1. Zaziswa izikolo namagosa ngesicwangciso seSebe leMfundo leNtshona Koloni sonxibelelwano ngekhompyutha, ngezintlu zeedilesi zabafumana ii-imeyili nenkqubo yamagosa angoonoposi nge-imeyili nangomgaqo-nkqubo we-imeyili ngezi Setyhula 0045/2001 yowe-15 Meyi 2001, 0155/2001 yowe-23 Novemba 2001, 0132/2002 yowe-15 Octobha 2002  neye-0165/2003 yowe-8 Agasti 2003.
2. Ukulawulwa nokugcinwa kwee-imeyili kuphantsi kwemigqaliselo yoMthetho weNkonzo yee-Akhayivi zeSizwe neeRekhodi waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 43/1996) njengoko ufakelwe izilungiso, kunye nemimiselo epapashwe ngokwalo Mthetho.
3. Inkqubo yamagosa angoonoposi nge-imeyili nomgaqo-nkqubo we-imeyilie okhoyo ngoku zihlaziyiwe yaye umgaqo-sikhokelo oqhotyoshelweyo (IsiHlomelo A) uqala ukusebenza njengangoku. Lo mgaqo-sikhokelo unika ingcebiso noncedo kumagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni ukwenzela ukuba angqinelane nemiqathango esemthethweni ephathelele kwiirekhodi ze-elektronikhi (electronic records).
4. Kungekudala abasebenzisi be-imeyili baza kufumana uluhlu oluneenkcukacha zoqhagamshelwano zakutsha nje zamagosa angoonoposi nge-imeyili eli Sebe leMfundo kunye nemicimbi ekungaqhagamshelwana nawo ngokumalunga nayo.
5. Le Setyhula ithatha indawo yezi Setyhula 0155/2001 yowe-23 Novemba 2001, 0132/2002 yowe-15 Oktobha 2002 neye-0165/2003 yowe-8 Agasti 2003.
6. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.
7. Nayiphi na imibuzo ngokumalunga nokubhalwe kule setyhula mayibhekiswe kwaba:
Ms ME Erasmus - 021 467 2765
Ms M Fick     -	021 467 2758


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:07:13

ISIHLOMELO A: ISIKHOKELO SOMGAQO-NKQUBO WE-I-MEYILI ESIHLAZIYIWEYO  (ubukhulu: 37 KB)