1. ISiqendu 38(1)(a) soMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente (Public Finance Management Act,) 1999 sithwesa iGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso-mali uxanduva lolawulo-mali nezinto ezimaziqatshelwe zingabi yingxaki (risks) kwakunye nosetyenziso lwee-asethi ngendlela eyiyo nefanelekileyo. UmMiselo kaNondyebo kaRhulumente 10.1 (Treasury Regulation 10.1) (owakhutshwa ngokweSiqendu 76 soMthetho osel’ uxeliwe) ufuna ukuba iGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso-mali liqinisekise ukuba kukho iinkqubo nemigaqo emiselweyo ukwenzela ukusetyenziswa ngokufanelekileyo, ngendlela eyiyo, enoqoqosho nesemthethweni kwee-asethi zeSebe eli.
2. Ukungqinelana neemfuno zeSiqendu 38 soMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente (PFMA), iSebe i-WCED sele linayo inkqubo yokuthengwa kwempahla karhulumente nolawulo lwee-asethi nebizwa ngokuba yiNkqubo yeGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso-mali (Accounting Officer’s System). ISebe i-WCED kutsha nje likhuphe iSetyhula 0028/2005, yomhla we-23 Meyi 2005 enesihloko esithi- Inventory Control at Head Office and EMDCs, ngako oko ke olu xwebhu ngumgaqo-nkqubo wokugcinwa kweRejista yee-Asethi zeli Sebe leMfundo leNtshona Koloni.
3. Kuza kusetyenziswa ke ngoko ezi nkqubo zilandelayo xa kuthengwa impahla karhulumente naxa kufakelwa izixhobo zekhompyutha nezinye izixhobo ezinxulumene noko.
3.1 IBHAJETHI YESEBE I-WCED YOKUTHENGWA KWEZIXHOBO ZE-IT
3.1.1 Ibhajethi kaNdlunkulu weSebe leMfundo (WCED) neyee-EMDC yokuthengwa kwempahla karhulumente njengangoku luxanduva loMlawuli weeNkozo zeNgcaciso neThekhnoloji nothi, njengomphathi ojongene nebhajethi (responsibility manager), ahlanganise iimfuno ze-IT ukuze azandlale kwiKomiti ye-IT yeSebe ukuba inike iingcebiso (recommendation). Nangona kunjalo, le nkqubo ayinawo amalungiselelo okugcinwa kweRejista yee-Asethi, njengoko izixhobo ze-IT zakwaNdlunkulu nezee-EMDC zithengwa ngendlela yeLOGIS (Logistical Information System) neyenza umsebenzi wokulawulwa kwee-asethi.
3.1.2 Ii-inventri zomphathi ngamnye onoxanduva lokuthengwa kwempahla zikho kwi-LOGIS, into ethetha ukuba nayiphi na intengo yezixhobo ngumphathi onoxanduva irekhodwa ngokuzenzekelayo kwi-inventri nganye, ukususela kwisigaba soku-odola ukuya kwesokuziswa kwempahla. Nangona kunjalo, kwimeko yezixhobo ze-IT, i-inventri yoMlawuli weeNkonzo zeNgcaciso neThekhnoloji imana kufakwa qho into nganye, kodwa oku akuyibonisi eyona ndawo kanye ikuyo impahla leyo. Ngako oko ke la malungiselelo aza kutshintsha.
3.2 UXANDUVA LOKUQULUNQA ISICWANGCISO SOTSHINTSHO SEMINYAKA EMI-3

UMphathi oMkhulu we-ICT (ECAS) weZiko le-Innovation (CEI) uza kuthweswa uxanduva lokuqulunqa umgaqo-nkqubo wokutshintshwa kwendlela yokuthengwa kwempahla kumjikelelo webhajethi ominyaka mi-3 ngokungqinelana nezicwangciso zokuthengwa kwezixhobo zikarhulumente ezifunwa kubaphathi abajongene nalo msebenzi wokuthengwa kwempahla. Umgaqo-nkqubo wotshintsho uya kubonisa ukuba luhlobo luni na lwezixhobo oluya kutshintshwa ngonyaka othile, umzekelo, ii-Pentium 3 desktops ezathengwa ngo-2003 ziya kutshintshwa ngo-2006/2007.

3.3 UKNGENISWA KWEERIKHWIZISHINI

UMlawuli weeNkonzo zeNgcaciso neThekhnoloji, esebenzisana noMphathi oMkhulu we-ICT (ECAS) ngokubonisana namacandelo ngamacandelo, kuza kufuneka ukuba

(a) abhale isicwangciso serikhwizishini esiya kubonisa kanye ncam ukuba zeziphi na izixhobo ze-IT eziza kutshintshwa, kweyiphi indawo yaye izeziphi izixhobo ezitsha eziza kuthengwa. Maziboniswe iinombolo ezizodwa zento nganye etshintshwayo, kwisicwangciso sokuthengwa kwempahla secandelo ngalinye.
(b) angenise iifom zerikhwizishini zeemfuno ze-IT kwiCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo.
(c) abonise ukuba ngaba irikhwizishini yeyezixhobo ezongezelelwayo na okanye ezitshintshwayo kusini na. Ukuba yeyezitshintshwayo, nganye into mayichazwe kakuhle ngokuzeleyo (kuboniswe indawo ekuyo, inombolo eyi-serial nenombolo yebhakhowudi kwisistim ye-inventri esebenza ngekhompyutha).
3.4 UKUZISWA KWEZIXHOBO ZE-IT

