1. NgokweSiqendu 38(1)(d) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, (uMthetho 1/ 1999) Public Finance Management Act (Act 1/1999) kunye nomhlathi 10.1 weMimiselo kaNondyebo kaZwelonke (National Treasury Regulations), luxanduva lwegosa elimele ukuphendula ngemicimbi yemali (accounting officer) yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuqinisekisa ukuba kukho inkqubo esetyenziswayo yokuthengwa kweempahla eyenziwa ngendlela efanelekileyo, eyenzelwa ekuhleni, ekukhutshiswana ngamaxabiso nenoqoqosho. Ukongeza makugcinwe irekhodi ebanzi neyenziwe ngenyameko enkulu yazo zonke izinto ezibalwayo zoDidi A (umz. iitafile, izitulo, iikhompyutha, oomashini bokufotokopa, oomashini bokufeksa nezinye izixhobo zokunciphisa umsebenzi) ezizezeSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2. U-Combined Systems, umboneleli-nkonzo wabucala, wenza i-inventri eyahlukileyo esebenza ngekhompyutha yazo zonke izixhobo zekhompyutha ezikwaNdlunkulu nakwi-EMDC nganye. Ngasinye isixhobo sekhompyutha (ngaphandle kwee-keyboard nee-mouse ezithathwa ngokuba zizinto emazithengwe kwimali yezinto zemihla ngemihla (consumable goods) yaye kunokuthengwa ezinye endaweni yezonakeleyo kwakubakho imfuneko yoko) safakwa ilebhile esisitikha esinebhakhowudi nekwabonisa i-ofisi esinokufumaneka kuyo. Ezi iinventri zikhankanywe apha ngaphambili zigcinwe kwiprogram yekhompyutha i-BAUD. Malurekhodwe kule i-inventri naluphi na utshintsho olwenziwa kuzo zonke izixhobo ze-IT olunjengokususwa zisiwe kwenye indawo, kuthengwe ezinye endaweni yezonakeleyo, zinikezelwe kwabanye abantu, ezingenakuphinde zisetyenziswe (writing offs) njl. njl. Ngako oko ke bayacelwa abaphathi abajongene nalo msebenzi (o.k.t. abalawuli abakwii-EMDC nakwaNdlunkulu) ukuba bancede baqinisekise ngokuba naluphi na utshintsho kwii-inventri ze-IT zabo luyaxelwa qho ngenyanga, ngaphambi komhla we-7 wenyanga entsha, kwiCandelo loLawulo lwee-Asethi (Asset Management Division) (ukuba luqwalaselwe nguMnu DT Scholtz (For attention: Mr DT Scholtz )) kwaNdlunkulu.
3. ICandelo lezaMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo nalo ngoku lenze ii-inventri ezisebenza ngekhompyutha zefanitshala nezixhobo ezisetyenziswayo ze-ofisi nganye kwiLogis ukulungiselela ii-EMDC kunye namaziko aqhagamshelwe kwii-EMDC laza lalungisa ii-inventri ukulungiselela abaphathi abajongene nalo msebenzi kwaNdlunkulu.
4. Makusetyenziswe le nkqubo ilandelayo ukuqinisekisa ukuba ii-inventri ezikwiLogis zisoloko zihlaziywa qho.
4.1 Bayacelwa abaphathi abajongene nalo msebenzi ukuba batyumbe umntu oza/abantu abaza kujongana nomsebenzi wokulawula ii-asethi zecandelo/ze-ofisi echaphazelekayo (Appointment letter attached). Loo mntu (abo bantu) makatyunjwe ngencwadi ebhaliweyo yaye mayicaciswe gca imisebenzi yakhe nayo ibhalwe phantsi (kuqhotyoshelwe apha uxwebhu lwemisebenzi yeGosa eliLawula ii-Asethi ngenjongo yokuba ulusebenzise). Amagama abantu abatyunjiweyo makathunyelwe kuMnu DT Scholtz kule dilesi ilandelayo ngaphambi kowe-3 Juni 2005:
Room 609 6th Floor
Grand Central Towers
Cape Town
4.2 Yonke ifanitshala nezixhobo ezisetyenziswayo mazithengwe ngokuthi ziqale zifakwe kwiLogis. Okwangoku ii-EMDC azikwazi kufikelela kwiLogis yaye ukususela kumhla woku-1 Apreli 2005, zonke izinto ezithengwayo mazidlule kuqala kwaNdlunkulu kungakhathaliseki nokuba lingakanani na ixabiso lezo zinto zithengwayo. UNdlunkulu uza kuthi alungise ii-inventri ngokuzenzekela kumatshini aze athumele i-inventri ehlaziyiweyo kwii-EMDC qho ngekota.
