1. AmaZiko oLawulo noPhuhliso lweMfundo namaziko emfundo yabadala (CLCs) ayacelwa ukuba alandele ngqo ezi zikhokelo zilandelayo ukwenzela ukuba yenziwe lula inkqubo yokunikwa kwengcaciso ngamaziko emfundo yabadala nobhaliso, ukuxhaswa ngemali, ukuvalwa nokutshintshwa kwamagama amaziko emfundo yabadala.
2. UBHALISO LWAMAZIKO EMFUNDO YABADALA
2.1 NgokoMthetho weMfundo noQeqesho lwaBadala, uMthetho 52 wowe-2000, akukho mntu makaseke okanye aqhube iziko lemfundo yabadala ngaphandle kokuba libhaliswe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED).
2.2 Ngalinye iziko malanelise imiqathango echaphazelekayo phambi kokuba kube nokuqwalaselwa isicelo sobhaliso lwalo.
2.3 Izicelo zobhaliso mazingeniswe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED), zibhalwe kwifom yokwenza isicelo emiselweyo (CLC 2) yaye maziqale zidlule kwi-EMDC.
2.4 Emva kokuba igosa le-EMDC, elityunjwe ngumlawuli we-EMDC, lityelele iziko elo ngenjongo yokulihlola, isicelo selo ziko lemfundo yabadala kunye nengxelo yezimvo (recommendations) zegosa le-EMDC nengxelo yezimvo zomlawuli we-EMDC, ziya kuthunyelwa kwaNdlunkulu weSebe leMfundo leNtshona Koloni ngenjongo yokuba ziqwalaselwe ngabeCandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo (Directorate: Logistical Services).
2.5 Emva kokuqwalaselwa kwesicelo, liya kwaziswa iziko elichaphazelekayo ngesiphumo sesicelo sobhaliso eso, impendulo leyo iya kuqala idlule kwi-EMDC.
2.6 Apho iziko linenjongo yokuvala okanye yokutshintshela kwenye indawo, makuqale kufunyanwe imvume yeSebe leMfundo leNtshona Koloni, kudlulwe kuqala kwi-EMDC, phambi kokuba livalwe okanye litshintshwe kuloo ndawo. I-EMDC mayigqithisele iinkcukacha ezichaphazela ukuvalwa okanye ukutshintshwa kuNdlunkulu ukuze ziqwalaselwe ngabeCandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo (Directorate: Logistical Services).
3. UXANDUVA LWAMAZIKO LOKUNIKA INGCACISO
3.1 Emva kokuba iziko libhaliswe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni, linyanzelekile ukuba lingenise la maxwebhu alandelayo kwiSebe i-WCED:
3.1.1 Ingxelo yophando qho ngonyaka (Annual Survey)
3.1.2 Isishwankathelo sekota sokuhamba isikolo kwabafundi (Learner Attendance)
3.1.3 Isishwankathelo sekota sokuhamba isikolo kootitshala (EducatorAttendance)
3.2 Kufuneka i-EMDC ingenise zonke iifom ezichazwe ku-3.1.1 kuye ku-3.1.3 kwaNdlunkulu ngenjongo yokuba ziqwalaselwe ngabeCandelo lezoPhando (Directorate: Research).
3.3 Iintlawulo zingabanjwa angazifumani amaziko ukuba ngaba amaxwebhu achazwe ku-3.1.1 ukuya ku-3.1.3 akangeniswanga.
4. UKUXHASWA NGEMALI (FUNDING)
4.1 Lakuba nje libhalisiwe iziko, iSebe leMfundo leNtshona Koloni linokubona ukuba alingelixhasi ngemali kusini na. Ukuze libe nokuxhaswa ngemali, kufuneka iziko
4.1.1 lanelise iSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba liyangqinelana nomhlathi 38(1)(J) woMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente (Public Financial Management Act) ngokuthi lizalise yaye lingenise iKhweshine yokuXatyiswa kwamaZiko eMfundo yaBadala ePhondo leNtshona Koloni: UkuNgqinelana noMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente (Evaluation Quesionnaire for Western Cape Community Learning Centres: Compliance with the Public Financial Management Act) kunye nezihlomelo zawo; yaye
4.1.2 lithi qho ngonyaka lifake isicelo sokucela inkxaso-mali lisenze kwifom efanelekileyo (LCL 3). Ezi zicelo mazifike kwiSebe leMfundo ungadlulanga umhla we-15 kuJuni kunyaka ngamnye.
