1. Njengoko ixesha lihamba kuye kuvele izithethe ezithi ngoku zamkeleke zisetyenziswe ngokusisiqhelo kwamanye amacandelo/amaziko, kodwa zibe zingalunganga yaye mazilungiswe ukususela ngoku. Le mikhwa igwenxa ibandakanya, phakathi kwezinye izinto, oku kulandelayo:
1.1 Umsebenzi ongaphilanga, kodwa othi asebenze de kubethe intsimbi ye-10:00 ngolo suku aze ahambe emsebenzini engakhange azalise ifom yekhefu yolo suku. Kwakhona kuyenzeka ukuba umntu emke emsebenzini emva nje kwentsimbi ye-10:00 ukuya kwenza imicimbi yakhe engxamisekileyo kodwa angazalisi fom yekhefu. Inkqubo echanekileyo kuzo zombini ezi meko kukuzalisa ifom yekhefu.
1.2 Abanye abasebenzi bayemka emsebenzini ngomhla wokwamkela okanye bakufumana iibhonasi zabo baye ezibhankini okanye baye kuthenga ezivenkileni. Akukho sigunyaziso sikhoyo sokwenza konke oku. Ngumkhwa ogwenxa ekufuneka uphele ukususela ngoku.
1.3 Xa umntu ezisebenzela ngexesha langotshayile elingalawulwayo (voluntary uncontrolled overtime), akanako ukufuna ukuhlawulwa okanye ukukhululwa ukuba ahambe phakathi emsebenzini ixesha elilingana nelo nani leeyure azisebenzileyo. Kwimeko yeeprojekthi ezizodwa, kungafikelelwa kwimvumelwano nabasebenzi kwangaphambili, ukwenza umzekelo, ukuba baza kukukhululwa bahambe phakathi emsebenzini endaweni yokunikwa intlawulo ngelo xesha. Kufuneka oku kwenziwe ngendlela yokuba kube yimvumelwano elandela imigaqo nebhaliweyo. Umntu osebenza ngexesha langotshayile ngokuzenzela, udla ngokukwenza oko ngenxa yokuba engumntu onoxanduva kakhulu ngomsebenzi wakhe yaye akanako ukufuna uhlobo oluthile lwentlawulo emva kokwenza ezo nkonzo.
2. Mayingavunyelwa imikhwa elolu hlobo. Yinto engamkelekanga kwaphela yaye ziyacelwa zonke iisuphavayiza ukuba zincede zihambe ngqo ngokoxanduva lwazo lokuphatha eziluphathisiweyo ngokumalunga noku.
3. Kucelwa wazise bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho okubhalwe kule setyhula ukuze bonke bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:06:20