ISETYHULA : | 0045/2005 | UMHLA WOKUPHELELWA : | AWUKHO |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUMASEKELA BALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZEZIKOLO ZIKARRHULUMENTE NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO |
ISISHWANKATHELO ESIFUTSHANE: | Isikhokelo sokunceda izikolo ekwenzeni umgaqo-nkqubo womsebenzi wesikolo wasekhaya |
ISIHLOKO: | ISIKHOKELO SEPHONDO SOLAWULO LOMSEBENZI WESIKOLO WASEKHAYA KWIZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO |
1. |
Umsebenzi wesikolo wasekhaya yinxalenye yemisebenzi yesikolo yokufundisa nokufunda kwaye ufuna ulawulwe ngempumelelo ziinqununu, ngootitshala, ngabazali nangabafundi.
|
3. |
Esi sikhokelo siqhotyoshelwe apha senzelwe ukuba sibe sisixhobo solawulo ngempumelelo lomsebenzi wesikolo wasekhaya ezikolweni
|
4. |
Esi sikhokelo sinengcaciso neengcebiso malunga nolawulo lobungakanani kwakunye nobunjani bomsebenzi wesikolo wasekhaya ngokunxulumene nekharityhulam ekhoyo ejolise kwiziphumo.
|
5. |
Esi sikhokelo singasetyenziswa yikomiti yolawulo yesikolo kunye nebhunga lolawulo lesikolo ekwenzeni umgaqo-nkqubo ofanelekileyo womsebenzi wesikolo wasekhaya.
|
6. |
Mazincede Iinqununu zazise bonke ootitshala, amalungu amabhunga olawulo ezikolo, abazali kwakunye nabafundi okubhalwe kule setyhula kwanoko kukwisikhokelo esiqhotyoshelweyo ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:17
Meld asseblief verwysingsnommers in alle korrespondensie / Please quote reference numbers in all correspondence / Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Grand Central Towers, Laer-Parlementstraat, Privaatsak X9114, Kaapstad 8000 Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 WEB: http://wced.wcape.gov.za INBELSENTRUM / CALL CENTRE Indiensneming- en salarisnavrae / Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Veilige Skole / Safe Schools: 0800 45 46 47
|