1. INgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke yeMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (National Curriculum Statement (NCS) for Further Education and Training (FET) iya kuqaliswa kuzo zonke izikolo zikarhulumente zeSebe leMfundo leNtshona Koloni nakwezinye izikolo ezibhalisiweyo kwiBakala 10 ngoJanuwari 2006.
2. Ngethuba leeholide zezikolo zikaJuni-Julayi, kwaqhutywa oomasifundisane bokuqhelaniswa nezifundo (orientation workshops) kwizifundo ezilishumi elinethoba.

3. UKUQHELANISWA NEZIFUNDO

Ukuqhelaniswa nezifundo kwezi zifundo zilandelayo kuya kuqhubeka ngeeholide zezikolo ngoSeptemba ukususela kumhla wama-26 - 30 Septemba 2005:

Tourism, Mathematical Literacy, Economics, Computer Applications Technology (CAT), Agricultural Sciences nakwezi zifundo zine zeThekhinoloji (Civil Technology, Electrical Technology, Mechanical Technology, Engineering Graphics and Design).


3.1 Kuphela nje zizikolo ezakwaziyo ukuzingenisa izicelo zazo ngomhla ezazisikelwe wona wokwenza isicelo sokufundisa iziFundo ngezoKhenketho (Tourism) ngo-2006 ezinako ukubhalisa ootitshala kule khosi. Iinqununu ziyabongozwa kakhulu, ukuba zibhalise nje kuphela ootitshala abaza kube befundisa iziFundo ngezoKhenketho kwiBakala 10 ngowe- 2006 kwiseshoni yokuqhelaniswa nezifundo ngoSeptemba.
3.2 Kuya kubakho iintlobo ezimbini zeeprogram abanokukhetha kuzo ootitshala abaya kuba beze kuqhelaniswa nesifundo soLwazi ngeMathematika (Mathematical Literacy). Kukho iprogram yeentsuku ezi-5 neprogram yeentsuku ezi-3. Ootitshala ababeze kwiprogram kaJuni-Julayi yokuqhelaniswa neMathematika (Mathematis) kufuneka babhalisele iprogram yeentsuku ezi-3 yesifundo soLwazi ngeMathematika. Le program yeentsuku ezi-3 iya kugxininisa kucwangciso lwemeko-bume engqonge (context) iNCS. Ootitshala abangazange baye kuyo nayiphi na iprogram yokuqhelaniswa nezifundo yangoJuni-Julayi mababhalisele inkqubo yeentsuku ezi-5.
3.3 Kuya kubakho iintlobo ezimbini zeeprogram abanokukhetha kuzo ootitshala abaya kuba beze kuqhelaniswa nesifundo sezoQoqosho (Economics). Kukho iprogram yeentsuku ezi-5 neprogram yeentsuku ezi-3. Ootitshala ababeze kwiprogram kaJuni-Julayi yokuqhelaniswa nesifundo se-Akhawuntingi (Accounting) okanye iBusiness Economics kufuneka babhalisele iprogram yeentsuku ezi-3 yesifundo sezoQoqosho. Le program yeentsuku ezi-3 iya kugxininisa kucwangciso lwemeko-bume engqonge (context) iNCS. Ootitshala abangazange baye kuyo nayiphi na iprogram yokuqhelaniswa nezifundo yangoJuni-Julayi mababhalisele inkqubo yeentsuku ezi-5.
3.4 IziFundo ezine zeThekhnoloji (Civil Technology, Electrical Technology, Mechanical Technology, Engineering Graphics and Design) ziya kwenzelwa iseshoni yeentsuku ezintathu kuphela, neya kugxininisa kucwangciso lwemeko-bume engqonge iNCS.
3.5 Izifundo zezeNzululwazi kwezoLimo (Agricultural Sciences) ziya kuba neseshoni yokuqhelaniswa nezifundo yeentsuku ezintathu, neya kugxininisa kucwangciso lwemeko-bume engqonge iNCS.
3.6 CAT: Bonke ootitshala mabeze kwiseshoni yeentsuku ezi-5.
3.7 Iiseshoni zokuqhelaniswa nezifundo zeentsuku ezi- 5 ziya kuqala ngoMvulo, umhla we-26 Septemba 2005 ngo-08.30 ukuya kutsho ngolwesiHlanu we-30 Septemba 2005 ngo-15.00.
3.8 Iiseshoni zokuqhelaniswa nezifundo zeentsuku ezi-3 ziya kuqala ngoLwesithathu, umhla we-28 Septemba 2005 ngo-08.30 ukuya kutsho ngolwesiHlanu we-30 Septemba 2005 ngo-15.00.

