1. Umgaqo-nkqubo ngokubhekiselele kwezona mfuno zisezantsi zokwamkeleka kwiiprogram zeSatifikethi seMfundo ePhakamileyo, zeDiploma nezesiDanga ezifuna iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) (NSC) wabhengezwa nguMphathiswa wezeMfundo nge-18 Agasti 2005.
2. Lo mgaqo-nkqubo uya kusebenza kuwo onke amaziko emfundo ephakamileyo ukususela ngoJanuwari 2009, njengoko iqela lokuqala labaviwa beNSC liya kuzihlalela iimviwo zalo ngo-2008.
3. Kuya kufuneka izikolo ziyisebenzisele le ngcaciso ukunika ingcebiso kubafundi xa bekhetha izifundo zabo namanqanaba abo empumelelo kumaBakala 10, 11 no12.
4. Ootitshala mabaqaphele ukuba ezi zezona mfuno zisezantsi zokwamkeleka, kunye nokuba iziko ngalinye lingaba neminye imiqathango engaphezulu kwizifundo ezithile, njengoko kunjalo ngoku. Ukuba nazo zonke ezi mfuno zisezantsi zokwamkeleka akuthethi into yokuba umfundi unengqinisekiso yokwamkelwa nakuyi phi na iprogram yokufunda kwiziko lemfundo ephakamileyo.
5. Izifundo ezidweliswe ekupheleni kwale setyhula zivunyiwe njengezifundo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate subjects) ngokwenjongo yalo mgaqo-nkqubo. Zonke izifundo ezivunyiweyo zinexabiso elingu-20 leekhredithi (credit value of 20) ngaphandle kwezifundo zoLwazi ngezoBomi (Life Orientation) elingu-(10).
6. Uluhlu lwezifundo ezinyuliweyo (jonga kumhlathi 9) luya kuhlala lusebenza iminyaka emi-3 ukususela ekuqalisweni kwalo mgaqo-nkqubo, ekuya kuthi ngelo thuba kwenziwe uvavanyo lokukhangela ukufaneleka kwalo nendima yalo. Lo mgaqo-nkqubo uya kuphononongwa kwakhona kususelwe kubungqina obufunyenweyo. Kucelwa uqaphele ukuba ezi nguqulelo aziyi kusebenza kubafundi abasele bekwisigaba seFET ngexesha ekunokwenziwa ngalo olo tshintsho.
7. Ezona mfuno zisezantsi zokwamkeleka kwiSatifikethi seMfundo ePhakamileyo (Higher Certificate): iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
8. Ezona mfuno zisezantsi zokwamkeleka kwiDiploma (Diploma): iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke esikuhlelo lokupasa olungu-3 (UPase ngokuPhakathi, 40% - 49%) okanye kakuhle kwizifundo ezi-4 ezivunyiweyo zeNSC ezinexabiso leekhredithi elingu-20.
9. Ezona mfuno zisezantsi zokwamkeleka kwisiDanga (Bachelor’s Degree): iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke esikuhlelo lokupasa olungu-4 (UPase ngoKwanelisayo, 50% - 59%) okanye kakuhle kwizifundo ezi-4 ezikhethwe kwezi zifundo zivunyiweyo, zilandelayo zeNSC nezinexabiso leekhredithi elingu-20 (neziya kwaziwa njengoluhlu lwezifundo ezinyuliweyo):
  • Accounting

  • Agricultural Sciences

  • Business Studies

  • Dramatic Arts

  • Economics

  • Engineering Graphics and Design

  • Geography

  • History

  • Consumer Studies

  • Information Technology

  • Languages (ulwimi olunye olokufunda nokufundisa njengoko lusetyenziswa kwiziko lemfundo ephakamileyo nezinye izifundo zeelwimi ezimbini ezamkelekileyo)

  • Life Sciences

  • Mathematics

  • Mathematical Literacy

  • Music

  • Physical Sciences

  • Religion Studies

  • Visual Arts

10. Ezi zifundo zilandelayo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zivunyiwe ukuba zingafakwa kwiSatifikethi seMfundo ePhakamileyo, seDiploma okanye sesiDanga. Isifundo ngasinye kwezi zifakwe kuluhlu, sinexabiso lekhredithi elingu-20, ngaphandle kwesifundo soLwazi ngoBomi (Life Orientation) (10). Ayizizo zonke izifundo kwezi ezifundiswayo ngamaziko emfundo apha eNtshona Koloni.

IQELA A (GROUP A)
IILWIMI  ZASEBURHULUMENTENI EKHAYA NAKWINQANABA 
LOKUQALA ELONGEZELELWEYO (OFFICIAL LANGUAGES AT HOME AND 
FIRST ADDITIONAL LEVEL)
Afrikaans Home Language
Afrikaans First Additional Language
English Home Language
English First Additional Language
IsiNdebele Home Language
IsiNdebele First Additional Language 
IsiXhosa Home Language
IsiXhosa First Additional Language
IsiZulu Home Language
IsiZulu First Additional Language
Sepedi Home Language
Sepedi First Additional Language
Sesotho Home Language
Sesotho First Additional Language
Setswana Home Language
Setswana First Additional Language
SiSwati Home Language
SiSwati First Additional Language
Tshivenda Home Language
Tshivenda First Additional Language
Xitsonga Home Language
Xitsonga First Additional Language


MATHEMATICAL SCIENCES Mathematical Literacy Mathematics
HUMAN AND SOCIAL STUDIES Life Orientation


IQELA B (GROUP B) AGRICULTURE Agricultural Management Practices Agricultural Science Agricultural Technology
CULTURE AND ARTS Dance Studies Design Dramatic Arts Music Visual Arts
BUSINESS, COMMERCE AND MANAGEMENT STUDIES Accounting Business Studies Economics
OFFICIAL LANGUAGES AT SECOND ADDITIONAL LEVEL, AND NON-OFFICIAL LANGUAGES Afrikaans Second Additional Language English Second Additional Language IsiNdebele Second Additional Language IsiXhosa Second Additional Language IsiZulu Second Additional Language Sepedi Second Additional Language Sesotho Second Additional Language Setswana Second Additional Language SiSwati Second Additional Language Tshivenda Second Additional Language Xitsonga Second Additional Language Arabic Second Additional Language French Second Additional Language German Home Language German Second Additional Language Gujarati Home Language Gujarati First Additional Language Gujurati Second Additional Language Hebrew Second Additional Language Hindi Home Language Hindi First Additional Language Hindi Second Additional Language Italian Second Additional Language Latin Second Additional Language Portuguese Home Language Portuguese First Additional Language Portuguese Second Additional Language Spanish Second Additional Language Tamil Home Language Tamil First Additional Language Tamil Second Additional Language Telegu Home Language Telegu First Additional Language Telegu Second Additional Language Urdu Home Language Urdu First Additional Language Urdu Second Additional Language
ENGINEERING AND TECHNOLOGY Civil Technology Electrical Technology Mechanical Technology Engineering Graphics and Design
HUMAN AND SOCIAL STUDIES Geography History Religion Studies
PHYSICAL, MATHEMATICAL, COMPUTER AND LIFE SCIENCES Computer Applications Technology Information Technology Life Sciences Physical Sciences
SERVICES Consumer Studies Hospitality Studies Tourism
11. Iintloko zamaziko emfundo maziqaphele ukuba uluhlu lwezifundo ezinyuliweyo ekukhethwa kuzo izifundo ezine ukuze umfundi amkeleke kwisiDanga, alufani nolo luhlu lupheleleyo kumhlathi 10.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:15