1. Uyacelwa kwakhona ukuba unike ingqwalaselo yokwenene nenyanisekileyo kwisicelo sokuba kutyunjwe amagosa okuwongwa ngeli bhaso lilodwa. (Funda iSetyhula 0010/2004 yomhla we-19 Februwari 2004.)
2. Njengoko lilinye qwaba ngenyanga nganye ibhaso elinikwa umqeshwa okanye iqela labaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni liphela, eli bhaso malibe lelomsebenzi oqaqambe ngokwenene. Nangona kunjalo, amava exesha elidlulileyo abonise ukuba kunako ukuba kuthi qho ngenyanga kubekho ubuncinane umntu omnye okanye iqela labantu elinokufumana eli bhaso.
3. Ngenxa yoku kulapha ngasentla, ukutyunjwa komntu/kweqela labantu makunike ubungqina benye okanye bezinye zezi zinto zilandelayo:
  • Ukuphucula, phakathi kwezinye izinto, iindlela zokusebenza (methods), iinkqubo (procedures), izixhobo zomsebenzi kunye/okanye iimeko zomsebenzi

  • Ukuphucula umgangatho weziveliso (products), kunye/okanye wenkonzo

  • Inkonzo eqaqambe ngokukodwa enjengegadi entle kunye namabala esikolo acocekileyo

  • Ukunciphisa iindleko kunye/okanye ukuphelisa inkcitho eninzi ebangela, ukwenza umzekelo, usetyenziso lwezinto zokubhala (stationery), lwestokhwe nempahla

  • Ukuphucula amanyathelo okhuselo nokhuseleko kunye/okanye ukuziphatha

  • Umsebenzi owodwa okanye onzima nobilis’ ibunzi owenziwa, ukongeza kwimisebenzi yesiqhelo eyenziwa ngumntu ochaphazelekayo (ngabantu bachaphazelekayo), ngomxhino nokuzimisela okungaphaya kokuqhelekileyo waza wagqitywa ngempumelelo

  • Naluphi na uphuculo olulolunye, ukonga imali okanye intsebenzo engaphaya kwesiqhelo okanye ukubonelela iinkonzo okungaphaya kokuqhelekileyo

Imizekelo yezizathu ezixhasayo ezifanelekileyo efunyenwe kwixesha elidlulileyo inikwe kwiSihlomelo IX esiqhotyoshelweyo.

4. Imilinganiselo yovavanyo nokuveyisha iimeko
4.1 Kwixa elizayo iimeko mazivavanywe ngokungqinelana nezi nqobo zokugweba (criteria) nokuveyisha ngolu hlobo lulandelayo
  • Ukugqwesa (i-10 lamanqaku)

  • Ixabiso elibonakalayo (i-10 lamanqaku)

  • Inzuzo engqinekayo (i-10 lamanqaku)

  • Umzamo nokuzenza idini (i-10 lamanqaku)

4.2 Amanqaku okugqibela anikwa kususelwa kwinani lilonke elingama-40 amanqaku, yaye elo gosa okanye elo qela malifumane ubuncinane ama-80% (o.k.t. ama-32 kuma-40 amanqaku). Aqhotyoshelwe amaxwebhu amanqaku (Isihlomelo V esibonisa abantu abangabodwa nesihlomelo VI esibonisa amaqela).
5. Njengoko kukhankanyiwe kumhlathi 2, ibhaso likwanokunikwa iqela labaqeshwa.
5.1 Imiqathango yokufaneleka ukuba liqwalaselwe neenqobo zokugweba ekuya kuvavanywa ngazo iqela, azahluke kuyaphi kwezo zisetyenziselwa ukuvavanya umntu omnye. Ukutyunjwa kweqela kwenziwa kwifom emiselweyo (Isihlomelo III), yaye kusetyenziswa imiqathango efana naleyo yokutyunjwa komntu omnye.
5.2 Ukutyunjwa kwamaqela makukhatshwe yinkcazo epheleleyo yemisebenzi (yomntu ngamnye) eyenziweyo ngeli thuba lale nkqubo. Ukulungiselela le njongo makusetyenziswe isihlomelo IV, emasibandakanye, phakathi kwezinye izinto, le ngcaciso ilandelayo:
  • Isishwankathelo somsebenzi owenziweyo okanye seprojekthi eyenziweyo