4. INKQUBO YOBHALISO
4.1 Ifom yobhaliso (isiHlomelo A) mayizaliswe yinqununu yesikolo.
4.2 Ifom yobhaliso ezaliswe ngokupheleleyo, yaze yangqinwa yinqununu yesikolo kwisithuba esishiyelwe oko, mayingeniswe kule dilesi ilandelayo ngolwesiHlanu, umhla we-26 Agasti 2005. Iinqununu ziyabongozwa kakhulu ukuba zincede ziwubambe ngqo lo mhla zingawuphosi konke.
Mnu I Francis
Ifeksi: 021 467 2258
I-imeyili:  ifrancis@pgwc.gov.za
4.3 Zakufika nje iifom zobhaliso, ootitshala baya kwabelwa iindawo abaya kudibanela kuzo baze banikwe ingcaciso ngokufanelekileyo.
4.4 Isetyhula emalunga namalungiselelo okuhamba neenkqubo zokwenziwa kwamabango entlawulo (claims) iya kuthunyelwa xa sele usondele umhla kamasifundisane.
4.5 Uluhlu lokubhalisa lokugqibela luya kwenziwa ngomhla we-26 Agasti 2005 (umhla osikiweyo). Akusayi kubakho bhaliso lwasemva kwexesha luya kwamkeleka. Ngako oko ke iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yazo zonke iinqununu yokufaka kwangoko izicelo zobhaliso zootitshala bazo.

5. Amalungiselelo oomasifundisane bokuqhelaniswa nezifundo
5.1 Zonke izikolo zizifumene iisethi ezine zamaxwebhu eFET NCS amaBakala 10 – 12 (ezifumaneka ngesiNgesi kuphela) ezi zifundo Economics, Computer Applications Technology (CAT), Mathematical Literacy and Tourism. Ootitshala mabafunde iFET NCS yezo zifundo bazifundisayo.
5.2 La alandelayo amaxwebhu makuziwe nawo koomasifundisane bokuqhelaniswa nezifundo:

Subject Information Guidelines kunye neSubject Analysis of New Knowledge, Skills Methodology, IT and Assessment.


5.3 Bayakhuthazwa ootitshala ukuba batyelele iziko lewebhu leFET apha http://curriculum.wcape.school.za (http://curriculum.wcape.school.za) ("Barriers to Learning" > "Resources" > "Grade 10 - 12 Issues" > "National Senior Certificate"), baze bakopele ngekhompyutha (download) uxwebhu olusihloko sithi, The National Senior Certificate: A qualification at level 4 on the National Qualifications Framework (NQF) ukulungiselela aba masifundisane bokuqhelaniswa nezifundo. (or download here)

6. Iiseshoni zokuqhelaniswa nezifundo zezeNkolo (Religious Studies), ziya kwaziswa kamva kwakuba nje kuqosheliswe ukwenziwa kwamaxwebhu achaphazelekayo.

7. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nomququzeleli wephondo we-WCED FET, uMnu T Smit, apha 021 467 2630 okanye nge-imeyili tcessmit@pgwc.gov.za..


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:12

Annexure A  (ubukhulu: 13 KB)
The National Senior Certificate: A qualification at level 4 on the National Qualifications Framework (NQF) (ubukhulu: 100 KB)