1. Le setyhula mayifundwe kunye nezi Setyhula 0206/2003 nale 0171/2000, kwakunye nale Ngcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam DCD 0017/2004. Ezi sethyula zichazwe ngentla apha, zibhekiselele kwiimviwo zomculo ze-Trinity College of London (TCL) kunye ne-University of South Africa (UNISA).
2. ISebe leMfundo kuzwelonke lazise amaphondo ngeSetyhula S4/2005 ukuba iimviwo ezibhalwa phantsi kwe-Associated Board of the Royal Schools of Music (ABRSM) emva kwe-17 Meyi 2005 ziya kuthathelwa ingqalelo ukulungiselela iinjongo zeSatifikethi seMatriki.
3. Abaviwa abazanelisayo iimfuno ze-ABRSM, kwakunye nemiqathango yokuqala emiselweyo yethiyori, baya kunikwa isifundo esilingana nesikuHllelo oluPhezulu noluPhakathi kwiimviwo zokugqibela zeMatriki ngolu hlobo lulandelayo:
UViwo loMculo oluyiPrakhtikhali Imiqathango yokuqala emiselweyoEsilingana nesifundo seMatrikiAmanqaku okupasaUkwabiwa kwamanqaku
UViwo loMculo oluyiprakhtikhali lwe-ABRSM kwiBakala 6Ithiyori yoMculo ye-ABRSM kwiBakala 6UMculo SG65%Ipesenti X 3 (Max 300)
UViwo loMculo oluyiprakhtikhali lwe-ABRSM kwiBakala 7Ithiyori yoMculo ye-ABRSM kwiBakala 6UMculo HG65%Ipesenti X 4 (Max 400)
UViwo loMculo oluyiprakhtikhali lwe-ABRSM kwiBakala 8Ithiyori yoMculo ye-ABRSM kwiBakala 7UMculo HG65%Ipesenti X 4 (Max 400)
UViwo loMculo oluyiprakhtikhali lwe-ABRSM IDiploma yoMculiIthiyori yoMculo ye-ABRSM kwiBakala 8UMculo HG65%Ipesenti X 4 (Max 400)
UViwo loMculo oluyiprakhtikhali lwe-ABRSM ISatifikethi soMculiIthiyori yoMculo ye-ABRSM kwiBakala 6UMculo HG65%Ipesenti X 4 (Max 400)

4. Uviwo olunye olona luphezulu kumaBakala 6, 7 okanye 8 emculweni okanye lwalowo ungumculi lwe-ABRSM okanye lwe-TCL okanye lwe-UNISA lungenziwa kunye neezifundo zeMatriki.
5. Ukulungiselela injongo yokubala amanqaku ewonke afunyenwe ngumviwa (aggregate) ayimfuneko ekukhutshweni kwesatifikethi seMatriki (ubuncinane mayibe ngamamanqaku ayi-720), amanqaku oviwo achaphazelekayo e-ABRSM okanye e-TCL okanye e-UNISA aya kubalwa ngolu hlobo:
5.1 Kwimeko yezifundo ezithandathu ezenziwa ngaxeshanye, amanqaku oMculo aya kufakwa kumanqaku ewonke afunyenwe ngumviwa.
5.2 Kwimeko yezifundo ezisixhenxe nangaphezulu ezenziwa ngaxeshanye, amanqaku ewonke afunyenwe ngumviwa (aggregate), kubaviwa baseMzantsi Afrika aya kubalwa ngokuthi kususelwe kumanqaku afunyenwe kwiilwimi ezimbini ezifunekayo namanqaku angawona abhetele kwizifundo ezine. Kubaviwa abavela kwamanye amazwe, aya kubalwa ngokuthi kususelwe kumanqaku afunyenwe kulwimi olunye olufunekayo namanqaku afunyenwe kwizifundo ezintlanu ekuzezona afumane amanqaku abhetele kuzo.
6. Akuyi kubakho kuguqulwa okanye kunyuselwa kuya kwenziwa kwiziphumo zoviwo lomculo ezichaphazelekayo.
7. Iimviwo zoMculo ze-ABRSM okanye zeTCL okanye ze-UNISA azinako ukubhalwa kunye noMculo kuHlelo oluPhezulu okanye oluPhakathi. Nangona kunjalo, abaviwa abachophela iimviwo ze-ABRSM okanye ze-TCL okanye ze-UNISA banokuviwa kwi-Music Performance (Second Instrument) kuHlelo oluPhakathi njengesifundo esamkelekayo kwiMatriki.
8. Kwimeko yabaviwa abachophela izifundo ezihlanu okanye izifundo ezingaphezu koko ezivunyiweyo zeMatriki kunye noviwo lomculo olunye lwe-ABRSM okanye lwe-TCL okanye lwe-UNISA, uviwo lomculo lwe-ABRSM okanye lwe- TCL okanye lwe-UNISA malubhalwe ze lupaswe kwisithuba seenyanga ezintandathu zoviwo lweMatriki ukwenzela ukugcina imeko yoviwo olubhalwa kunye olufunelwa ukwamkelwa eyunivesithi.


ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:31