  • Inkcazo yemisebenzi yaloo magosa athatha inxaxheba kwiprojekthi

  • Uvavanyo okanye ulwabiwo lwamanqaku ngokumalunga negalelo legosa ngalinye kwisiphumo esifunyenweyo

6. Kusebenza oku kulandelayo malunga nokunikwa ibhaso komntu okanye kwamalungu eqela:
  • Ibhaso liya kuba lelohlobo lwesixa-mali esimiselwe yiNtsumpa-Jikelele.

  • Indlela aza kwabelwa ngayo eso sixa-mali amalungu elo qela mayicaciswe kuloo ngxelo ixhasayo.

  • Ibhaso malingaze libe ngaphezulu ngexabiso kumvuzo womntu wenyanga enye oxhuzulelwa ipenshini.

  • Eli bhaso likhutshwa kunye nesatifikethi esisayinwe yiNtsumpa-Jikelele.

7. Ukuze la mabhaso abe nokwabiwa ngokufanayo kubaqeshwa besebe eli, kuza kuhlala kulandelwa umgaqo-nkqubo wokuqwalaselwa kuphela amagama atyunjwe kwisithili esithile kwinyanga nganye. Ukususela ngoJanuwari 2005 kuza kulindelwa amagama abatyunjwa avela kumaZiko ngamaZiko oLawulo noPhuhliso lweMfundo (Education Management and Development Centres - EMDCs), kwizithili zawo nakwaNdlunkulu ngolu hlobo lulandelayo:
Januwari 2005     WEST COAST/WINELANDS 
Februwari 2005    METROPOLE SOUTH 
Matshi 2005       BREEDERIVER/OVERBERG
Apreli 2005       METROPOLE CENTRAL 
Meyi 2005         METROPOLE NORTH
Juni 2005         KWANDLUNKULU
Julayi 2005       SOUTHERN CAPE/KAROO
Agasti 2005       METROPOLE EAST
Septemba 2005     WEST COAST/WINELANDS
Oktobha 2005      METROPOLE SOUTH
Novemba	2005      BREEDERIVER/OVERBERG
Disemba 2005      METROPOLE CENTRAL
8. Njengoko kubaluleke ngokukodwa ukuba amagama abatyunjwa angeniswe kwangoko, niyacelwa kwakhona ukuba niqinisekise ngokuba igama lomtyunjwa wenyanga ethile lifika kule ofisi ungadlulanga umhla we-15 wenyanga engaphambili. Umzekelo, amagama abantu abatyunjelwe uMatshi makafike kule ofisi phambi kwe-15 Februwari. Umhla we-10 wenyanga engaphambi kwaleyo yokunikwa ibhaso mawuthathwe njengomhla wokuvala ukwamkelwa kwamagama.
9. Kucelwa niqaphele ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente (public service personnnel) abaphantsi kwe-EMDC, abakwiziko lemfundo kummandla ophantsi kwe-EMDC okanye kwaNdlunkulu, mabathathelwe ingqalelo ingadlulanga loo nyanga ithile njengoko iboniswe apha ngasentla.
10. Iingxelo ezingabo bantu okanye ezingaloo maqela afunyanwe efanele ukutyunjwa mazingeniswe ngaloo maziko emfundo kwii-EMDC zawo, apho amagama aya kuhluzwa yikomiti phantsi kweliso lomlawuli kunye/okanye lomabhalane oyintloko (administrative head). Kwakubanje kugqityiwe ukwenziwa uhluzo lokuqala, makungeniswe iingxelo ezichongiweyo ezivela kumaziko kwanezo zisuka kubasebenzi abakwii-EMDC, zikhatshwa yingxelo exhasayo yokuba ngubani na okanye liliphi na iqela ekufuneka lifumane eli bhaso, kwi-Ofisini yaBasebenzi kwaNdlunkulu (Personnel Office at Head Office) ngenjongo yokuba kwenziwe uqwalaselo lokugqibela.
11. Ukulungiselela imibuzo engavela kamva, makugcinwe iirekhodi ngeengxoxo eziqhubeka ngexesha lenkqubo yokuhluza okokuqala kwinqanaba le-EMDC okanye lakwaNdlunkulu.
12. Kuqhotyoshelwe la maxwebhu alandelayo nachaphazelekayo kule nkqubo nekufuneka asetyenzisweni kunye/okanye nayo:
  • IsiHlomelo I: Ifomathi ngokumalunga nokutyunjwa komntu omnye

