1. Oku kulandelayo kubhekiselele kwiSetyhula 0031/2005.
2. Ziyacelwa izikolo ukuba zinike inani labafundi nenani leeklasi elilindelekileyo kwinkalo yesifundo nganye ngo-2006 (umhlathi 6 weSetyhula 0031/2005).
2.1 Inani labafundi xa bebonke kwiBakala 6 ngo-2005 lingaba ngaphantsi kunesiqhelo. Ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho iincwadi zokufunda ezaneleyo kwelona nani likhulu labafundi abangoontanga kule minyaka mithathu ilandelayo, izikolo zingalibala inani lazo labafundi elilindelekileyo ngokususela kwelona nani labafundi likhulu nelona nani leeklasi ezinabafundi abaninzi ababhalisileyo kwiBakala 4, iBakala 5 neBakala 6 ngo-2006.
2.2 Inani labafundi nenani leeklasi elibonelelwa yile projekhthi malibe lelo kunokuqinisekiswa ngalo xa lithelekiswa neenkcukacha-manani zeentsuku ezili-10 ezinikwa zizikolo kwi-EMIS.
3. Umhla wokungeniswa kwezi fom zerikhwizishini usahleli ungowoku-1 Agasti 2005. Ukuba ifom yerikhwizishini yesikolo ingangabinako ukufika kwiSebe i-WCED ngalo mhla, isikolo singayithumela ngefeksi kwenye yezi nombolo zilandelayo: (021) 900 5168 okanye (021) 467 2620. Nangona kunjalo, ukuba isikolo sithumela irikhwzishini yaso ngefeksi, ifom eyintsusa mayiposwe ngoko nangoko, iposelwe kwidilesi eyimfuneko njengoko kucacisiswe kwiSetyhula 0031/2005.
4. Isibonelelo seencwadi zokufunda zoLwimi sisebenza kuphela kuLwimi lokuQala oLongezelelweyo.


ISAYINWE: JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:07:26