1. Njengoko kukho ukufana kakhulu kokuqulathwe zizifundo ezithile ezihamba kunye (subjects combinations) ezifundiswayo ukulungiselelwa iimviwo zeMatriki, uMphathiswa wezeMfundo uvume ezi zithintelo zongezelelweyo (additional provisos) zilandelayo neziza kongezwa kule ngxelo Report 550 (2001/08) ukususela kuJanuwari 2005:
1.1 Umviwa akanako ukwenza
1.1.1 ngaphezu kwesinye sezi zifundo zilandelayo Mathematics HG/SG, Commercial Mathematics SG or Functional Mathematics SG
1.1.2 zombini ezi Physical Science HG/SG and Functional Physical Science SG
1.1.3 ngaphezu kwesinye sezi zifundo Hotelkeeping and Catering SG, Hospitality Studies SG, Reception Studies SG or Restaurant Studies SG.
1.2 I-Dance Performance SG iya kwenziwa kuphela ngabaviwa abenza i-Dance SG.
2. Ezi zithintelo zikhankanywe apha ngasentla ziza kusebenza, kungakhathaliseki nokuba ngaba isifundo eso senziwa njengesifundo sesixhenxe okanye akunjalo. Ukuba umfundi wenza naziphi na ezezi zifundo zihamba kunye zikhankanywe apha ngasentla, eso sifundo sifana kakhulu nesinye asiyi kushicilelwa kwiSatifikethi sakhe seMatriki.
3. Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo alungiselela abaviwa iimviwo zeMatriki ukuba zincede zitshekishe ukuba akukho namnye wabafundi bazo owenza naziphi na zezifundo ezihamba kunye ezikhankanywe apha ngasentla okanye owenza naziphi na zezifundo ezihamba kunye ezikule ngxelo Report 550.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:21