  • IsiHlomelo II: Ifomathi ngokumalunga nenkcazo yomsebenzi womntu ngamnye

  • IsiHlomelo III: Ifomathi ngokumalunga nokutyunjwa kweqela elithile

  • IsiHlomelo IV: Ifomathi ngokumalunga nokutyunjwa kweqela (inkcazo epheleleyo yomsebenzi womntu ngamnye)

  • IsiHlomelo V: Ifomathi ngokumalunga noxwebhu lwamanqaku omntu ngamnye

  • IsiHlomelo VI: Ifomathi ngokumalunga noxwebhu lwamanqaku eqela labantu

  • IsiHlomelo VII: ISiqendu 37(2)(c) soMthetho weNkonzo kaRhulumente wowe-1994, (njengoko ufakelwe izilungiso)

  • IsiHlomelo VIII: Iinkcukacha zabasebenzi abafumana amabhaso kunyaka ophelileyo

  • IsiHlomelo IX: Imizekelo yezizathu ezixhasayo ezifanelekileyo

13. Ayinakugxininiswa ngokwaneleyo into yokuba isenzo eso masibe sesiqaqambe ngokukodwa ngokwenene phambi kokuba umntu okanye iqela libe nokuthathelwa ingqalelo kweli bhaso.
14. Njengoko eli bhaso lisebenza kubo bonke abasebenzi benkonzo karhulumente kuwo onke amanqanaba ezithuba ezingaphantsi kwenqanaba lezolawulo (inqanaba lomvuzo elingu-13), uyacelwa ukuba uncede wazise bonke abasebenzi abakwiziko lakho okanye abakwicandelo lakho okubhalwe kule setyhula.
15. Siya kuyivuyeka kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:04

IsiHlomelo I: Ifomathi ngokumalunga nokutyunjwa komntu omnye  (ubukhulu: 5 KB)
IsiHlomelo II: Ifomathi ngokumalunga nenkcazo yomsebenzi womntu ngamnye  (ubukhulu: 8 KB)
IsiHlomelo III: Ifomathi ngokumalunga nokutyunjwa kweqela elithile  (ubukhulu: 5 KB)
IsiHlomelo IV: Ifomathi ngokumalunga nokutyunjwa kweqela (inkcazo epheleleyo yomsebenzi womntu ngamnye)  (ubukhulu: 4 KB)
IsiHlomelo V: Ifomathi ngokumalunga noxwebhu lwamanqaku omntu ngamnye  (ubukhulu: 5 KB)
IsiHlomelo VI: Ifomathi ngokumalunga noxwebhu lwamanqaku eqela labantu  (ubukhulu: 5 KB)
IsiHlomelo VII: ISiqendu 37(2)(c) soMthetho weNkonzo kaRhulumente wowe-1994, (njengoko ufakelwe izilungiso)  (ubukhulu: 6 KB)
IsiHlomelo VIII: Iinkcukacha zabasebenzi abafumana amabhaso kunyaka ophelileyo  (ubukhulu: 5 KB)
IsiHlomelo IX: Imizekelo yezizathu ezixhasayo ezifanelekileyo  (ubukhulu: 27 KB)