Ngokwahlukileyo kwindlela ebe kusenziwa ngayo ngaphambili, izixhobo ze-IT aziyi kusiwa kwistora esikhulu sokugcina impahla e-Ce-I zize emva koko zinikwe amacandelo. Ukususela ngoku izixhobo ziza kusiwa kumlawuli ochaphazelekayo omakathwale uxanduva lokuzigcina ngokukhuselekileyo de ezo zixhobo zifakelwe (installed) ngabasebenzi bakwa-Ce-I zize kwangaxesha-nye zinikwe abasebenzisi (users) abakwelo candelo. Xa kuziswa izixhobo, umlawuli uya kulingqina (certify) inani lezixhobo ezifikileyo kwakunye nemeko yazo. Abathengisi bazibonisa ii-serial numbers kwii-invoyisi (invoices) yaye ezi nombolo mazirekhodwe kwi-LOGIS. Ukuvavanywa kwenkqubo yokusebenza kwekhompyutha (configuration) kuya kwenziwa ngabasebenzi bakwa-Ce-I ngethuba lokufakelwa kwezixhobo. Naluphi na utshintshiselwano ngesixhobo esifika simoshakele, luya kwenziwa ngokwewaranti.

3.5 IINKQUBO ZOKUFAKELWA KWEZIXHOBO ZEKHOMPYUTHA

Zakuba nje zizisiwe izixhobo, uMlawuli makenze amalungiselelo no-Ce-I okuba aze kuzifakela. Isicelo sokufakelwa izixhobo masihambelane neendawo emazibe kuzo ezichaziweyo kwirikhwizishini. Ukuba kukho nasiphi na isitenxo koku, makuzaliswe iifom ezibonisa ukususwa kwezixhobo kwindawo ebezikuyo zisiwe kwenye (movement forms) eziqhotyoshelwe kwiSetyhula 0028/2005. Ikopi yesicelo sokufakelwa izixhobo iya kungeniswa ngu-Ce-I kumphathi wee-asethi zeSebe i-WCED (uMnu D Scholtz), oya kuqinisekisa ukuba lowo umelwe kukufumana izixhobo ezitsha okanye ezitshintshwayo ukuvumile ukufakelwa izixhobo ngokuthi asayine. Umphathi we-asethi uya kukhupha i-VA7 eyiFom yokuKhupha nokuFumana iZixhobo (Issue and Receipt Form) ekufuneka ithi yakufika le fom ingqinwe ngumsebenzisi (user) wezo zixhobo.

3.6 UKULAHLWA KWEZIXHOBO EZINGASENAKUSETYENZISWA
3.6.1 Isicwangciso sokulahlwa kwezixhobo ekuza kufika ezinye endaweni yazo siya kungeniswa kwiCandelo leeNkonzo zeNgcaciso neThekhnoloji, ngoncedo lwe-Ce-I, kunye nerikhwizishini yokubonelelwa ngezixhobo ze-IT njengoko kubonisiwe kumhlathi 3.3 ngentla apha. Isicwangciso sokulahlwa kwezixhobo ezingasenakusetyenziswa masenziwe ngokuthetha-thethana nomlawuli ochaphazelekayo yaye zivunywe ngokweNkqubo yeGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso-mali.
3.6.2 Inkqubo yokulahlwa kwezixhobo ezingasenakusetyenziswa iya kwenziwa ngaxeshanye noku-odolwa kwezixhobo ezingena endaweni yezo zilahlwayo ukwenzela ukuba zithi nje zakufika zifakelwe, zize zibe ziphethiwe iinkqubo zezolawulo (administrative processes) kuze ke kuqaliswe ngale nkqubo yokulahlwa kwezixhobo ezingasenakusetyenziswa ngoko nangoko. Ukulungiselela le njongo, iCandelo leeNkonzo zeNgcaciso neThekhnoloji, ngoncedo lwe-Ce-I nangokuthetha-thethana nomlawuli ochaphazelekayo, kufuneka lingenise ifom yerikhwizishini eyahlukileyo ebhengeza ezo zixhobo zingasafunekiyo. UMphathi wee-Asethi uya kutyumba ibhodi yokulahlwa kwezixhobo ezingasenakusetyenziswa, eyenziwa ngaboLawulo lweTyathanga lokuThengwa kweZixhobo (Supply Chain Management) kunye namagosa e-Ce-I, neya kuthi yenze imisebenzi yayo emiselweyo apho kuloo ndawo izixhobo ezisasetyenziswayo zikuyo lo gama kusalindwe ezo zingena endaweni yezo zilahlwayo.
3.6.3 Intsebenziswano yabaphathi abathweswe uxanduva iya kuqinisekisa ukuba iRejista yee-Asethi ibonisa ubunjalo bemeko ngokubhekiselele kwii-inventri zabo.
4. ISebe i-WCED linyanzekile ukuba lihambe ngqo ngokwemiyalelo kaNondyebo kaRhulumente ngokumalunga nee-inventri, nezifuna ukuba uMphathi wee-Asethi azihlaziye rhoqo ngengcaciso entsha. Siya kuyivuyela kakhulu intsebenziswano yabo bonke abaphathi abathweswe uxanduva lokuthengwa kwezixhobo. Ukuqinisekisa ukulandelwa ngqo kwale migaqo, kuza kufuneka abalawuli abakhulu babonise, njengenye yezona njongo ziphambili zibonakalayo nezinokulinganiswa kwimisebenzi yabo (key measurable objectives), ukurekhodwa kokuhanjiswa kwazo zonke izixhobo ukusuka kwenye indawo ukuya kwenye baze banike ingxelo qho ngoku kuhanjiswa kwezixhobo kwiCandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo ngolu hlobo luchazwe apha ngentla.
5. Nceda wazise okuqulethwe yile setyhula onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:17