1. Ukukhethwa kwezifundo zizikolo eziza kuzifundisa kwicandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training (FET) band) ukususela ku-2006 njengangoku ngumcimbi ongxamisekileyo njengoko kufuneka abafundi bakhethe izifundo zango-2006 ukulungiselela uku-odolwa kweencwadi nezinto zokuxhasa ukufunda ezifanelekileyo (learning and support material) ukususela kumhla woku-1 Agasti 2005 (funda iNgcaciso eMfutshane yeCandelo lezoPhuhliso lweKharityhulam 22/2005 (Curriculum Minute 22/2005) neNgcaciso eMfutshane yeCandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 10/2005 (Logistical Service Minute 10/2005). Kwakhona ootitshala baza kuya kwiikhosi zokubaqhelanisa nezifundo ezisusela kwizifundo ze-FET eziza kufundiswa sisikolo sabo.
2. Kufanele ukuba ngoku zonke izikolo sezisenzile isigqibo, ngentsebenziswano namabhunga olawulo ezikolweni, ootitshala nee-EMDC, ngokumalunga nezifundo kunye nezifundo ezihamba kunye ezinqwenela ukuzifundisa kwicandelo leFET ukususela ngo-2006.
3. Makufunyanwe imvume esemthethweni yezi zifundo zihamba kunye kwiNtloko yeSebe leMfundo. Kwakhona iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kusebenzisa le nkqubo ukuvelisa iziko ledatha lezifundo ezifundiswa zizikolo kwicandelo leFET ukwenzela ukwenza lula ucwangciso nezicelo zexesha elizayo zofakelo-zilungiso okanye zokwandisa ikharityhulam.
4. INgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (The National Curriculum Statement), ebonisa izifundo ezikhoyo, yafakwa kwigazethi ngo-Oktobha 2003. Ukongeza, sele kubhalwe iingcaciso zezi zifundo Civic Technology, iZifundo ngezeeNkolo (Religion Studies) nezifundo ezibini zolimo ezongezelelweyo (funda iNgcaciso eMfutshane yeCandelo lezoPhuhliso lweKharityhulam 0070/2004) (Curriculum Minute 0070/2004).
5. Ukuba isikolo sinqwenela ukufundisa nasiphi na esinye sezifundo ezongezelelweyo ezidweliswe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo lezoPhuhliso lweKharityhulam 0070/2004 (Curriculum Minute 0070/2004), okanye naziphi na ezinye izifundo zethekhinoloji ezafakwa kwigazethi ngo-2003, kufuneka sibonise ezi zifundo kwifom eqhotyoshelweyo. Kuya kuqhagamshelwana ngqo nesikolo eso ngamagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni yakuba nje imeko ngezi zifundo icacisiwe.
6. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo zize ziyibuyisele kuMlawuli we-EMDC (EMDC Director) phambi komhla wama-31 Meyi 2005. Izicelo ezifike emva kwalo mhla azinako ukuba zingenziwa kwangethuba ukulungiselela unyaka wesikolo u-2006.
7. ABalawuli bee-EMDC baza kuphonononga ukhetho lwezifundo zesikolo ngasinye ngokunxulumene nezinye izikolo ezikuloo mmandla baze banike iingcebiso kwiNtloko yeSebe leMfundo. Ezi fom mazithunyelwe kuMlawuli oyiNtloko kwii-EMDC phambi komhla wama-20 Juni 2005.
8. Ikharityhulam yesikolo evunywe yiNtloko yeSebe leMfundo iya kuhlala iyikharityhulam esemthethweni ye-FET side isikolo senze isicelo sokwandiswa okanye ufakelo-zilungiso kwikharityhulam yaso. Iifom zezicelo zokwandiswa (additions) okanye zokutshintsha ikharityhulam yesikolo ziya kuthunyelwa ezikolweni zihamba kunye nesetyhula kwikota yesine yalo nyaka.
9. Kuya kuthakazelelwa kakhulu ukuwuthathela ingqalelo ngokukhawuleza lo mcimbi obaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:13

Annexure A  (ubukhulu: 10 KB)