1. Ukwenzela ukulawula ukusetyenziswa kweeselula (cellphones) zaseburhulumenteni kweli Sebe leMfundo eNtshona Koloni (i-WCED) ngendlela ebhetele nangaphezulu, umgaqo-nkqubo owabhengezwa ngeSetyhula 0090/01 yowe-21 Agasti 2001, uhlaziyiwe.
2. Kwixesha elidlulileyo kuye kwakho iingxaki ngeengxaki, phakathi kwazo, ekukho ezi zilandelayo:
2.1 Abasebenzisi beeselula zaseburhulumenteni kufuneka bangqine ii-akhawunti zenyanga baze bazibuyisele kwiSebe leMfundo eNtshona Koloni ngenjongo yokuba ziphicothwe. Ngamanye amaxesha ezi akhawunti azibuyiswa konke konke nakuba sele zihlawulwe. Ukuba ii-akhawunti azihlawulwa kwangethuba, umboneleli-nkonzo uyazinqumamisa zonke iinkonzo kwi-akhawunti yeSebe i-WCED.
2.2 Abasebenzisi abakuhoyi ukuhlawulela iifoni zabo zabucala (private calls) ngexesha elabelwe oko, kuze oku kudale ukulibaziseka ekulungisweni kwee-akhawunti zigqitywe nokuye kubangele umsebenzi wezolawulo ongeyomfuneko.
2.3 Amagosa adla ngokugqitha kumda oqingqiweyo weefoni zaseburhulumenteni ezenziwa ngeselula kuze oku kubangele ukwanda kwenkcitho yeeselula.
3. Kuye ke ngoko kwacingwa inkqubo eya konga imali nangaphezulu neya kuthi kwakhona ibangele ukuncipha kweengxaki zezolawulo ngenxa yenkqubo enika ubunzima.
4. Emva kokuqwalaselwa kweentlobo ekunokukhethwa kuzo, kuye kwafikelelwa kwisigqibo sokuba ukususela ngoku, amagosa aya kunyanzeleka ukuba asebenzise nokuba yile phakheji i“Talk 240” yakwa-Vodacom okanye i-“ProCall 220” yakwa-MTN. Kuye kwathetha-thethwana ngesaphulelo se-10% (Vodacom) nese-20% (MTN) ngokumalunga nezi phakheji. Ukuba iintloko zee-ofisi zinoluvo lokuba iiphakheji ezihamba nezaphulelo nezibiza bhetele, zikulungela nangaphezulu ukusetyenziswa ngamanye amagosa, zingakuvuma ukusetyenziswa kwazo, ukwenza umzekelo, i“Talk 120” yakwa-Vodacom okanye i-“ProCall 120” yakwa-MTN Kwiimeko apho umda osikiweyo ungangqinelaniyo neemfuno zeemeko zomsebenzi zegosa, uMlawuli-Jikelele unokuthi, akufumana isicelo esixhaswa ngezizathu ezivakalayo, anike imvume yephakheji enesaphulelo ephuculwe nangakumbi (upgraded dicsounted package), umzekelo, i“Talk 500S” (yakwa-Vodacom) okanye i-“ProCall 300” (yakwa-MTN) (jonja kwisihlomelo A).
5. Iimpawu ezijongwayo zokunikwa iselula njengoko zicacisiwe kwiSetyhula 0090/01 yowe-21 Agasti 2001 ziza kuhlala zisebenza. Kodwa ke umnyinyiva we-R30,00 ngeefoni zabucala uyapheliswa njengoko ezi phakheji zicetyiswayo zivumela imizuzu yamahala engasetyenziswa ngamagosa ukwenza iifoni zabucala ezimbalwa ngokuxhomekeka ekubeni ezo foni aziyi kuchaphazela kakubi imisebenzi yaseburhulumenteni yala magosa.
6. Makulandelwa le nkqubo elandelayo ukufumana inkonzo:
6.1 Izicelo zeemvumelwano zeselula ezintsha

Izicelo ezitsha zokusetyenziswa kweeselula kwimicimbi yaseburhulumenteni mazivunywe nguSekela Mlawuli-Jikelele ochaphazelekayo, ize ikopi yeso sicelo sivunyiweyo ingeniswe kwiCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo (Directorate: Logistical Services) ukulungiselela iinjongo zeerekhodi. Kwakuvunywa isicelo segosa, liya kunyanzeleka igosa elo ukuba lingene kwimvumelwano nomnye wababoneleli-nkonzo kwaba babini bavunyiweyo. Ukwenzela ukuba amagosa afaneleke ukufumana isaphulelo (discount/rebate), igosa elichaphazelekayo liya kunikwa ileta nguNdlunkulu. Le leta iya kuthi ke ngoko isiwe komnye wababoneleli-nkonzo kwaba babini bavunyiweyo kuze kwenziwe imvumelwano ngegama legosa elo. Ikopi yemvumelwano esayiniweyo mayingeniswe kwiCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo.

