ISETYHULA : | 0049/2005 | UMHLA WOKUPHELELWA : | 2005:12:31 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUMASEKELA-BALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACWANGCISI BEZEKHARITYHULAM ABAKHULU, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KWIINTLOKO ZAMAZIKO ALUNGISELELA ABAFUNDI IIMVIWO ZEMATRIKI NAKUBAPHATHI BAMAZIKO EMFUNDO OLUNTU |
ISISHWANKATHELO ESIFUTSHANE: | Ithayimthebhile yeemviwo namalungiselelo eeMviwo zeMatriki zika-Oktobha - Novemba 2005 |
ISIHLOKO: | IIMVIWO ZEMATRIKI ZANGO-OKTOBHA-NOVEMBA 2005: ITHAYIMTHEBHILE YOKUGQIBELA NAMALUNGISELELO |
1. |
ITHAYIMTHEBHILE YOKUGQIBELA |
1.1 |
|
Fumana ikopi yethayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zeMatriki eziqala ngowe-10 Oktobha ziphele ngowe-23 Novemba 2005. |
1.2 |
|
ISebe leMfundo lenze konke okusemandleni alo ukwenza ithayimthebhile ejonga zonke iinkalo nekwalungele bonke abaviwa. Apho kuyimfuneko, iinguqu sele zenziwe kwithayimthebhile yethutyana ngokungqinelana neengcebiso ezenziwa zizikolo. |
1.3 |
|
Akukho kungqubana kwamaxesha kwithayimthebhile ngokumalunga nabaviwa ababhala iimviwo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni. Nakuba kunjalo, kwimeko apho abaviwa babhala amaphepha asetwe ngamanye amabhunga eemviwo, zinakho ukubakhona imeko apho abaviwa baya kuthi bafumane ukungqubana kwamaxesha ethayimthebhile. Kwiimeko ezinjalo, makwenziwe la malungiselelo alandelayo:
Iinqununu mazikhawuleze zazise uMnu. C Louw weCandelo leeMviwo okule nombolo yefoni 021 467 2917 okanye bafeksele apha 021 461 5637, igama leziko lokubhalela uviwo, igama lomviwa (amagama abaviwa), imihla neeseshoni zokubhala, kunye nezifundo okanye amaphepha achaphazelekayo.
Isifundo esinenani elikhulu labaviwa siya kubhalwa kuqala, kwixesha elibhalwe kwithayimthebhile.
Yakuba nje igqityiwe iseshoni yokuqala yoviwo, umviwa (abaviwa) ochaphazelekayo KUFUNEKA ohlulwe kwabanye abaviwa. Umviwa (abaviwa) makabekwe esweni asoloko egadiwe ngalo lonke ixesha yaye anikwe nethuba lokuphumla elingangeyure. Utitshala osifundo sakhe siza kubhalwa ngumviwa (ngabaviwa) ochaphazelekayo akuvumelekanga ukuba abe ngomnye wabagadi.
Kunyanzelekile ukuba abaviwa bangavunyelwa konke konke ukuba basebenzisa naluphi na uhlobo lwamancedo efoni (kubandakanywa neeselula), amancedo e-imeyili, abanye abaviwa okanye ootitshala besifundo eso sibhalwayo.
Emva kokuphumla iyure, umviwa (abaviwa) uya kungena kwindawo yokubhala uviwo ukuzilungiselela ukubhala isifundo sesibini.
|
1.4 |
|
Nceda wazise bonke abaviwa ukuba kufuneka beze esikolweni kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo, ukulungiselela ukuba kuthi, ngenxa yaso nasiphi na isizathu, kufuneke ukuba kutshintshwe ixesha nosuku lokubhala iphepha loviwo elithile. |
2. |
AMALUNGISELELO OKUBHALWA KWAMAPHEPHA
Umgadi oyintloko (chief invigilator) makaqinisekise ukuba abaviwa bangena kwindawo yokubhala iimviwo kwimizuzu engama-25 phambi kokuqala kwexesha elimiselweyo lokuqala kweseshoni yoviwo. Eli xesha liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo:
Imizuzu eli-15 yokuqala iya kusetyenziselwa ukuhlalisa abaviwa ngokweendawo zabo, ukuhanjiswa kwamaphepha emibuzo, njl. njl.
Ngemizuzu eli-10 eshiyekileyo kufuneka abaviwa bafunde iphepha lemibuzo.
Nceda uqaphele ukuba akukho kubhalwa kwanowuthsi kuvumelekileyo kuso nasiphi na isigaba semizuzu engama-25 yamalungiselelo. Ukophulwa kwalo mgaqo kungabangela isitenxo kwimigaqo (irregularity). Balindeleke abaviwa ukuba bagqibe ukubhala ngexesha elibhalwe kwithayimthebhile.
|
ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:22
Meld asseblief verwysingsnommers in alle korrespondensie / Please quote reference numbers in all correspondence / Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Grand Central Towers, Laer-Parlementstraat, Privaatsak X9114, Kaapstad 8000 Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 WEB: http://wced.wcape.gov.za INBELSENTRUM / CALL CENTRE Indiensneming- en salarisnavrae / Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Veilige Skole / Safe Schools: 0800 45 46 47
|