4.2 Ukuba kuvunyiwe ukuxhaswa ngemali yaye iziko elo liyangqinelana nomhlathi 38(1)(J) woMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente (Public Financial Management Act), isavenge semali yekota siya kuhlawulwa kuphela emva kokuba iSebe leMfundo lifumene ingxelo eyanelisayo, engeniswa ibhalwe kwifom-WCED-043 eqhotyoshelweyo, ngokuphathwa kwemicimbi yemali yekota eyandulela engaphambi kwaleyo. Le fom WCED-043 mayingeniswe kwi-EMDC zingadlulanga iintsuku ezingama-30 zokuqala kwekota nganye ngenjongo yokuba iqwalaselwe ngabeCandelo lezeMali, elileli Directorate: Finance, Section: School Based Management.
4.3 Onke amaziko azii-CLC anyanzelekile ukuba angenise iNgxelo-Mali yeKota (WCED-043) neeNgxelo-Mali zoNyaka eziPhicothiweyo kwiSebe i-WCED.
4.4 Iingxelo zekota nezonyaka eziphicothiweyo mazingeniswe kwaNdlunkulu ukuze ziqwalaselwe ngabeCandelo lezeMali iDirectorate: Finance, Section: School Based Management.
4.5 Amaziko okubonelela ngabasebenzi (staffing centres) makalandele ngqo inkqubo emiselweyo yokugaya abasebenzi (recruitment) njengoko ichaziwe kwiSetyhula 67/2004 kunye nayo nayiphi na isetyhula eya kuthatha indawo yayo, ukuqinisekisa ukuba ziya kuhlawulwa iintlawulo zamabango zaqho ngenyanga.
4.6 Bayacelwa abaphathi bamaziko namabhunga olawulo amaziko emfundo yabadala ukuba mabasebenzisane ngokumalunga noku ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ezi mali zifika kumaziko lawo kwangexesha.
5. UKUVALWA KWAMAZIKO
5.1 Ukuba ibhunga lolawulo leziko ligqibe ekubeni lilivale iziko, malazise iSebe leMfundo leNtshona Koloni ngeso sigqibo ubuncinane kwiinyanga ezintathu phambi kokuvalwa kweziko elo. Makunikwe umhla ekujongwe ukuba livalwe ngawo.
5.2 Ingcaciso elolu hlobo iya kugqithiselwa kwaNdlunkulu yi-EMDC ukuze iqwalaselwe ngabeCandelo lezeMali (Directorate: Finance, Section: School Based Management).
5.3 Makwenziwe amalungiselelo okutshintshela abafundi kwelinye iziko ngokubhungisana ne-EMDC.
6. UKUTSHINTSHWA KWEGAMA
6.1 Kwimeko apho ibhunga lolawulo leziko liye lakwamkela ukutshintswa kwegama leziko, malingenise isicelo sokutshintsha igama kwaNdlunkulu kodwa siqale sidlule kwi-EMDC.
6.2 Umlawuli we-EMDC umele ukuba angenise isicelo sokutshintsha igama kunye nezimvo zakhe ezimalunga nokwamkelwa kolo tshintsho kwaNdlunkulu ngenjongo yokuba siqwalaselwe ngabeCandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo (Directorate: Logistical Services).
6.3 Iziko elichaphazelekayo liya kwaziswa ngesiphumo sesicelo eso ngokuthi impendulo iqale idlule kwi-EMDC.

Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:22