1. |
NgokweSiqendu 37(1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84/1996) njengoko ufakelwe izilungiso (SASA), ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente kufuneka liseke ingxowa-mali yesikolo lize liyilawule ngokwemigqaliselo ekhutshwe yiNtloko yeSebe leMfundo. Le migqaliselo ikuxwebhu olwakhutshwa njengencwadana yemigaqo (manual) neSetyhula 0039/2000 yomhla wesi-8 Meyi 2000.
|
2. |
Olu xwebhu luqhotyoshelweyo luthatha indawo, ukususela njengoku, yesikhokelo neyona mimiselo isezantsi emalunga nokukhutshwa kweerisithi ezisemthethweni njengoko iqulathwe kwiSahluko C: Banking sale ncwadana yemigaqo ekhankanywe apha ngasentla.
|
3. |
Ukuba iinqununu noosihlalo bamabhunga olawulo ezikolo ezichaphazelekayo bafuna uncedo ngokumalunga nokungqinelana nale migqaliselo ekhankanywe apha ngasentla, bacetyiswa ukuba baqhagamshelana nekomiti ejongene nolawulo olwenziwa zizikolo ngokwazo (school-based management team) kwiZiko loLawulo noPhuhliso lweMfundo (EMDC).
|
4. |
Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:06:06
|