1. Ngo-1901 ababesaya kuba liTshawe neTshawekazi laseYork bashiya ilifa eliyimali kubathenjwa (trustees) bengxowa-mali eyaziwa ngokuba yi-Royal Reception Fund.
2. Nakulo ka-2005 iSebe leMfundo leNtshona Koloni, njengomlawuli wale ngxowa-mali, liza kunika kwakhona amabhaso avela kule ngxowa-mali abafundi beBakala 12 abafumene awona manqaku aphezulu kwizifundo zeMbali kuHlelo oluPhezulu neJografi kuHlelo oluPhezulu kuviwo lweMatriki lweSebe leMfundo leNtshona Koloni luka-2005. Olu khuphiswano lwaziwa ngokuba luKhuphiswano lweTshawe neTshawekazi laseYork yaye abaviwa abachaphazelekayo baya kwaziswa ngembalelwano ngamabhaso abo abawawinileyo.
3. Ngamnye ozuze ibhaso unokuthenga iincwadi ezixabisa ama-R700,00. Kufuneka ezi ncwadi zinxibelelane nezifundo zakhe zokuqhubela phambili.
4. Eminye imibuzo emalunga nala mabhaso ingabhekiswa kuMnu A Davids kule nombolo yefoni 021 467 2257.
5. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-S. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:17