1. Ukuqinisekisa ukuba iinkonzo zosetyenziso lweefeksi kwaNdlunkulu (kwiGrand Central Towers naseGolden Acre Building) nakwii-EMDC zisebenza kakuhle, kuye kwabonelelwa ngoomatshini befeksi kumacandelwana ahluka-hlukeneyo.
2. Nakuba kunjalo, iingxaki ezinjengezi zilandelayo kusahlangatyezwana nazo kwaNdlunkulu:
  • Iinombolo zefeksi zihlala zixakekile (engaged).

  • Iifeksi azifiki apho zithunyelwa khona.

  • Imibuzo ethunyelwa ngefeksi nganye ayiphendulwa.

  • Izibonelelo zefeksi azisetyenziselwa injongo ezenzelwe yona, ekuyile, ukwamkela nokuthumela imbalelwano engxamisekileyo yaseburhulumenteni.

  • Iifeksi ziba nde kakhulu. Oku kuthatha ixesha elide yaye kubangela ukuba ifoni leyo kuqhagamshelwe kuyo umatshini isoloko ixakekile ixesha elide. Oku kukhokelela kwingxinano, ukulibaziseka nemibuzo engeyomfuneko.

  • Ingcaciso inokuthunyelwa ngokuqhelekileyo okanye ngeposi engxamisekileyo nesebenza kakuhle kakhulu.

  • Uninzi lwengcaciso lusengathunyelwa nge-imeyili.

  • Izibonelelo zefeksi zisetyenziselwa iinjongo zabucala.

  • Ingcaciso engangxamisekanga kakhulu ebisenokuthunyelwa ngeenkonzo zabaqeshwa abahambisa iposi (messenger services) ithunyelwa ngefeksi ukusuka kwenye i-ofisi ukuya kwenye kwaNdlunkulu.

  • Akukho rekhodi igcinwayo yeefeksi ezingenayo/eziphumayo.

3. Ukuqinisekisa usetyenziso ngempumelelo nosetyenziso ngendlela enoqoqosho lweenkonzo zokufeksa, kunye nokuphucula ukwenziwa kweenkonzo, kuza kusetyenziswa la manyathelo alandelayo ukususela ngoku:
3.1 Kuphela ziifeksi ezingekho ngaphezu kwamaphepha ama-5 ezinokuthunyelwa. Ukuba umyalezo uyagqitha kulo mda, oko makuvunywe ngumlawuli oncedisayo (assistant director) okanye ligosa elikwisikhundla esilingana nesi okanye esingaphezulu kwaso.
3.2 Amagosa makacwangcise umsebenzi wawo ngendlela eya kwenza ukuba iifeksi zibe nokuthunyelwa kuphela njengenyathelo elingxamisekileyo.
3.3 Ukuba kufunwa amaxwebhu entsusa, kwiimeko apho umthetho okanye umgaqo-nkqubo ufuna ukuba kungeniswe amaxwebhu entsusa, icandelo elichaphazelekayo malimazise oko lowo wenzelwa inkonzo.
3.4 Ngumsebenzi wecandelo lerejistri kawonke wonke (general registry) elikuMgangatho 6 eGrand Central Towers ukulawula izibonelelo zeefeksi kwaNdlunkulu yaye malisoloko lisaziswa ngokuhanjiswa nokujikeleziswa (movements and rotations) kweefeksi ukwenzela ukuphepha ukulibaziseka okungeyomfuneko kokuhanjiswa kweefeksi. Kwiimeko yee-EMDC le ngcaciso mayinikwe umabhalane oyintloko werejistri (chief registry clerk) ekungumsebenzi wakhe ukujonga izibonelelo zefeksi ngokubanzi (iinkcukacha zilapha ngezantsi).
3.5 Imiyalelo ekule fom eqhotyoshelweyo nevunyiweyo yemiyalezo yeefeksi (WCED-33) mayilandelwe ngqo, o.k.t. makusetyenziswe i-inki emnyama noonobumba abakhulu kuphela. Ngamagosa akwinqanaba elilingana okanye elingaphezu kwelegosa elikhulu (senior officer) kuphela anako ukunika imvume yemiyalezo.
3.6 Abo bathunyelwa imiyalezo yefeksi mabaprinte amagama abo phantsi kweesiginitsha zabo kwirejista.
3.7 Endaweni yeefeksi, makusetyenziswe inkonzo ekhoyo yabasebenzi abahambisa iposi (messenger service) ukuthumela imiyalezo engxamisekileyo phakathi kwamacandelo ahluka-hlukeneyo akwaNdlunkulu. Inkonzo yesebe yokuthunyelwa kwembalelwano ekhawulezileyo (departmental expressive service) inokusetyenziswa nayo ukuphumeza le njongo.
3.8 Iindleko zemali yemiyalezo ethunyelwa ngefeksi mazinikwe ingqwalaselo phambi kokuba kunikwe imvume yokuyithumela. (Ixabiso elingumlinganiselo omncinane (unit cost) wemiyalezo yeefeksi libalwa ngendlela ekwenziwa ngayo kwiifoni).
3.9 Le rejista emiselweyo (pro forma register) eqhotyoshelwe apha mayizaliswe licandelo elijongene nokuthunyelwa/nokwamkelwa kweefeksi ukulungiselela iinjongo zeerekhodi, zolawulo nemibuzo. Le rejista mayisoloko ngalo lonke ixesha ifumaneka ukuze ihlolwe ngamacandelwana ophicotho lweencwadi nolawulo lweerekhodi (audit and record management components).
3.10 Zonke iifeksi ezifunyenweyo okanye ezithunyelweyo mazirekhodwe kwi-WCED Issue Management System (IMS) yecandelo elo lichaphazelekayo.
4. Le setyhula ithatha indawo yeNgcaciso eMfutshane yamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 0023/2004 yomhla we-2 Novemba 2004.
5. Nceda wazise okubhalwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
6. Nayiphi na imibuzo emalunga noku kungentla ingabhekiswa kuNks M Fick 021 467 2758 okanye kuNks F Manie 021 467 2756.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:16


Fax message cover (WCED-33):
 
Acrobat Format (ubukhulu: 31 KB);  MSWord Format (ubukhulu: 49 KB);  Save MSWord Format (zip) (ubukhulu: 29 KB)

Fax register:
  Acrobat Format (ubukhulu: 6 KB);  MSWord Format (ubukhulu: 25 KB);  Save MSWord Format (zip) (ubukhulu: 4 KB)