4.3 Abaphathi abajongene nomsebenzi wokuthengwa kweempahla mabaqinisekise ukuba kubhalwa kumaxwebhu okuthenga iimpahla (requisitions) iinombolo ze-inventri ezichanekileyo ze-ofisi apho ezo zinto zithengiweyo ziza kusetyenziswa khona. Apho ku-odolwe ngaphezu kwento enye, abaphathi abajongene nomsebenzi wokuthengwa kweempahla mababonise ukuba nganye yezo zinto zithengiweyo iza kusetyenziswa kweyiphi na i-ofisi.
4.4 Xa kususwa iimpahla zisiwa kwenye indawo makuzaliswe zonke iinkcukacha ngokufanelekileyo kule fom eqhotyoshelweyo njengeSihlomelo A (Isicelo sokutshintshela kwenye indawo iimpahla ezikwi-inventri) ize isayinwe ibe sele ithunyelwa kwiCandelo loLawulo lwee-Asethi (ukuba iqwalaselwe nguMnu DT Scholtz) kwaNdlunkulu.
4.5 Ukuba kukho nantoni na esafunekayo okanye engeyomfuneko/eyonakeleyo, makwaziswe icandelo elilawula ii-asethi elichaphazelekayo ngale fom eqhotyoshelweyo njengeSihlomelo B (Ukuxelwa kwezinto ezingaphezu kwemfuneko (surpluses) nezisafunekayo (shortages)). Igosa (amagosa) elilawula ii-asethi liya kulandela iinkqubo eziyimfuneko lize linike ifom ezaliswe zonke iinkcukacha ngokufanelekileyo yaza yasayinwa iCandelo loLawulo lwee-Asethi (ukuba iqwalaselwe nguMnu DT Scholtz) kwaNdlunkulu. Akukho nanye into (izinto) engasenakulungiseka/engasasetyenziswayo emayishiywe nje epasejini okanye kufuphi neelifti. Kwimeko ezinjalo makwenziwe isaziso sento engeyomfuneko (notice of redundancy) malunga naloo mpahla nemasikhatshwe yile fom PGWC 002 ezaliswe zonke iinkcukacha, ukwenzela ukuba loo mpahla (ezo mpahla) ichaphazelekayo ibe nokususwa.
4.6 Ii-inventri ezihlaziyiweyo eziza kuthunyelwa qho ngekota nguNdlunkulu mazisayinwe ngokufanelekileyo yintloko ye-ofisi (ngabalawuli kwii-EMDC nangabaphathi abajongene nalo msebenzi kwaNdlunkulu) nekungumsebenzi wayo ukujongana nefanitshala nezixhobo ezisetyenziswayo kwi-ofisi echaphazelekayo. Ii-inventri ezihlaziyiweyo mazixhonywe emva kocango lwe-ofisi echaphazelekayo.
5. Ukwenzela ukukhanyisela amagosa ajongene nolawulo lwee-asethi ngomsebenzi wawo, kuya kubakho iseshoni yengcaciso kwaNdlunkulu ngoLwesihlanu we-10 Juni 2005. Ezinye iinkcukacha ngokumalunga noku ziza kuthunyelwa kamva.
6. Bayacelwa abaphathi abajongene nokuthengwa nolawulo lweempahla (responsibility managers) ukuba bazise bonke abasebenzi okubhalwe kule setyhula. Ncedani niqaphele ukuba le ngcaciso ikhankanywe apha ngasentla mayifundwe kunye nale Setyhula 0164/2002 (Circular 0164/2002) yomhla wama-20 Disemba 2002 kunye nale Setyhula yeThutyana LS 0005/2002 (Circular Minute LS 0005/2002) yomhla we-18 Apreli 2002.
7. Nayiphi na imibuzo emalunga nokubhalwe kule setyhula mayibhekiswe kwaba bantu balandelayo:
Mnu DT Scholtz 021 467 2799
Mnu D Jacobs   021 467 2012


ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:23

Letter of appointment  (ubukhulu: 46 KB)
Annexure A  (ubukhulu: 6 KB)
Annexure B  (ubukhulu: 6 KB)