6.2 Ukutshintshelwa kweemvumelwano ezikhoyo emagameni amagosa

Iimvumelwano ezazenziwe liSebe i-WCED egameni lamagosa, ziya kutshitshelwa egameni lelo gosa lichaphazelekayo. Ababoneleli-nkonzo, uVodacom noMTN, bathe akukho ntlawulo-mali iya kubizwa ngokutshitshelwa egameni legosa. Ngaphezulu, ixesha eliseleyo kwimvumelwano aliyi kuchaphazeleka nalo. Njengoko kunjalo kwizicelo ezitsha, liya kunyanzeleka igosa ukuba lisayine imvumelwano nomboneleli-nkonzo. Ikopi yemvumelwano esayiniweyo mayingeniswe kwiCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo.

6.3 Amabango afakwa ngenxa yeefoni zeselula zaseburhulumenteni ezigqithe umda wemizuzu yamahala kwiphakheji

Ezi phakheji, i“Talk 240” yakwa-Vodacom okanye i-“ProCall 220” yakwa-MTN zinika imizuzu yamahala eyi-240 okanye 220 ngokulandelelanayo, nenokusetyenziswa nanini na. Igosa linokufaka ibango lentlawulo ngeefoni zaseburhulumenteni kuphela xa ziye zagqitha kwinani lemizuzu eliqingqiweyo leephakheji ngeephakheji. Akukho mabango entlawulo aya kuqwalaselwa ngenxa yeefoni zabucala ezenziwe emva kokuba kugqithwe kwinani lemizuzu eliqingqiweyo. Amabango ezenziwe emva kokuba kugqithwe kwinani lemizuzu eliqingqiweyo aya kuqwalaselwa kuphela xa umlawuli omkhulu ongoyena usuphavayizayo engqinile ukuba iifoni ezigqithileyo kumda ayizizo ezabucala.

6.4 Ukuphelelwa kwemvumelwano

Yakuphelelwa lixesha imvumelwano yeselula, iselula iba yiprophathi yegosa elo. Ukuba iimeko zomsebenzi wegosa, imisebenzi yalo kunye nemisebenzi emiselwe ukwenziwa ligosa azikatshintshi ngethuba lokuphelelwa lixesha kwemvumelwano, amagosa angazihlaziya iimvumelwano zawo. Iimvumelwano ekufuneka zihlaziywe emva komhla wale Setyhula, kwakunye neemvumelwano ezintsha, mazihlaziywe/mazenziwe ngokwemigaqo yesi sikhokelo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni likhetha ukuba zonke iimvumelwano zeeselula zenziwe no-MTN. Eli Sebe leMfundo liya kuba nako ukuthetha-thethana ngesaphulelo esikhulu nangaphezulu ukuba kusetyenziswa umboneleli-nkonzo omnye.

6.5 Amagosa ashiya inkonzo

Xa igosa lishiya inkonzo, iya kuba luxanduva lwalo buqu i-akhawunti ngokupheleleyo ngelo xesha lemvumelwano lisaseleyo ukususela ngomhla wokuphela kwenkonzo.

6.6 Ilahleko okanye umonakalo

Igosa liya kubamkela ubunini beselula ngokupheleleyo, ngako oko ke luphezu kwalo uxanduva lomngcipheko wokulahleka okanye womonakalo waloo selula kunye nezinto ehamba nazo (accessories).

7. Nayiphi na eminye imibuzo engalo omgaqo-nkqubo weeselula ohlaziyiweyo ingabhekiswa kwaba:
Mnu M De Lange   tel. (021) 467 2797
Mnu D H Rossouw  tel. (021) 467 2793
8. Nceda wazise okubhalwe kule setyhula bonke abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:07:29

Isihlomelo A  (ubukhulu: 14 KB)