ISETYHULA : | 0029/2005 | UMHLA WOKUPHELELWA : | 2007:03:29 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIINTLOKO, KUBACWANGCISI BEKHARITYHULAM ABAKHULU, KUBACEBISI NGEZE-KHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM BEELWIMI, KWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO ANABAFUNDI ABAKUMABAKALA 7 - 12 NAKWIINTLOKO ZEZIFUNDO ZEELWIMI KUNYE NOOTITSHALA ABAFUNDISA IILWIMI |
ISISHWANKATHELO ESIFUTSHANE: | Le setyhula ihamba kunye noluhlu lokugqibela loncwadi ekucetyiswa ukuba lufundwe kunye neencwadi ezimiselwe ukufundwa zamaBakala 7 – 12 ngo-2006. (Ezizintlu azibandakanyi izintlu zeBakala 10). |
ISIHLOKO: | UNCWADI EKUCETYISWA UKUBA LUFUNDWE KUNYE NEENCWADI EZIMISELWE UKUFUNDWA ZAMABAKALA 7 - 12 NGO-2006 (NGAPHANDLE KWEBAKALA LE-10) |
2. |
Olu luhlu lwenziwe ngohlobo lokuba lunciphise ukuthengwa kweencwadi ezintsha kodwa lukwalungiselela ukuba kuqaliswe iincwadi ezintsha.
|
3. |
Zonke izicelo nezimvo ezivakalisiweyo ziye zaqatshelisiswa kwaza, apho kufanelekileyo, kwafakelwa izilungiso kuluhlu lokubambisa (provisional list).
|
4. |
Eli Sebe livakalisa umbulelo walo kubo bonke abo baye benza igalelo ngokumalunga nokwenziwa kolu luhlu. Likwathi maz’ enethole ngokukodwa kwiiKomiti zeeNcwadi eziMiselweyo. |
ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:06:06
Meld asseblief verwysingsnommers in alle korrespondensie / Please quote reference numbers in all correspondence / Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Grand Central Towers, Laer-Parlementstraat, Privaatsak X9114, Kaapstad 8000 Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 WEB: http://wced.wcape.gov.za INBELSENTRUM / CALL CENTRE Indiensneming- en salarisnavrae / Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Veilige Skole / Safe Schools: 0800 45 46 47
|