwemihla-ngemihla ngokungqinelana nemeko yezakhiwo namabala azo. Isabelo-mali ngokwe-N&S sondolozo lwemihla ngemihla sinokungeneli. Kwiimeko ezinjalo isikolo masiyongeze ngokwaso imali ngemali ephuma kwiingxowa zaso.
(c) Ulondolozo lwezixhobo lwemihla ngemihla kwiihostele zokuhlala malungaze lwenziwe ngokusebenzisa isabelo-mali ngokwe-N&S. Olu hlobo lolondolozo maluxhaswe ngemali yentlawulo yabafundi ngokuhlala ehostele.
3.1.4 Ulondolozo lwezixhobo zomsebenzi
(a) Izikolo mazibekele bucala esinye sesixa-mali kuleyo ziyabelweyo yokwenza ulondolozo lwemihla ngemihla sokusetyenziswa kulondolozo lwezixhobo zomsebenzi zokuhombisa amabala esikolo, umz. ukulungiswa kwemowa, ukusika ingca, ukupeyinta izitulo ezisemabaleni esikolo, ukuthenga ilayimi, isichumiso njl. njl.
(b) Irenti mayingabhidaniswa nolondolozo. Luxanduva lwezikolo ukuzihlawulela imali yeemvumelwano zerenti nezengqeshiso (leases) kunye nolondolozo/nolungiso lwezixhobo, umz. iimatshini zokufotokopa, iikhompyutha, njl. njl. Ulondolozo lwezi zixhobo alusiyonxalenye yolondolozo lwemihla-ngemihla lwezakhiwo namabala esikolo.
3.2 Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibonise izabelo-mali ezenzelwe ulondolozo lwezakhiwo, amabala nezixhobo zokusebenza njengesixa esinye kwifom WCED 032.
3.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni aliyi kwamkela butyala ngentlawulo yazo naziphi ii-akhawunti apho izikolo zichithe ngaphezu komlinganiselo osisabelo sazo. Kuya kufuneka izikolo zizihlawulele ngokwazo ezi ndleko. Ukuba kuthi ngenxa yaso nasiphi na isizathu, nesaluhlobo luni na, izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zigqithise kwisabelo sazo ngokwe-N&S, nayiphi na inkcitho engaphezulu iya kuxhuzulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni kwisabelo sesikolo sonyaka olandelayo. Ukuba isikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 asiyisebenzisanga yonke imali yaso yonyaka esiyabelweyo ngokwe-N&S, isixa-mali esisashiyekileyo siya kuphelelwa lixesha. Khangela kumhlathi 2.4 apha ngentla.
4. INGENISO EYENZIWA SISIKOLO NGOKWASO

URhulumente akanako ukunika izikolo imali evela kwingxowa-mali yakhe yanele zonke iimfuno zazo. NgokweSiqendu 36 (1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, (UMthetho 84/1996), njengoko ufakelwe izilungiso, (SASA), amabhunga olawulo makathathe amanyathelo afanelekileyo okuncedisana nesabelo sikaRhulumente.

5. UKUNIKA INGXELO
5.1 Zonke izikolo mazingenise le fom WCED 043 (iingxelo zekota ezingenkcitho) kwi-EMDC echaphazelekayo zingekapheli iintsuku ezingama-30 ukususela ekupheleni kwekota nganye (inkcitho eya kutsho kwi-31 Matshi, 30 Juni, 30 Septemba, ne-31 Disemba). Imali iya kuhlawulwa kuphela ezikolweni xa kufunyenwe iingxelo WCED 043 ezanelisayo malunga nemicimbi yemali yeekota zangaphambili. Ikho le fom WCED 043 kwii-EMDC ngefomathi yekhompyutha.
5.1 Ngokwesiqendu 34(5) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (uMthetho 84 ka-1986), izikolo mazingenise (ukuze iqwalaselwe ngumlawuli we-EMDC echaphazelekayo) iseti yengxelo-mali eziphiocothiweyo (audited set of financial stements) zonyaka-mali ongaphambili ungekadluli owe-30 Juni kunyaka ngamnye.

6. ULUNGISO LOMONAKALO OMKHULU OLUNGXAMISEKILEYO

Ngokomhlathi 114 weMimiselo ye-N&S ulungiso olungxamisekileyo lwezakhiwo ezonakeleyo olulolu hlobo luluxanduva lweSebe leMfundo leNtshona Koloni, kodwa olo lungiso luxhomekeke ekubeni ikho na imali yokwenza oku. Ezi ntlobo zolungiso lomonakalo zilandelayo ziya kuqwalaselwa ngokungqinelana neenkqubo ezikwiSetyhula 175/2000:

IHLELO A

Umonakalo omkhulu odalwe ziintlekele zendalo, iingxaki zesakhiwo nemililo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuyithathela kulo le misebenzi yolungiso lwezakhiwo olungxamisekileyo kuphela xa iindleko zingaphezu kwama-R5 000 nangokuxhomekeka ekubeni ikho imali eyaneleyo. Eli Sebe leMfundo linokuthi kwakhona, ngokwengqiqo yalo, lijonge ukuba alinakufaka imali yokuhlawulela umonakalo kwi-akhawunti yebhanki yesikolo ukulungiselela ukuthenga izinto zokwakha kwiimeko apho ungemkhulu kangako umonakalo.
IHLELO B

ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuyithathela kulo le MISEBENZI YOLUNGISO INGXAMISEKILEYO kuphela xa impilo nokhuseleko lootitshala nabafundi zisengozini yaye kukho imali eyaneleyo:
  • Ukufakelwa/ukulungiswa kwemibhobho yamanzi ephantsi komhlaba kunye nemibhobho yogutyulo lomphutha (sewer pipes)

  • Ukulungiswa kweekhebhile zombane (electric cables) eziphantsi komhlaba

  • Ukulungiswa kweegiza zombane (kwiihostele kuphela)

  • Ukulungiswa kwesona sixhobo sikhulu sisetyenziswayo ehostele

Ukulungiswa kweendawo zokugcina amanzi okusela (Uncedo lungaluhlobo lokunika imali yokuthenga izinto eziza kusetyenzwa kuphela).
Izikolo mazingenise iikowuteshini ezi-3. Umsebenzi wokulungisa umonakalo ungaqalisa kuphela emva kokufumaneka kwesigunyaziso soko esivela kwaNdlunkulu.

7. EMINYE IMIQATHANGO
7.1 Ibhunga lolawulo malibe nolawulo olululo kwingeniso nakwinkcitho njengoko kucacisiwe kule ncwadana Manual of Basic Financial System for Schools. Ukuba amalungu ebhunga lolawulo lesikolo akanabo ubungcali obuyimfuneko bokwenza lo msebenzi ngendlela eyiyo, makakhethe (co-opt) umntu oya kuba nako ukuwancedisa.
7.2 Yonke imali yesikolo, efunyenwe kwisabelo sikaRhulumente kwangokunjalo naleyo evela kwisikolo ngokwaso, mayisetyenziselwe iinjongo ezinxulumene ngqo nezemfundo, ngakumbi ukuthenga iincwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi kunye nezinye izinto zokuncedisa ekufundeni. Ngokomgaqo-nkqubo weSebe leMfundo leNtshona Koloni makungaze kwenziwe iikopi zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) kunye neencwadi zokufunda (readers) njengoko oku ikukunyasha uMthetho weLungelo eliValela uKwenziwa kweeKopi, 98/1978 (Copyright Act, 98/1978). Inkcitho eyenzelwa amatheko, ulonwabo, iihambo eziyimfundiso (excursions) okanye iihambo maziyiphephe izikolo.
7.3 Eli Sebe leMfundo linelungelo lokuhlola iirekhodi ezinxulumene nemali yesikolo kunye nokuthatha amanyathelo ngakuye nawuphi na umsebenzi okanye ilungu lebhunga lolawulo, ukuba lithe lachaphazeleka kwizenzo zokusetyenziswa ngendlela engeyiyo kwemali yesikolo. Ukulungiselela le njongo izikolo mazigcine bonke ubungqina bengeniso nenkcitho.
8. ISICELO SOKUFAKWA KWESIKOLO PHANTSI KWESIQENDU 21

Izicelo zokutshintsha ukusuka ekubeni sisikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 sibe phantsi kweSiqendu 21 mazingeniswe ngaphambi kowe-31 Januwari 2006 ngale fom eqhotyoshelweyo. Izikolo eziphumeleleyo ziya kufakwa phantsi kweSiqendu 21 ukususela kunyaka-mali olandelayo, o. k. t., ukususela kowe-1 Apreli 2006.


9. IZIBHENO

Ukuba isikolo sinorhano lokuba kukho iimpazamo ekubalweni kwesabelo saso ngokwe-N&S okanye ukuba kukho imeko eyahluke mpela kwezinye kwisikolo eso, sinokwenza isibheno esichasa isabelo eso ngokungenisa izizathu ezixhasayo (motivation) zizathu ezo emaziquphe zingqale ngqo emxholweni kuMlawuli oJongene noLawulo lweBhajethi (Director: Budget Management (Private Bag X9114), Cape Town 8000)) nemazifike ungadlulanga owe-15 Novemba 2005.


10. NAZI IINOMBOLO ZONXIBELELWANO ZOKWENZA IMIBUZO
ISihlokoIgamaInombolo yefoni
IifomWCED 043 zeengxelo zekota neengxelo-mali zonyakaISekela-mlawuli kwezoLawulo kwi-EMDCYeye-EMDC echaphazelekayo
IzibhenoNks V Barkhuizen021 467 2177
Ukuhlelwa kwesabelo sonyaka - kwifom WCED 032Mnu C Prins 021 467 2801
Ukuthengwa kweencwadi ezimiselweyo nezinye iincwadi (WCED 034) nokuthengwa kwezinto kuloo ngingqi (WCED 026)Zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 Mnu B Stoffels021 900 7062
Iintlawulo ezifakwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo (izabelo-mali ngokwe-N&S)) Mnu I Morkel021 467 2768
Ulungiso lomonakalo olungxamisekileyo Mnu G Martin
Mnu P Beukes
021 467 2137
021 467 2134


ISAYINWE: E.I. MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:03

isiHlomelo A  (ubukhulu: 20 KB)
isiHlomelo B  (ubukhulu: 8 KB)
isiHlomelo C  (ubukhulu: 23 KB)
Application for Article 21 Status  (ubukhulu: 8 KB)
Form WCED - WKOD 26  (ubukhulu: 10 KB)
Form WCED - WKOD 32  (ubukhulu: 11 KB)
Form WCED - WKOD 34  (ubukhulu: 8 KB)
Form WCED - WKOD 43  (ubukhulu: 33 KB)